1. UMgaqo wokuZiphatha weNkonzo kaRhulumente uqulathwe kwiSahluko 2 seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente, 2001 (njengoko ifakelwe izilungiso). Injongo yawo kukufaka nokubethelela iimfundiso ezifanelekileyo kubo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente, ukuqinisekisa ukuziphatha ngokuchubekileyo emsebenzini (professional ethics) nokuphelisa nya ubuqhophololo kwinkonzo karhulumente.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) licela bonke abasebenzi balo abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente (Public Service Act) ukuba balandele ngqo imigaqo equlathwe kuMgaqo wokuZiphatha ukwenzela ukuba sikwazi ukwenzela iiklayenti zethu inkonzo eyiyo ngokukhawuleza, ngempumelelo nangokuchubekileyo.
3. UMgaqo wokuZiphatha weNkonzo kaRhulumente unokukotshwa kwiziko lewebhu lesebe lemfundo apha http://wced.school.za yaye kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho bayanikwa ikopi ekotshelweyo yomgaqo wokuziphatha okanye bayaxelelwa ngeziko lewebhu.
4. Iikopi ezingamaphepha zomgaqo wokuziphatha oyincwadana zinokucelwa kwakhona kwi-ofisi yesithili semfundo sakho, eya kuthi yona yenze i-odolo yazo kwaNdlunkulu weSebe iWCED.
5. Kucelwa nganye intloko yeziko, ye-ofisi, yecandelo okanye ye-ofisi yesithili semfundo ukuba incede iqinisisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente bayayifumana nokuba yikopi yomgaqo wokuziphatha okanye bayaxelelwa ngomgaqo wokuziphatha okwiziko lewebhu leSebe iWCED. Oku makwenziwe ngokuthi kuzaliswe isiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha size sibuyiselwe kulo The Director: Human Resource Management, (For attention: Mr AM Shasha), Western Cape Education Department, Room 307, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001 ungadlulanga owe-7 Disemba 2012.
6. Nayiphi na imibuzo malunga noku ingathunyelwa kuMnu AM Shasha, kule nombolo yefoni 021 467 2550 okanye kuNks NP Funani, kule nombolo yefoni 021 467 2243.
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:10:10

"Public Service Act"  (size: 183 KB)
IsiHlomelo A  (ubukhulu: 52 KB)