1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngonyaka ka-2011.
2. Iisetyhula zeSebe iWCED zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili. Ukuba ezi setyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, iikopi zazo ezingamaphepha zenziwa zifumaneke.
3. Izikolo, amaziko kwakunye namagosa kufuneka zitshekishe qho i-imeyili yazo njengoko ezi setyhula zibaluleke kakhulu ekusebenzeni ngempumelelo kweSebe iWCED.
4. Mazincede izikolo namagosa zenze iifolda kwiikhompyutha zazo zokugcina ezi setyhula njengoko kufuneka zigcinwe kwirekhodi okokoko nje zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Ziyafumaneka kwakhona iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kweli ziko lewebhu leSebe iWCED http://wced.school.za/circulars/indexcircmins.html
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:03:02

IISETYHULA ZE-WCED EZIKHUTSHWE NGONYAKA KA 2011  (ubukhulu: 42 KB)