1. Ukwenzela ukuphucula inkqubo yokugaya abasebenzi balo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) laqalisa ngefasilithi esekhompyutheni yokwenza izicelo zonyuselo-sikhundleni zootitshala ngo-2011.

2. Amava afumaneke kusetyenziso Iwesi sixhobo enze ukuba iSebe iWCED lenze isistim yokugaya abasebenzi ngekhompyutha.

3. ISebe iWCED, ke ngoko, linebhongo ukwazisa ngokuqaliswa kwe-e-Recruitmenf System for Educators: "Recruiting the Best". Le Recruitment System iya kuba sele ifumaneka ukususela nge-1 Disemba 2012 kwiziko lewebhu lesebe.

4. Inzuzo yoku kubasebenzi koku kulandelayo:

  1. I-e-Recruitment System for Educators ixhomekeke kubasebenzi abafaka iisivi (CVs) zabo kwisistim. Yakuba nje isivi ifakwe ekhompyutheni, utitshala angenza isicelo sezithuba zomsebenzi ekhompyutheni.
  2. Isivi iya kugcinwa ekhompyutheni, yaye ingalungiswa iziphene ekhompyutheni.
  3. Le sistim ifumaneka kwiwebhu yaye inokufikeleleka nge-lntanethi apha http://wced.school.za/home/home.html
  4. Ngesicelo ngasinye esingenisiweyo, isistim iya kuvelisa ngoko nangoko ileta eyazisa ukuba sifikile isicelo sesithuba eso.
  5. Akusayi kubakho mfuneko yokuba abenzi-sicelo benze iikopi zamaxwebhu ngesicelo ngasinye esingeniswayo, bahlawule iintlawulo zokuposa, okanye beme emigceni befuna ukuposa isicelo phambi komhla wokuvala.
  6. Iprofayili yomqeshwa okwisistim iya kunikwa inombolo yesazisi efana yodwa (unique identification number)
  7. Zonke izithuba ezipapashiweyo zinokujongwa ekhompyutheni.
5. Siqhoboshela kolu xwebhu isikhokelo senyathelo ngalinye lokujonga konke okufunayo ngokulula kwisistim.

6. Qaphela ukuba, ukususela nge-1 Januwari 2013, zonke izicelo zezithuba zomsebenzi zootitshala kufuneka zingeniswe ngekhompyutha. Bayacelwa ke ngoko ootitshala ukuba baqalise ukufaka iisivi zabo kwi-e-Recruitmenf System ukususela nge-1 Disemba 2012 ukuya phambili.

7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:00:00

"WCED Online Vacancy application guide"  (ubukhulu: 44 KB)