1. Kuqhotyoshelwe apha le ncwadana iStandard Operating Procedures Manual yezikim zothutho lwabafundi (learner transport schemes) nemayisetyenziswe ukususela kumhla ka 1 Janawari 2013 kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zaseNtshona Koloni ezinezikim ezixhaswa ngemali liSebe iWCED (WCED-funded LTS). Olu xwebhu malufundwe kunye noMgaqo-nkqubo weSikim soThutho lwaBafundi (LTS Policy), uMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi eZikolweni oHlaziyiweyo weSebe iWCED (Revised WCED Admission Policy), iMimiselo neMigangatho yoThutho lwaBafundi( Norms and Standards for Learner Transport) ne-LTS Reporting Framework, eziqhotyoshelwe apha njengezihlomelo.
2. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili zemfundo ukuba benze la maxwebhu afumaneke kubo bonke abantu abanomdla nabachaphazelekayo, ngakumbi amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala besikolo namagosa akwii-ofisi zezithili zemfundo ajongene nokulawula ezi LTS.
3. La maxwebhu emigaqo-nkqubo eqhotyoshelwe apha okwangoku asafumaneka ngesiNgesi kuphela. Iinguqulelo zesi-Afrikansi nesiXhosa ziya kufumaneka ukususela kumhla ka 1Februari 2013.
4. Iya kuthakazelelwa into yokuba ootitshala besikolo abachaphazelekayo bayaqeqeshwa ukulungiselela ukuqinisekisa ulawulo olusemgangathweni lweLTS.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:12:03

"Standard Operating Procedures Manual"  (ubukhulu: 106 KB)
"WCED Learner Transport Policy for ordinary Public Schools"  (ubukhulu: 56 KB)
"WCED Policy for the management of admission and registration of learners at ordinary Public Schools"  (ubukhulu: 117 KB)
"Norms and Standards"  (ubukhulu: 57 KB)