Ekuqapheleni iimfuno zokwenziwa kwenkonzo yeSebe leMfundo, ngokunjalo nezoluntu kwanezabasebenzisi beenkonzo, ndiyavuya ukwazisa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lisebenzisa umgaqo-nkqubo omalunga nokusebenza iiyure zomsebenzi ezahlukileyo (staggered working hours). Ukusebenza iiyure zomsebenzi ezahlukileyo kuthetha ukuba umsebenzi angathetha-thethana nesuphavayiza yakhe ngeeyure zomsebenzi lo gama asasebenza iiyure eziyi-40 zomsebenzi zeveki. Lo mgaqo-nkqubo wenzelwe ikakhulu ukunika inkxaso abasebenzi abathi, ngenxa yeemeko ezithile ezibachaphazelayo, bakufumane kunzima ukusebenzisa mbo iiyure ezimiselweyo okanye iiyure zomsebenzi, oko kukuthi, u-7:30 – 16:00 yonke imihla.

Lo mgaqo-nkqubo unika ithuba abasebenzi base-ofisini beSebe iWCED abasebenza ngeeyure zomsebenzi eziqhelekileyo ukuba bavunyelwe ukusebenzisa iiyure zomsebenzi ezahlukileyo ukususela ngowe-1 Apreli 2013 ngokuhambelanayo nale migqaliselo nemimiselo elandelayo:

  1. ixesha lokuqala umsebenzi malingabikho phambi ko-7:00 lize lona ixesha lokutshayisa lingabikho semva ko-16:30;

  2. ixesha lokuba semsebenzini (core time) limiselwe u-08:00 de kube ngo-15:30 (iiyure eziyi-7½). Kufuneka ukuba ngeli xesha lokuba semsebenzini bonke abasebenzi babe semsebenzini, lingafakwanga ikhefu lelantshi;

  3. makubekho ikhefu lelantshi lemizuzu eyi-30 ukusuka ku-12:30 – 13:00 okanye ku-13:30, lingqinelane netotali yeeyure eziyi-8 (lingafakwanga ikhefu lelantshi) ezisetyenzwayo yonke imihla;

  4. iiyure zomsebenzi eziqhelekileyo zeSebe leMfundo zisahleli zingu-07:30 – 16:00 lize ixesha lelantshi lisusele ku-12:30 – 13:00. Nakuphi ukwahluka kula malungiselelo, kuya kunyanzela abasebenzi ukuba benze amalungiselelo ngokuzalisa le fom eqhotyoshelweyo apha (isiHlomelo A);

  5. igunya lokuvuma izicelo zabasebenzi ngabanye zokwahluka kwiiyure zomsebenzi eziqhelekileyo, lidluliselwe kuBalawuli bamacandelo ahluka-hlukeneyo kwiSebe leMfundo;

  6. amaxesha omsebenzi ekuvunyelwene ngawo aya kuhlala esebenza kude kufumaneke imvume yokutshintsha emva kwexesha lobuncinane beenyanga eziyi-6;

  7. imimiselo enxulumene ne-ovathayim iya kuhlala ingatshintshwanga. Oku kuthetha ukuba ixesha le-ovathayim liya kuqala ngoko nangoko emva kokuba kugqitywe inkonzo yeeyure eziyi-8 ngosuku lweveki;

  8. iikopi zeefom apho ukwahluka kwiiyure zesiqhelo kuvunyiweyo, mazingeniswe kwiCandelo loLawulo lezaBasebenzi (abaqeshwe eMaphandleni nabaqeshwe ezi-Ofisini) ukwenzela iinjongo zokurekhoda;

  9. abasebenzi mabaqinisekise ukuba baswayipha amakhadi abo okungena (access cards) xa bengena kwisakhiwo ukuqala umsebenzi nokuswayipha kwakhona xa bephuma kwisakhiwo ngexesha lokutshayisa.

Kucelwa abasebenzi baqinisekise ukuba bahambelana mbo neeyure zomsebenzi ezivunyiweyo.



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:05:02

isiHlomelo A  (ubukhulu: 25 KB)