1. |
UMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke ufakele izilungiso kumhlathi 145 weMimiselo neMigangatho yokuXhaswa kweZikolo ngeMali kaZwelonke (National Norms and Standards for School Funding) ukulungiselela
- ukuvunywa kwemibutho ejoyinwa ngokuzithandela (voluntary associations) emele amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) ezikolo zikarhulumente;
- iintlawulo eziya kwimirhumo yobulungu ehlawulwa ziiSGB kwimibutho ejoyinwa ngokuzithandela yeeSGB; kunye
- nokuxhaswa ngemali kwemibutho yeSGB eyaziwayo ukulungiselela injongo yokuqhuba uqeqesho.
|
3. |
Ngokomhlathi 145B womgaqo-nkqubo ofakelwe izilungiso, iiSGB ezingamalungu okanye eziba ngamalungu abhalisiweyo ombutho weeSGB ojoyinwa ngokuzithandela owaziwayo ziya kuthi, ukususela ngomhla wokusebenza kwalo mgaqo-nkqubo, zibe selungelweni lokuhlawula imirhumo yonyaka yobulungu bombutho weSGB ezingamalungu awo. |
3.1 |
Apha ngasezantsi kufumaneka ilisti yemibutho yeeSGB ekhoyo neenkcukacha zoqhagamshelwano zayo. Amabhunga olawulo ezikolo angekabi yinxenye yale mibutho nanqwenela ukuba ngamalungu, anokuqhagamshelana nawo nawuphi na umbutho kule, ukufumana ingcaciso engaphezulu.
|
3.2 |
Intlawulo yomrhumo wobulungu akukho mfuneko yokuba ibe ngumrhumo wobulungu wonyaka opheleleyo yaye ingasayi kudlula ibe ngaphaya komrhumo wobulungu opheleleyo. Iintlawulo ziya kubalwa njengoko kuchaziweyo kumhlathi 145B(c) wezilungiso ezifakelweyo yaye ukuhlawulwa kwemali kuya kwenziwa ngokungqinelanayo nomhlathi 145B(e). |
3.3 |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ngoku lilungisa isistim esekhompyutheni apho amalungu eeSGB anokungenisa khona amabango awo eentlawulo zemirhumo yobulungu kwisebe kwaye neentlawulo zinokwenziwa ezikolweni okanye kwimibutho yeeSGB liSebe iWCED. Ingcaciso engaphezulu malunga noku iya kuthunyelwa ekuhambeni kwexesha. |
4. |
Ngokomhlathi 145C walo mgaqo-nkqubo, iimali zinokufumaneka phantsi kwemiqathango ethile kwimibutho yeeSGB eyaziwayo enqwenela ukuqeqesha amalungu eSGB okanye amaqela eeSGB ukwenzela ukuba kuphuculwe ukusebenza kwawo. Qaphela ukuba, nakuba kunjalo, uqeqesho olwenziwa yimibutho yeeSGB aluyisayi kuthatha indawo yoqeqesho olwenziwa lisebe, yaye intsebenziswano yeeSGB ngokumalunga noku ibalulekile. |
5. |
Kucelwa wazise le ngcaciso ingasentla kuwo onke amalungu eSGB ukuze ayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:02:04
|
|