1. Injongo yale setyhula kukucebisa izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ezimi kumhlaba karhulumente nezikwizakhiwo zikarhulumente ngeembopheleleko zamabhunga olawulo ngokumalunga nesiqendu 36 soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996), obizwa ngokuba yi-SASA.

2. UMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yeMfundo esiSiseko, 2011, (uMthetho 15 ka-2011 (The Basic Education Laws Amendment Act, 2011 (Act 15 of 2011)), njengoko upapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 34620 yomhla we-19 Septemba 2011, njengoko ufakelwe izilungiso, ucacisa oku kulandelayo kwisiqendu 36:

  36(4) (b) ibhunga lolawulo alinakuvumela nawuphi na umsebenzi (activity) kwipropathi yesikolo oyingozi okanye ophazamisa abafundi okanye othintelweyo ngulo Mthetho

3. ISebe iWCED liyalivuma ilungelo lezikolo zalo, ngokungqinelana neziqendu 13(2) no-36(1), lokuma kumhlaba yaye zisebenzise iprophathi engenakushenxiseka karhulumente ukulungiselela iinjongo zemfundo esikolweni, kwakunye nomsebenzi oluxanduva lwebhunga lolawulo wokuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ngezizathu ezivakalayo, ukongeza izibonelelo ezibonelelwa ngurhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo ebonelelwa sisikolo kubo bonke abafundi baso.

4. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED linqwenela ukuba onke amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezikumhlaba karhulumente maziqaphele oku kulandelayo:
4.1 ISebe leMicimbi yezeNdalo (Department of Environmental Affairs) neCandelo i-Development Planning's Directorate: Environmental Governance, likungqinile ukulahlwa kwenkunkuma ezikolweni kusetyenziswana neenqununu zezikolo kunye/okanye namabhunga olawulo.
4.2 Inkunkuma yezakhiwo ezilungiswayo kunye nezinye izinto ezilahlwayo mazilahlwe kwiifasilithi zokulahlwa kwenkunkuma zikamasipala (municipal waste-disposal facilities) okanye kwiifasilithi zokulahlwa kwenkunkuma ezigunyazisiweyo.
4.3 Ukulahlwa kwenkunkuma kwipropathi yesikolo akukho mthethweni ngokoMthetho we-National Environmental Management: Waste Act, 2008 (Act 59 of 2008) njengoko izikolo zingagunyaziswanga okanye zingenamvume yokufumana okanye yokulahla inkunkuma.
4.4 Izikolo ziyacengwa ziikhontraki ezingenasazela ukuba zizivumele zisebenzise amabala esikolo njengendawo yokulahla inkunkuma ze zihlawule imali, nethi ibe sisixa esincinane kakhulu kuneso sifunwa ziifasilithi zokulahla inkunkuma.
4.5 ISetyhula 0032/2012 icela amabhunga olawulo ukuba angenise isicelo kuMphathiswa wezeMfundo semvume yokuqeshisa, ukusebenzisa, nokuguqula okanye ukutshintsha ipropathi engenakushenxiseka yesikolo, okanye ukuvumela nabani na ukuba aqhube naliphi na ishishini kwipropathi yesikolo. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED alinako ukuvumela ukusetyenziswa kwamabala esikolo njengendawo yokulahla inkunkuma.

5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:11:23

"South African Schools Act, 1996"  (ubukhulu: 86 KB)
"Government Gazette No. 34620"  (ubukhulu: 333 KB)