1. Le setyhula ithatha indawo yazo zonke iisetyhula zangaphambili ezinxulumene neenkxaso-mali zeBakala R.

2. Utshintsho kusetyenziso lwenkxaso-mali yeBakala R
2.1 Kwixesha elidlulileyo, bekufuneka inkxaso-mali yeBakala R yahlulwe ngolu hlobo lulandelayo:

  • I-80% ibe yeyemivuzo yeeprakthishina zeBakala R
  • I-20% ibe yeyezinto zokunika inkxaso ekufundeni nasekufundiseni (learning and teaching support material (LTSM)) abafundi beBakala R
2.2 Emva kokufumana izicelo ezininzi zokuba kukhe kuqwalaselwe kwakhona indlela ekuchithwa ngayo le nkxaso-mali, nasemva kothetha-thethwano nabathathi-nxaxheba beze-ECD abahluka-hlukeneyo, kunikwe imvume yokufakela izilungiso kusetyenziso lwesahlulo esiyi-20% senkxaso-mali. Le 20% inako ngoku ukusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo, ukususela ngoku:

  • I-10% isetyenziswe kwi-LTSM (yezixhobo zangaphakathi nangaphandle kwesakhiwo)
  • I-10% eshiyekileyo ichithwe kuyo nayiphi na yezi zinto zilandelayo:
    Kusetyenziso lombane, kusetyenziso lwamanzi, kwiindleko zemihla ngemihlaezinjengolondolozo nokucoca izakhiwo namabala.
2.3 Kukwabalulekile ukuqaphela ukuba i-80%, nokwahlulwa kabini kwe-10% ne-10% akusebenzi kwizikolo zikarhulumente ezinabafundi abangaphantsi kwe-20. Ezi zikolo, ezifumana inkxaso-mali ubuncinane ye-R72 000 ngonyaka, mazisebenzise inkxaso-mali yazo ekuhlawuleni imivuzo yootitshala, o.k.t. i-R5 000 ngenyanga, size isixa esishiyekileyo esiyi-R12 000 ngonyaka sisetyenziswe ekuthengeni i-LTSM nakwiindleko zemihla ngemihla.

3. Ukungeniswa kwesicelo sekota senkxaso-mali
3.1 Isicelo sekota senkxaso-mali masibe noku kulandelayo:

  • IsiHlomelo A – Iinkcukacha zesikolo/zeziko nengcebiso ye-ofisi yesithili semfundo
  • IsiHlomelo B – Iinkcukacha zabafundi beBakala R
  • IsiHlomelo C – Iingxelo-mali ezimfutshane zeemali ezingenileyo nezichithiweyo
  • IsiHlomelo D – Isatifikethi solawulo lwemali ngokufanelekileyo
  • Ikopi ebhalwe ngokucacileyo yerejista yokuhamba isikolo yekota edlulileyo yabafundi ababhalisiweyo
  • Ikopi eprintiweyo yengxelo yeCEMIS yeziko
  • Iikopi zamaphetshana emivuzo asayiniweyo (signed salary advices)
  • Ii-invoyisi neerisithi ezingqinisisiweyo zayo yonke i-LTSM ethengiweyo, njengoko kucacisiwe kumhlathi 2 apha ngasentla.
3.2 Izikolo ezifuna uncedo malunga nokuzaliswa kweefom zamabango enkxaso-mali maziqhagamshelane nomphathi weze-IMG ECD kwi-ofisi yesithili semfundo yazo.

4. Imihla yokungeniswa kwezicelo zenkxaso-mali ka-2013

Izicelo zenkxaso-mali ezenziwa qho ngekota zika-2013 mazingeniswe kwii-ofisi zezithili zemfundo ezikuloo ndawo inesikolo ingadlulanga le mihla ilandelayo:

Ikota yesikolo Imihla yokungeniswa kwezicelo
Ezekota yokuqala 2013 15 Februwari 2013
Ezekota yesibini 2013 10 Meyi 2013
Ezekota yesithathu 2013 9 Agasti 2013
Ezekota yesine 2013 25 Oktobha 2013

5. Ziyacelwa izikolo zikarhulumente ukuba zincede ziqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zeeprakthishina zeBakala R zifakwa ekhompyutheni kwiifom zeSaveyi yoNyaka (Annual Survey forms), nakwiSistim yezoLawulo lweKhefu laBasebenzi (Human Capital Leave Management System).

6. Ziyakhunjuzwa izikolo ezizimeleyo ezineeklasi zeBakala R ukuba iifom zeSaveyi yoNyaka mazizaliswe zize zibuyiswe ungadlulanga owe-31 Matshi kunyaka ngamnye. Izikolo ezingakuthobeliyo oku azisayi kufumana nkxaso-mali yazo yeBakala R.

7. Ukuqinisekisa ezona zinto zilungiselela ngeyona ndlela ingcono iimfuno nokhuseleko lwabafundi, kucelwa iintloko zamaziko namabhunga olawulo zilandele ngqo okubhalwe kwiSetyhula yeSebe iWCED 0046/2004, yomhla we-9 Agasti 2004, ecacisa umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi ngaphambi kweBakala R (pre-Grade R) nabafundi beBakala R kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo kwiiklasi ze-ECD.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:10:19