1. UMphathiswa wePhondo ophathiswe ezemfundo eNtshona Koloni, esenza ngokwesiqendu 3(1)(a) soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) (Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)), wenze le Mimiselo ephathelele kuLawulo noKuphathwa kweeHostele kwiZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo nePropathi engenaKushenxiseka neZixhobo zeeHostele eziphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Le mimiselo iqhotyoshelwe apha yeyokusetyenziswa ezihostele ezikwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kuphela, yaye iqalisa ukusebenza nge-1 Januwari 2013.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:12:10

"Western Cape Provincial School Education Act"  (ubukhulu: 61 KB)
Isongezelelo kwiGazethi yePhondo 7066  (ubukhulu: 136 KB)