1. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (iSebe iDBE) liya kubonelela zonke izikolo zikarhulumente ngeencwadi zokwenza umsebenzi (workbooks) kunyaka wezifundo ka-2013.

2. Ezi ncwadi zokwenza umsebenzi zilandelayo ziya kusiwa ngqo kuzo zonke izikolo zikarhulumente:

  • KwiBakala R ezazo zonke iilwimi
  • KumaBakala 1 - 3 ezeMathematika ngolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LOLT))
  • KumaBakala 1 - 3 ezeZakhono zoBomi nge-LOLT
  • KumaBakala 1 - 6 ezoLwimi lweeNkobe
  • KumaBakala 1 - 6 ezoLwimi lwesiNgesi lokuQala oLongezelelweyo
  • KumaBakala 4 - 9 ezeMathematika ngesiNgesi nangesi-Afrikansi
  • KwiBakala 11 iincwadi zezifundo (textbooks) zeMathematika neFizikhali Sayensi ngesiNgesi nangesi-Afrikansi.
3. Inani leencwadi, kwisifundo ngasinye, ezisiwa kwisikolo ngasinye liya kuthathelwa kumanani ewonke abafundi abakwiCEMIS.

4. Kwimeko yazo zonke iincwadi zokwenza umsebenzi, iNcwadi yoKwenza uMsebenzi 1 ka-2013 (yeKota 1 neKota-2) ziya kusiwa ezikolweni ungadlulanga owe-31 Oktobha 2012. INcwadi yoKwenza uMsebenzi 2 ka-2013 (yeKota 3 neKota-4) iya kusiwa ezikolweni ungadlulanga owe-31 Januwari 2013.

5. Iinqununu, okanye abameli bazo abadluliselwe amagunya, mabatshekishe umthwalo ngamnye baze baxele ngoko nangoko izinto ezishotayo ngokubhala kwifom yokungqina ukuziswa kwezinto (proof of delivery (PoD)) xa kusayinelwa umthwalo lowo.

6. Kufuneka kwakhona baxelele iSebe iDBE zonke izinto ezishotayo ngefoni yakwaTelkom yamahala ngale nombolo 080 020 2933.

7. Imihla ebekiweyo yokuxela ukushota kweeNcwadi zoKwenza uMsebenzi 1 no-2 ngowe-31 Januwari nowe-15 Matshi 2013 ngokulandelelanayo.

8. Iincwadi ezishotayo ezixeliweyo zeNcwadi yoKwenza uMsebenzi 1 neencwadi ezincedisayo zeMathematika nezeFizikhali Sayensi zeBakala 11 ziya kusiwa ezikolweni phambi kokuphela konyaka wezifundo ka-2012.

9. Iincwadi ezishotayo ezixeliweyo zeNcwadi yoKwenza uMsebenzi 2 ziya kusiwa ezikolweni ungadlulanga owe-30 Matshi 2013.

10. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:17