1. Imigaqo-nkqubo yovavanyo emitsha
1.1 INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke i-National Curriculum Statement Grades R – 12, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 34600 yowe-12 Septemba 2011, inala maxwebhu omgaqo-nkqubo alandelayo:

  • Uxwebhu i-Curriculum and Assessment Policy Statements kuzo zonke izifundo ezivunyiweyo zamaBakala R – 12;
  • Uxwebhu lomgaqo-nkqubo, i-National policy pertaining to the programme and promotion requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12;
  • Uxwebhu i-National Protocol for Assessment Grades R – 12.
1.2 Yonke le migaqo-nkqubo ikhankanywe apha ngentla iya kuqala ukusebenza ngethuba lonyaka ka-2012 ukuya ku-2014.

2. Ukukhethwa kwezifundo: I-Computer Applications Technology ne-Information Technology
2.1 Umgqaliselo womgaqo-nkqubo obalulekileyo ovela kuxwebhu lomgaqo-nkqubo iNational policy pertaining to the programme and promotion requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12, ubhekiselele ekukhethweni kwezifundo kuma- Bakala 10 - 12.
2.2 Ukususela ngo-2012, abafundi kwiBakala 10, abalandela iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke i-National Curriculum Statement Grades R – 12, banokwenza izifundo zeComputer Applications Technology ne-Information Technology kunye ukungqinelana nephakheji yezifundo ezisixhenxe kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.3 Nakuba kunjalo, kubalulekile ukuqaphela ukuba abo bafundi bakwiBakala 11 no-12 ngo-2012 nabakwiBakala 12 ngo-2013 mababe bayawuthobela umgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku njengoko kucacisiwe kumhlathi 10(8) woxwebhu lomgaqo-nkqubo weNational Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework, othi abafundi abanakwenza zombini iComputer Applications Technology ne-Information Technology ukulungiselela iinjongo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

3. Izilungiso kumgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku

Imiba emibini evele kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo i-National policy pertaining to the programme and promotion requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12, iya kuchaphazela amaBakala 11 no-12 kweli thuba lika-2012 no-2013. Oku kubangele ukuba kufakelwe ezi zilungiso zilandelayo kumgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku i-National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework:

3.1 Kumhlathi 12(1) (a) (ii), ochaza umfundi ovela kwilizwe langaphandle, amagama athi

"akuba eqale ukuhamba isikolo kwisikolo eMzantsi Afrika, waza wafunda kwisikolo esingaphandle eMzantsi Afrika iminyaka emibini okanye engaphezu koko elandelelanayo emva kweBakala 6 okanye elilingana nalo"

kufakwe endaweni yawo la magama

"akuba eqale ukuhamba isikolo kwisikolo eMzantsi Afrika, wafunda kwisikolo esingaphandle eMzantsi Afrika iminyaka emibini okanye ngaphezu koko elandelelanayo emva kweBakala 3 okanye elilingana nalo yaye ngaphambi kweBakala 9 okanye elilingana nalo nothe emva koko wabuyela eMzantsi Afrika"

Oku kufuneka kuphunyezwe ukususela ngoku yaye kuthetha ukuba iinqununu maziqaphele olu tshintso lwenziweyo ukwenzela ukuba zicebise abafundi ngokufanelekileyo.

3.2 Umhlathi 20, ojongene neeprogram zomculo ii-external Music programmes, ufakelwa izilungiso ngokongeza lo mhlathana 8 mtsha ulandelayo:

Phantsi komhlathi 28(7) woxwebhu lomgaqo-nkqubo iNational policy pertaining to the programme and promotion requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12, i-Associated Board of Royal Schools of Music, Trinity College of London and UNISA (Grades 6-7) Practical Music Examinations, ezidweliswe njengezifundo zikaGroup C eziza kufundwa ngabafundi beNSC, kufanele zipheliswe ngokokulandelelana kweminyaka (incrementally phased out) ngolu hlobo lulandelayo:

  • IBakala 10 ngoDisemba 2011
  • IBakala 11 ngoDisemba 2012
  • IBakala 12 ngoDisemba 2013

Oku kuthetha ukuba akunakubakho bafundi batsha babhasileyo kwiBakala 10 ngo-2012 kuzo naziphi na iiprogram ze-external Music programmes ezidweliswe apha ngentla. Abafundi kwiBakala 12 ngo-2014 banokufunda esinye sezi zifundo zidweliswe apha ngentla ze-external Music programmes njengesifundo sesibhozo phantsi kwemiqathango emiselweyo. Esi sifundo asiyi kuphinde sisetyenziselwe iinjongo zokupasa kumaBakala 10 no-11 yaye singayi kuphinde sisetyenziselwe iinjongo zokunikwa isatifikethi kwiBakala 12.


4. Ezi zilungiso zikhankanywe apha ngentla zipapashwe kwi-Government Gazette No. 34669 yowe-10 Oktobha 2011.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule setyhula ootitshala nabafundi abachaphazelekayo nokuba bakuqaphele ukuphunyezwa ngokukhawuleza kwalo mgaqo-nkqubo ufakela izilungiso ezichazwe kwimihlathi 3.1 no-3.2 apha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:02:20

"Government Gazette No. 34600"  (ubukhulu: 115 KB)
"Government Gazette No. 34669"  (ubukhulu: 93 KB)