1. Le setyhula ijoliswe kwizikolo ezinikwe, ngokweSiqendu 21 (1c) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, ("uMthetho 84, ka-1996), umsebenzi wokulungiselela nokuhlawulela inkonzo yothutho lwabafundi bezikolo zazo, ngoncedo lwemali oluvela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
2. I-WCED inike ezo zikolo i-bid and contract form, eyenziwa kunye nabameli bomthetho (legal representatives) bekhontraki zothutho lwabafundi (learner transport contractors). Le fom mayisetyenziselwe ukungenisa ibhidi nokwenza imvumelwano nomboneleli-nkonzo wenkonzo yothutho lwabafundi. Ngokumalunga nemvumelwano, le fom icacisa zonke iimfuno ezingummiselo zezothutho, imiqathango yemvumelwano nezohlwayo.
3. Nakuba kunjalo, siqaphele ukuba ezinye izikolo aziyisebenzisi le bid and contract form.
4. I-WCED inqwenela ukukhumbuza zonke izikolo ezichaphazelekayo ukuba kunyanzelekile ukusetyenziswa kwe-bid and contract form eqhotyoshelweyo kuthutho lwabafundi. Izikolo zinokuyongeza ikhontenti yale fom kodwa mazilandele ngqo ezona mfuno zisezantsi zingummiselo ezikule fom.
5. Abacebisi ngezeenkonzo zeziko nabaphathi beekomiti zeesekethe kwii-ofisi zezithili zemfundo baya kubeka esweni ukusetyenziswa okunyanzelekileyo kwe-bid and contract form yaye, ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi, ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba zifayilishe ubungqina bokusetyenziswa kwale fom.
6. Izikolo ezinengxaki malunga nokutolikwa kokuthethwa ngamagatya (clauses) akwi-bid and contract form, zingafuna uncedo kuSekela-Mlawuli weeNkonzo zeZiko kwi-ofisi yesithili semfundo yazo.
7. Kucelwa wazise okuqulethwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:10:30

"South African Schools Act, 1996"  (ubukhulu: 86 KB)
"Bid and Contract for the provision of learner transport to public ordinary schools"  (ubukhulu: 475 KB)