1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0099/2000 kwaye ayithathi indawo yaloo setyhula, koko igxininisa umsebenzi weZiko leeFoni leZikolo eZikhuselekileyo ikwakhuthaza nokuxelwa kwazo ZONKE iziganeko zolwaphulo-mthetho nempathombi ezenzeka ezikolweni. Isikolo masithathe inxaxheba ephambili ekukhuthazeni abahlali ukuba baxele zonke iziganeko zolwaphulo-mthetho nobundlobongela kwiZiko leeFoni leZikolo eziKhuselekileyo (Safe School Call Centre). Oku kunokwenziwa ngokuthi kuthunyelwe imiyalezo enxulumene nezokhuseleko kuyo yonke imbalelwano ethunyelwa zizikolo kubazali

2. IZiko leeFoni leZikolo eziKhuselekileyo

  • kunokuqhagamshelwana nalo kule nombolo ingahlawulelwayo: 0800 45 46 47;
  • libonelela ngonxibelelelwano ngefoni olukhawulezileyo n
  • olungahlawulelwayo kubafundi, kubazali nakootitshala abafuna uncedo, ingcebiso nengcaciso malunga nemiba enxulumene nemfundo (Injongo kukunceda ootitshala bafundise nabafundi bafunde kwindawo engqonge isikolo ekhuselekileyo, engenalwaphulo-mthetho.);
  • livulwa ukususela ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu ngo-07:00 ukuya ku-16:00, yaye lifumaneka kuNdlunkulu weSebe iWCED kumgangatho wesibini;
  • lenza inkonzo ngeelwimi ezintathu zikarhulumente wePhondo leNtshona Koloni ekuzezi: Isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa;
  • lisebenza njengeziko loququzelelo (co-ordinating centre) apho kwenziwa khona umsebenzi wokuthumela abafuna uncedo kwii-arhente ezifanelekileyo yaye likwaliziko apho ekusasazwa khona ingcaciso ebalulekileyo kumaqela achaphazelekayo; yaye
  • liqhagamshelene nababoneleli-nkonzo abaninzi abasebenzisa ingcaciso nabaxhasa umsebenzi weZiko leeFoni.
3. Imisebenzi eyenziwa ngoku

Abafonayo bafumana ukuthotywa uvalo (debriefing) ngethuba befona xa kuvele ingxuba-kaxaka (crisis calls) yaye, ngethuba leefoni ezingangxamisekanga (non-crisis calls), iifoni zithunyelwa, xa kuyimfuneko, kwii-arhente ezinika iingcebiso zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, kwimibutho engekho phantsi korhulumente nakwimibutho yabahlali.

Ayakhuthazwa amalungu angabahlali besikolo ukuba afonele le nombolo engahlawulelwayo: 0800 45 46 47 ngokumalunga noku kulandelayo:

Imeko eNgxamisekileyo okanye eNxunguphalisayo
Ii-arhente zeZiko leeFoni ziziphendula ngokukhawuleza ezi foni. Ziya kuqhagamshelana neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (South African Police Service) okanye inkonzo engxamisekileyo echaphazelekayo ngokubhekiselele koku kulandelayo:

  • Ubundlobongela bamaqela emigewu (Gang violence)
    Ubundlobongela bamaqela emigewu nobuthi buphazamisane nexesha lokufundisa nokufunda okuqhelekileyo xa buthi bufikelele kwinqanaba elothusayo kwezinye iindawo zaseNtshona Koloni. IZiko leeFoni liya kuqinisekisa ukuba izikolo zifumana uncedo xa kukho amaqela emigewu kumasango esikolo, ukugrogriswa nokoyikiswa ngamaqela emigewu, ukudutyulwa nokubulawa ngamaqela emigewu.
  • Umothuko omkhulu (trauma)
    IZiko leeFoni liya kunika uncedo kwimeko yazo naziphi na iziganeko ezidala umothuko omkhulu, onjengokusweleka ngengozi, ukuzibulala, ukuxhonyiswa, abantu abalahlekileyo, ukugrogriswa ngebhombhu nezixhobo kumasango esikolo.

Ulwaphulo-mthetho olwenzeka ezikolweni
IZiko leeFoni liphendula zonke iziganeko zolwaphulo-mthetho ezenzeka ezikolweni ngokuthi zinike ingcebiso ngeenkqubo ekufuneka zilandelwe nangokwazisa abasemagunyeni abachaphazelekayo malunga noku kulandelayo:

  • Ulwaphulo-mthetho olunxulumene nepropathi ezikolweni, olunjengokuqhekeza, ukuntumeka ngomlilo ipropathi, ubusela, ukukhuthuza nokonakalisa ipropathi
  • Ukubethwa/ukwenzakaliswa emzimbeni umzekelo, ukuhlatywa, ukulwa nokwenzakalisa ngabom omnye umntu

Impatho-mbi
Impatho-mbi ebantwaneni eyenzeka ekuhlaleni (in communities) nakumaziko emfundo iya isiba yingxaki enkulu nexhomis' amehlo. Zonke iifoni ezingempatho-mbi ebantwaneni zisingathwa njengomba o-ethe-ethe. Kunikwa iingcebiso xa kuyimfuneko kwasekuqaleni ngokususela kwi-Abuse No More Protocol. IZiko leeFoni lisingatha ezi ndidi zilandelayo zempatho-mbi:

  • Impatho-mbi ngokwasemzimbeni okanye ngokweemvakalelo
  • Ukungahoywa kwabantwana
  • Ukuhlukunyezwa ngokwezesondo nokudlwengulwa
  • Ukungcungcuthekiswa ngokwezesondo
  • Ukohlwaywa ngokubetha
  • Usetyenziso-gwenxa lweziyobisi
  • Ucalucalulo ngokobuhlanga
  • Ukuxwilwa kushishinwe ngaba-ntwana okanye ngolutsha olufikisayo olubaleke emakhaya

Imibuzo ngokubanzi
IZiko leeFoni libonelela ngengcaciso okanye ngengcebiso kwezi meko zilandelayo:

  • Ukukhulelwa kolutsha olufikisayo nokukhupha izisu
  • I-HIV/AIDS
  • Imiba yezemfundo ngokubanzi, efana nemiba yebhunga lolawulo, ukunqunyanyiswa ekuhambeni isikolo, ukugxothwa esikolweni, ukungena ngaphandle kwemvume, iingxaki zokuziphatha, iifizi zesikolo, ubhaliso lwabafundi, iyunifom yezikolo nokuhamba isikolo kwabafundi okunyanzelekileyo

Ababoneleli-nkonzo
IZiko leeFoni liqhagamshelana neendidi ezininzi zababoneleli-nkonzo: imibutho esebenzisanayo nenikana inkxaso (inter-and intra-dependants), imibutho engekho phantsi korhulumente, imibutho yabahlali nemibutho yezenkolo. Le mibutho inegalelo kwimigudu yeZikolo eZikhuselekileyo yokwenza indawo yokufundela ibe yekhuselekileyo kwizikolo zethu, yaye ixabiseke kakhulu ngenxa yexesha layo, ngokuzimisela kwayo nangenkxaso yayo.

4. Masenze indawo engqonge izikolo zethu ibe yekhuselekileyo. Ncedisana nathi ngokuthi uzixele zonke iziganeko zobundlobongela, zokonakalisa ipropathi, zolwaphulo-mthetho nalo naluphi na udidi lwempatho-mbi esikolweni, kwiZiko leeFoni leZikolo eZikhuselekileyo kule nombolo ingahlawulelwayo:

  0800 45 46 47.

Akuwedwa. Silapha ukuza kukunceda.



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:24