1. Ngo-2014 amaxwebhu eeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) aya kuphunyezwa kwiSigaba saBadala (kumaBakala 7, 8 no-9) nakwiBakala 12.
2. Ukwenzela ukunika inkxaso ukuphunyezwa kweCAPS, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kunika bonke abafundi iincwadi zezifundo ezingqinelaniswe neCAPS kwezi zifundo zilandelayo,

  • AmaBakala 7, 8 no-9: ULwimi lweeNkobe, uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, iMathematika, uLwazi ngezoBomi, iiSayensi zezeNtlalo, iiSayensi zeNdalo, ezobuGcisa kwi-Creative Arts, ii-Technology and Economic Management Sciences
  • IBakala 12: ULwimi lweeNkobe, uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, iMathematika /uLwazi lweMathematika, uLwazi ngezoBomi nezinye izifundo ezithathu ezikhethiweyo.

Ziya kucelwa izikolo ukuba zithenge izikhokelo zootitshala kwisabelo-mali sazo esikhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali.

3. Iikhathalogu zikazwelonke zeencwadi zezifundo zeCAPS ezivunyiweyo zamaBakala 7, 8, 9 no-12, ezikhutshwe liSebe leMfundo esiSiseko, ziya kwenziwa zifumaneke kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-15 Apreli 2013.
4. Imiboniso yeencwadi zezifundo zeCAPS iya kwenziwa kwiindawo ezikwizithili zemfundo ngoMeyi 2013, apho ziya kuboniswa khona zonke iincwadi zezifundo zeCAPS zamaBakala 7, 8, 9 no-12 nezikhokelo zootitshala ezidweliswe kwiikhathalogu zikazwelonke, ukwenzela ukuba nizifunde ngenyameko. Kuya kunikwa ingcaciso ebalulekileyo ukwenzela ukuba izikolo zikhethe iincwadi zezifundo zinolwazi. Ziya kwaziswa izikolo ngeendawo neeprogram zemiboniso ngo-Apreli 2013.
5. Izikolo ziya ku-odola iincwadi zezifundo zazo ezizikhethileyo zamaBakala 7, 8, no-9 nezeBakala 12 ngefasilithi yoku-odola yeCAPS kwiCEMIS ngoJuni 2013. Imihla yokuvalwa kokufakwa kwezi odolo zeencwadi zezifundo kwiCEMIS iya kuqinisekiswa ngoMeyi 2013.
6. ISebe iWCED liya kuzithenga iincwadi zezifundo zeCAPS egameni lezikolo zikarhulumente
7. Kufuneka izikolo zihlaziye yaye zingqinisise amanani obhaliso abafundi ngokwebakala ngalinye, ngokwesifundo ngasinye nangokolwimi ngalunye (uLwimi lweeNkobe noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo) kwiCEMIS.
8. ISebe iWCED liya kusebenzisa amanani obhaliso akhoyo ngoku kumaBakala 7, 8, 9 no-12, liwasebenzise kwakunye nereyithi yokupasa yeminyaka yangaphambili neethagethi ezimiselwe sisikolo, ukuqingqa ubungakanani beencwadi zezifundo zeCAPS ezinoku-odolwa ngebakala ngalinye nangokwesikolo ngasinye.
9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:03:14