1. Le setyhula yazisa iinqununu zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) namagosa ezithili zemfundo ngenkqubo yobhaliso lwabafundi ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2014. Ichaphazela ikakhulu abantwana abangena esikolweni okokuqala ngqa, abo baqala ukungena kwisikolo esiphakamileyo kunye nabo batshintsha isikolo.

2. Mayifundwe le setyhula kunye noMgaqo-nkqubo woLawulo loKwamkelwa nokuBhaliswa kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo weSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED)'s Policy for the Management of Admission and Registration of Learners at Ordinary Public Schools), noqaliswe ukuphunyezwa ukususela nge-1 Januwari 2011. (Funda iSetyhula 0026/2010.)

3. Ziyacelwa izikolo ukuba zahlukane nezenzo ezingekho mthethweni zokunyasha amalungelo angundoqo omfundi okufumana imfundo (infringe on the learner's basic rights to education), njengoko ecacisiwe kuMgaqo-siseko, kuMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika nakulo mgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi ukhankanywe apha ngentla.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liluthatha ubhaliso kwangoko njengeprayorithi eyintsika yokuqalisa unyaka wesikolo oyimpumelelo kumsebenzi wokufundisa nokufunda. Ukusetyenziswa ngokupheleleyo nangeyona ndlela enenzuzo enkulu kwexesha lokufundisa kunyaka wokufunda kuyimfuneko ukwenzela ukuphucula indlela umfundi aqhuba ngayo yaye kubalulekile ukuba abantwana babhaliswe kwangoko kakhulu ngaphambi kokuphela kuka-2013.

5. Bayakhunjuzwa abazali nabagcini babantwana ngoxanduva lwabo nangamalungelo abo ngokumalunga nokubhaliswa kwabantwana babo ezikolweni:
5.1 Luxanduva lwabazali nabagcini babantwana ukubhalisa abantwana ukulungiselela unyaka wesikolo olandelayo ukuba baza kungena kwiBakala 1, okanye baza kutshintsha isikolo (njengokungena kwiBakala 8 okanye 9) okanye bafudukela kwenye indawo ekummandla omtsha (new geographical area).
5.2 Abazali nabagcini babantwana mabawuqonde umahluko phakathi komntwana "obhalisiweyo" nomntwana ofakwe "kuluhlu lokulinda". Ukuba kuluhlu lokulinda akuyongqinisekiso yokuba umfundi uya kwamkelwa kweso sikolo.
5.3 NgokweSiqendu 3(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act, (Act 84 of 1996)), ukuhamba isikolo kunyanzelekile kubo bonke abantwana ukuqalela kusuku lwesikolo lokuqala lonyaka apho umfundi aza kuba neminyaka esixhenxe yobudala.
5.4 Isiqendu 5(4) salo Mthetho simisela ukuba ubudala bokwamkelwa komfundi kwisikolo sikarhulumente

  1. kwiBakala R yiminyaka emine xa eza kugqiba iminyaka emihlanu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe, yaye

  2. kwiBakala 1 yiminyaka emihlanu xa eza kugqiba iminyaka emithandathu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe.

Obu bobona budala BUSEZANTSI ekungavunywa ngabo ukwamkelwa, kodwa oko kuxhomekeke ekubeni ukukhula komntwana kukulungele na ukwamkelwa kwakhe esikolweni.

5.5 Abazali nabagcini babantwana mabaqale kuqala bathethe ngqo nesikolo abanqwenela ukumbhalisa kuso umntwana wabo. Kodwa ke, ukuba bafumana ingxaki ekubhaliseni umntwana wabo bambhalisele u-2014, bangaqhagamshelana ne-ofisi yesithili semfundo saloo ndawo yabo bacele uncedo besebenzisa inombolo yefoni efanelekileyo apha ngezantsi:

ISithili seMfundo Inombolo yeFoni
Metro Central 021 514 6700
Metro South 021 370 2000
Metro North 021 938 3000
Metro East 021 900 7000
Overberg 028 214 7300
Cape Winelands 023 348 4600
West Coast 021 860 1207
Eden & Central Karoo 044 803 8300
5.6 Kuthathwa ngokuba umfundi obhalise esikolweni njengangoku uya kuqhubeka kweso sikolo ade afikelele kwibakala lokuphuma apho kuso (exit grade). Ezinye izikolo zifuna abazali baqinisekise ukuba umfundi uya kuba kweso sikolo nakunyaka olandelayo. Kwimeko enjengale, inqununu yesikolo neSGB mabachazele abazali ngalo mqathango.

6. Iinqununu neeSGBs mazazise abazali kunye/okanye abagcini babantwana ukuba ubhaliso lokulungiselela u-2014 lunezigaba ezibini:

Isigaba 1 1 Matshi ukuya kwi- 21 Juni Iimpendulo ezibhaliweyo eziya kubazali ungadlulanga owe-28 Juni
Isigaba 2 16 Julayi ukuya kwi-6 Septemba Iimpendulo ezibhaliweyo eziya kubazali ungadlulanga owe-11 Oktobha

Qaphela: Ezinye izikolo zinokukhetha ukuyiqala kwangoko le nkqubo.


7. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba mazibe seziziphendule zonke izicelo zesigaba sokuqala ungadlulanga owe-28 Juni 2013, ukwenzela ukuba abazali nabagcini babantwana babe nexesha elaneleyo lokukhangela ezinye izikolo ezisenezithuba zokubhalisa abantwana babo.

8. Ziyacelwa iinqununu neeSGBs ukuba zazise okuqulethwe kule setyhula bonke ootitshala, abazali nabagcini babantwana ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:03:01

"South African Schools Act (Act 84 of 1994)"  (ubukhulu: 86 KB)