1. UMphathiswa wePhondo ophathiswe ezeMfundo eNtshona Koloni, esenza ngokwesiqendu 63(1)(cC) soMthetho wezeMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997), esifundwa kunye neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ka-2011 (iGazethi kaRhulumente 34600 ka-2011), wenze iMimiselo ePhathelele kweZona Yure ziseZantsi zokuFundisa kwiVeki yeSikolo ngaNye nakuSuku lweSikolo ngaluNye kwiZikolo zikaRhulumente kwiPhondo leNtshona Koloni.

2. Le mimiselo iqhotyoshelwe apha kolu xwebhu.

3. Injongo yale mimiselo kukubonelela

  • ngezona yure zisezantsi zokufundisa kwisifundo ngasinye ngokwesigaba ngasinye;
  • ngemigaqo ngokubanzi efanele ukusetyenziswa xa kubalwa ezona yure zesikolo zisezantsi ngeveki nganye nangosuku lwesikolo ngalunye;
  • ngezicwangciso zokunika inkxaso elowo nalowo mfundi oyifunayo; kunye
  • nangemihla yokuphunyezwa kwayo ngokwezigaba.
4. Iinqununu mazazise okuqulathwe yile setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:12:04

"Western Cape Provincial School Education Act"  (ubukhulu: 61 KB)
"Goverment Gazette No 34600 of 2011"  (ubukhulu: 115 KB)
iGazethi kaRhulumente 7065 ka-2012  (ubukhulu: 98 KB)