1. Umsebenzi wolawulo lweencwadi zomsebenzi neencwadi zezifundo (workbooks and textbooks) udluliselwe kwiinqununu zezikolo yiNtloko yeSebe leMfundo. Nasiphi na isicelo esingalo msebenzi esiza kudluliselwa komnye utitshala masibhekiswe kumphathi weze-IMG ngencwadi ebhaliweyo.

2. Njengoko kwakutshiwo kwiSetyhula 0014/2012 (yomhla we-02.05.2012) iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kunika umfundi ngamnye okwiSigaba esiPhakathi nakwiBakala 11 ngo-2013 incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye, ngaphandle kwencwadi yesifundo seZakhono zoBomi kwiSigaba esiPhakathi nesoLwazi ngezoBomi kwiBakala 11. Ezi ncwadi ziya kusiwa ezikolweni phakathi kwe-1 Oktobha ne-9 Novemba 2012.

3. Ukuba izikolo azikazifumani iincwadi zezifundo zeSigaba esiPhakathi nezeBakala 11 nge-12 Novemba 2012 mazikuxele oku kwi-Ofisi ye-LTSM kule dilesi ye-imeyili ltsm@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 467 2612 okanye kule nombolo yefoni 021 467 9294.

4. Kulindeleke ukuba kuza kubakho ukulibaziseka kokukhutshwa kwezihlomelo zeekhathalogu zeencwadi zesifundo se-Akhawuntingi zeBakala 11 zesiNgesi kunye neencwadi zesifundo seSayensi yezeNdalo nezeThekhinoloji zamaBakala 4 – 6. Izikolo ziya kwaziswa zakubanje zifumaneka izihlomelo zeekhathalogu.

5. Ii-odolo zeencwadi zesifundo seZakhono zoBomi nesoLwazi ngezoBomi.
5.1 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21

  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise isabelo sazo ngokweMimiselo neMigangatho (Norms and Standards (N&S)), okanye iingxowa-mali zazo ukuthenga iincwadi zesifundo seZakhono zoBomi zeSigaba esiPhakathi, nezesifundo soLwazi ngezoBomi kunye nezikhokelo zootitshala zeBakala 11
  • Makukhunjulwe ukuba ixabiso eliboniswe kwikhathalogu alizidibanisanga iindleko zokusiwa kweencwadi ezikolweni.
  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 maziqinisekise ukuba iincwadi zesifundo seZakhono zoBomi nesoLwazi ngezoBomi zi-odolwa yaye zisiwe ezikolweni ngaphambi kwe-15 Novemba 2012.
5.2 Izikolo eziNgekho phantsi kweSiqendu 21

ISebe iWCED liya kuthenga lize lise kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 iincwadi zesifundo seZakhono zoBomi nezikhokelo zootitshala zeSigaba esiPhakathi, neencwadi zesifundo soLwazi ngezoBomi zeBakala 11, njengoko kwenziwe ii-odolo kwiziko lewebhu loku-odola iincwadi zezifundo iCEMIS okanye i-ISAMS. Ezi ncwadi ziya kuhlawulwa kwimali yesikolo ngasinye ethathwe kwingxowa-mali yesabelo se-N&S, nelawulwa liSebe iWCED. Izikolo zingalindela ukuba ezi ncwadi zisiwe kuzo ungadlulanga owe-15 Novemba 2012.


6. Apho kufuneka zenjenjalo, izikolo mazisebenzise imali yazo eyabiwa ngokweMimiselo neMigangatho (Norms and Standards) ukuthenga iincwadi zezifundo ezingundoqo (core readers) nee- graded readers.

7. ISihlomelo A luluhlu lwe-graded readers ezivunyiweyo zesi-Afrikansi, zesiNgesi nezesiXhosa zamaBakala 4 – 6. Olu luhlu luyafumaneka kwiziko lewebhu leWCED phantsi kuka-"LTSM (CAPS Textbooks)".

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:17

ISihlomelo A: "Grade 4 - 6 Catalogue"  (ubukhulu: 261 KB)

The following document requires MS Exel to view
"Grade 4-6 Addendum Catalogue - Afr FAL"  (ubukhulu: 74 KB)