Ukungeniswa kweefom zamabango (claim forms)
Isixa sokuqala senkxaso-mali siya kuhlawulwa ngo-Apreli, size esesibini sihlawulwe ngo-Oktobha.
Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neentloko zezikolo ezizimeleyo ukuba iifom zamabango enkxaso-mali yeBakala R (IziHlomelo A, B, C no-D) mazizaliswe ngokuchanekileyo yaye zisayinwe phambi kokuba zingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo. Makungeniswe kwakhona iikopi zeerejista zokuhamba isikolo (attendance registers), ingxelo yeCEMIS, iipeyisliphu, iirisithi ze-LTSM nobungqina bentlawulo eyinxenye ehlawulweyo kwiinkonzo zosetyenziso lombane, lwamanzi njl.njl.
Iifom ezingazaliswanga ngokupheleleyo (okanye iifom ezingeniswe ngqo kwaNdlunkulu) ziya kubuyiswa, yaye oko kuya kukhokelela ekulibazisekeni kwenkqubo yokuvunywa kwazo nokuhlawulwa kwamabango.
Izicelo zenkxaso-mali yekota zika-2013-2014 mazingeniswe kwii-ofisi zezithili zemfundo kwezo ndawo zikuzo izikolo ngale mihla ilandelayo:
Ikota yesikolo |
Umhla wokungeniswa kwezicelo |
Ezekota yokuqala 2013 |
15 Februwari 2013 |
Ezekota yeSibini 2013 |
10 Meyi 2013 |
Ezekota yesithathu 2013 |
9 Agasti 2013 |
Ezekota yesine 2013 |
25 Oktobha 2013 |
Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezizimeleyo ezingaphumeleliyo ukulandela ngqo le mihla ichazwe apha ngentla, ziya kuba zizifaka engxakini yokuphulukana nale nkxaso-mali.
Izikolo ezifuna uncedo malunga nokuzaliswa kweefom zamabango enkxaso-mali maziqhagamshelane nomphathi weze-IMG we-ECD okwi-ofisi yesithili semfundo sazo.
|