1. Injongo yale setyhula kukucebisa izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ezimi kumhlaba karhulumente nezikwizakhiwo zikarhulumente ngeembopheleleko zamabhunga olawulo ngokumalunga nesiqendu 36 soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996<.a>), obizwa emva koku ngokuba yi-"SASA".
2. UMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yeMfundo esiSiseko, 2011, (uMthetho 15 ka-2011 (The Basic Education Laws Amendment Act, 2011 (Act 15 of 2011)), njengoko upapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 34620 yowe-19 Septemba 2011, wafakela izilungiso, phakathi kwezinye izinto, kwisiqendu 36 seSASA ngokufakela ezi ziqendwana zilandelayo:

"36(4)
  1. Ibhunga lolawulo linokuthi, ngemvume yeLungu leSigqeba soLawulo —

    1. liqeshise, lisebenzise, liguqule okanye litshintshe ipropathi engenakushenxiseka yesikolo ukwenzela ukulungiselela imisebenzi yesikolo okanye ukongeza kwingxowa-mali yesikolo, yeso sikolo; yaye

    2. livumele nabani na ukuba aqhube naliphi na ishishini kwipropathi yesikolo ukongeza kwingxowa-mali yesikolo.
  2. Ibhunga lolawulo alinakuvumela naliphi na ishishini kwipropathi yesikolo elingaba yingozi okanye sisiphazamiso kubafundi okanye elithintelweyo ngulo Mthetho. (5)
(5) Ukulungiselela iinjongo zesiqendwana (4), "ipropathi yesikolo" kuthetha ipropathi engenakushenxiseka kaRhulumente, kubandakanya nepropathi echatshazelwe kwiziqendu 13 no-55 kunye nayo nayiphi na ipropathi engenakushenxiseka ethengwe sisikolo ngengxowa-mali yesikolo okanye ngezipho-mali (donations) zesikolo."
3. ISebe iWCED liyalivuma ilungelo lezikolo zalo, ngokungqinelana neziqendu 13(2) no-36(1), lokuma kumhlaba yaye zisebenzise ipropathi engenakushenxiseka karhulumente ukuze kuzuze isikolo ukulungiselela iinjongo zemfundo, kwakunye nomsebenzi oluxanduva lwebhunga lolawulo wokuthatha onke amanyathelo afanelekileyo, ukongeza izibonelelo ezibonelelwa ngurhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo ebonelelwa sisikolo kubo bonke abafundi baso.

4. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED linqwenela ukuba onke amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezikumhlaba karhulumente maziqwalasele oku kulandelayo:
4.1 Igunya loMphathiswa wezeMfundo wePhondo

NguMphathiswa wezeMfundo wePhondo onegunya lokuvuma oku ukulungiselela injongo yokuphumeza isiqendu 36(4) salo Mthetho. Igunya elinikwe uMphathiswa wePhondo sisiqendu 36(4) libekela imida igunya lebhunga lolawulo lokuqeshisa, lokusebenzisa nokuguqula okanye ukutshintsha ipropathi engenakushenxiseka yesikolo.

4.2 Imisebenzi eluxanduva lwebhunga lolawulo
4.2.1 Ngokwesiqendu 16 (2) seSASA, "ibhunga lolawulo limi kwindawo yentembeko esikolweni (stands in a position of trust towards the school)". Kulindeleke ukuba onke amabhunga olawulo athathe inxaxheba ngokwemigaqo yokuphathwa kweziko eyamkelekileyo xa esenza imisebenzi yawo. Ibhunga lolawulo malenze ngenyameko elindelekileyo nawuphi na umsebenzi oneziphumo ezichaphazela ulawulo nokuphathwa kweemali zesikolo.
4.2.2 Ibhunga lolawulo maliqinisekise ukuba amalungu angabafundi akabotshelelwanga zizo naziphi na iimvumelwano (contracts) ibhunga lolawulo elinokuzisayina.
4.2.3 Isiqendu 20(1)(g) seSASA sicacisa sithi ibhunga lolawulo "maliphathe yaye lilawule ipropathi yesikolo, nezakhiwo nomhlaba esimi kuwo isikolo, kubandakanywa neehostele zesikolo, kodwa ukusetyenziswa kweli gunya makungaze nangayiphi na indlela kuphazamisane okanye kuthintele ngandlela yimbi, ukuphunyezwa kwesigqibo esenziwe liLungu leSigqeba soLawulo okanye yiNtloko yeSebe ngokwawo nawuphi na umthetho okanye umgaqo-nkqubo".
4.2.4 Zonke izigqibo ezithathwe libhunga lolawulo mazibe zezo zilungiselela abafundi ngeyona ndlela ingcono.
4.2.5 Apho ibhunga lolawulo linenjongo yokuvumela ukusetyenziswa kwesikolo ngeenjongo zoshishino

  1. maliqeshe abo baziingcali zomthetho nezemali abayimfuneko ukuncedisa kwiimfuno zeemvumelwano;
  2. maliqinisekise ukuba imvumelwano ethi isayinwe ayisimisi kakubi isikolo ngokusidlelelela (does not disadvantage the school) (Oku kungachaphazela ukuvumelana ngoqikelelo lwengeniso esusela kwizigqibo ngezemali ezivokothekileyo (sound financial considerations.);
  3. malithetha-thethane nomasipala wengingqi okanye nebhunga lesixeko ukuqinisekisa ukuba liyayithobela imithetho kamasipala okanye yebhunga, ngakumbi emalunga nokucandwa kwakhona kwesiza (rezoning);
  4. malithathele ingqalelo imiba eneziphumo ezichaphazela ukhuseleko lwabafundi nabo bonke abaqeshwa esikolweni ngokuthathela ingqalelo isiqendu 36(4)(b) salo Mthetho;
  5. maliqinisekise ukuba izizathu zesicelo ekubhekiswa kuso kumhlathi 4.4.1 apha ngezantsi zicaciswa ngokuthe gca ukwenzela ukuba uMphathiswa wePhondo abe nako ukwenza izigqibo enolwazi; yaye
  6. apho ibhunga lolawulo lenza isicelo sokutshintshwa okanye sokuguqulwa kwepropathi karhulumente, malingenise iiplani ezineenkcukacha zesakhiwo, neendleko zaso, kunye nesicelo eso.
4.2.6 Ibhunga lolawulo malithathe onke amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba kuya kugcinwa ucwangco phakathi kwabahlali abangabamelwane abangqonge isikolo kangangoko oku kunokwenzeka.
4.3 Indima yeSebe iWCED nokucandwa kwakhona komhlaba (rezoning of land)
4.3.1 ISebe lezoThutho neMisebenzi kaRhulumente (Transport and Public Works) ngumgcini wayo yonke ipropathi karhulumente kwiphondo, yaye iSebe iWCED alinawo amagunya asemthethweni (legal power) okushenxa kumalungiselelo akhoyo ngoku okucandwa kwakhona komhlaba, nangumsebenzi oluxanduva lweBhunga leSixeko okanye lomnye umasipala wengingqi ochaphazelekayo.
4.3.2 Kuhlala kungumsebenzi oluxanduva lwesikolo esichaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba akukho kushishina okanye kurhweba kwenziwayo ngokuchasene nemimiselo nemithetho yoomasipala yokucandwa kwesiza.
4.3.3 Ukuba isicelo esikhankanywe kumhlathi 4.4.1 apha ngezantsi, sinokuba yimbangi yesicelo sokucandwa kwakhona kwesiza, uMphathiswa wePhondo naye uya kufuna imvume yoMphathiswa weSebe lezoThutho neMisebenzi kaRhulumente wePhondo (Provincial Minister of Transport and Public Works) ngokumalunga noku.
4.4 Isicelo esiya kuMphathiswa wePhondo ngokwesiqendu 36(4)
4.4.1 Ibhunga lolawulo malingenise isicelo kuMphathiswa wePhondo, sokuqeshisa, sokusebenzisa, sokuguqula okanye sokutshintsha ipropathi engenakushenxiseka yesikolo okanye sokuvumela nabani na ukuba aqhube naliphi na ishishini kwipropathi yesikolo.
4.4.2 Isicelo esikhankanywe kumhlathi 4.4.1 apha ngentla

  1. masinike izizathu ezaneleyo zokwenza isicelo eso ukwenzela ukuba uMphathiswa wePhondo abe nako ukwenza isigqibo enolwazi;

  2. masibonise ubungakanani benzuzo enokufunyanwa sisikolo kwingeniso eqikelelwayo okanye kwinzuzo enokufunyanwa kulowo oza kuba ngumqeshiselwa (potential lessee);

  3. ukuba oko kuchaphazela ukutshintshwa okanye ukuguqulwa kwayo nayiphi na ipropathi karhulumente, masihambe kunye neeplani ezineenkcukacha zesakhiwo, neendleko zaso;

  4. masibandakanye ikopi yemvumelwano yokuqeshisa okucetywayo, yokusebenzisa okucetywayo kunye neyeshishini lokurhweba/ lokuthengisa elicetywayo, nemigqaliselo ecace gca ecacisa, phakathi kwezinye izinto,

    1. onke amalungelo nezinto ezibubutyala (liabilities) zamaqela angena kwimvumelwano;
    2. injongo nobude bethuba lemvumelwano; kunye
    3. nomgqaliselo wokuba umsebenzi awuyi kuba yingozi okanye sisiphazamiso kubafundi okanye uthintelwe yiSASA;

    yaye

  5. masibandakanye inkcazo emfutshane yokuba imvumelwano ecetywayo iya kuziqinisekisa njani na iimfuno zesikolo zethuba elizayo okanye zokuzinza kwaso ithuba elide.
5. UMphathiswa uya kusingatha izicelo ezo azijonge ngasinye ngasinye ngokwemeko yaso.

6. Izicelo ngokumalunga noku mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
Western Cape Education Department: ATT. Fajwa Abrahams
P/B 9114
Cape Town
8000

7. Kucelwa wazise okuqulethwe yile setyhula kubo bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:17

"South African Schools Act, 1996"  (ubukhulu: 86 KB)
"Government Gazette No. 34620"  (ubukhulu: 333 KB)