1. Inkqubo malunga nokungeniswa kweefom zekhefu inikwe kwiSetyhula 8/2005 yowe-2 Februwari 2005.

2. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olululo lokusingathwa kwezicelo zekhefu, iinqununu neesuphavayiza ziyakhunjuzwa ngoku kulandelayo:
2.1 Ifom yekhefu mayingeniswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) ihamba kunye nedyuplikethi yayo (in duplicate). Oku kuya kwenza iSebe iWCED libe nako, sakuba nje isicelo eso sisingathiwe, ukubuyisela ikopi eyidyuplikethi yefom yekhefu kwinqununu okanye kwisuphavayiza ukwenzela iinjongo zeerekhodi.
2.2 Isicelo sekhefu masingeniswe phambi kokuba umqeshwa ahambe aye ekhefini. Ukuba oku akunakwenzeka, njengakwiimeko ebezingalindelekanga, iinqununu neesuphavayiza maziqinisekise ukuba ifom yesicelo sekhefu ezalisiweyo enengcebiso yazo (with their recommendation), ifika kwicandelo elichaphazelekayo zingadlulanga iintsuku eziyi-14 emva komhla umqeshwa ochaphazelekayo aye wangenisa ngawo ifom leyo. Ukungeniswa kweefom zesicelo sekhefu qho ngenyanga okanye ngekota akwenziwa ngokwezi mfuno zingummiselo.
2.3 Ukuzaliswa kweefom zekhefu nokungeniswa kwazo luxanduva lomqeshwa ochaphazelekayo. Abaqeshwa mabangaceli oogxa babo okanye abasebenzi abangoomabhalane ukuba bathathe iifom zekhefu bazizalise baze bazingenise egameni labo. Ukwenza umzekelo: Utitshala okwisikolo esithile akanakucela umabhalane wesikolo ukuba amenzele isicelo sekhefu egameni lakhe.

3. Le setyhula ayichaphazeli ezinye izihlomelo ezizaliswa ngabaqeshwa baze bazingenise xa besenza isicelo sekhefu lokungaphili sethutyana (temporary incapacity leave).

4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaqeshwa abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:02:10