1. |
Amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) ngamabhunga anyulwe ngenkqubo yentando yesininzi, enziwa ngabazali babafundi, inqununu yesikolo, ootitshala, nabasebenzi abangezotitshala, abafundi abakwiBakala 8 nangaphezulu, namalungu achongiweyo (co-opted members). |
2. |
Injongo yawo kukuqinisekisa ukuba izikolo zilawulwa ngempumelelo, ngobuchule nangendlela ebonisa intsebenziswano ukwenzela ukuba kufundiswe imfundo eyiyo. |
3. |
Kufuneka ii-SGB zenze yonke imisebenzi eluxanduva lwazo ngokweSiqendu 20 – kwezinye iimeko nangokweSiqendu 21 – zoMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (SASA), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996). Ukwenzela ukuba zikwazi ukwenjenjalo, kufuneka zivavanye qho inkqubela yazo. |
4. |
Kuqhotyoshelwe apha isixhobo i-SGB Support Tool ukwenzela ukuba kunikwe ii-SGB isikhokelo ekwenzeni imisebenzi yazo ukunika inkxaso ezikolweni zazo. Esi sixhobo sijolise kwezi nkalo zilandelayo:
- Imigaqo-nkqubo eyenziwe yaba ngumthetho yi-SASA
- Imigaqo-nkqubo echatshazelwe (implied) yi-SASA
- Iintlanganiso zee-SGB neekomiti zazo
- Ukulondolozwa nokuthengwa kwee-asethi zezikolo
- Ucwangciso nolawulo lwemali
- Uqeqesho nokwabelana ngengcaciso
- Ukucwangcisa
|
5. |
Kucelwa wazise okukule setyhula nakwi-SGB support tool eqhotyoshelweyo bonke ootitshala, amalungu ebhunga lolawulo lesikolo kunye nabazali. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:24
|
|