2. |
Esi sikhokelo senzelwe injongo yokunceda iikomiti zolawulo lwesikolo, ootitshala namalungu amabhunga olawulo ezikolo malunga nokucwangcisela, nokuququzelela kunye nokulawula amatheko esikolo. |
3. |
Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisifundisise ngenyameko enkulu esi sikhokelo njengoko sikwazisa ootitshala ngemfanelo noxanduva lwabo ngokwasemthethweni nangokwasentlalweni lokukhusela abafundi lo gama bephantsi kweliso nononophelo lwesikolo. |
4. |
Sinethemba lokuba uya kulufumana olu xwebhu luluncedo. Malunga neminye imibuzo ongaba nayo malunga noku, kucelwa uqhagamshelane noMphathi weSekethe wesikolo sakho. |
5. |
Kucelwa wazise okukule setyhula nokukwisikhokelo sayo esiqhotyoshelweyo bonke ootitshala nabasebenzi, amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabazali ukuze bonke bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-JH LINERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:07:24
|
 |