1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0018/2012, yomhla we-23 Meyi 2012, xa iyonke.

2. Le Mimiselo eqhotyoshelweyo engoLuleko, ukunqunyanyiswa nokugxothwa kwabafundi kwiZikolo zikaRhulumente eNtshona Koloni (Regulations on Disciplining, Suspension and Expulsion of Learners at Public Schools in the Western Cape), yabhengezwa nguMphathiswa wePhondo ngokwesiqendu 63(1)(cE) soMthetho weMfundo wePhondo leNtshona Koloni, 1997, (uMthetho 12 ka-1997) (Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)), nemasifundwe nesiqendu 9(3) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, (uMthetho 84 ka-1996) (South African School's Act, 1996 (Act 84 of 1996), yaqalisa ukusebenza ngomhla we-2 Apreli 2012

3. Le mimiselo itshitshisa ngokupheleleyo oku kulandelayo:
3.1 IMimiselo ePhathelele eKuziphatheni kaKubi Kakhulu kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (kungabandakanywa izikolo zikarhulumente zabafundi abathunyelwe okanye abagqithiselwe kuzo ngokoMthetho wokuNyamekelwa kwaBantwana, 1983 (uMthetho 74 ka-1983), kunye/okanye noMthetho i-Criminal Procedure Act, 1997 (Act 51 of 1997)) kwiPhondo leNtshona Koloni, neenkqubo zoluleko emazilandelwe kwiimeko ezilolu hlobo, ezapapashwa kwiGazethi i-Provincial Gazette Extraordinary No. 5190 yomhla we-31 Oktobha 1997.
3.2 INcwadana yeMigaqo eQhelekileyo yokuNqunyanyiswa nokuGxothwa kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (The General Manual for the Suspension and Expulsion of Learners from Public Schools), eyapapashwa kwiSetyhula No. 0030/99, yomhla we-18 Matshi 1999
3.3 ISaziso seeNgxoxo zeTyala loLuleko (IsiHlomelo E) kunye nokuFakwa kweSibheno (IsiHlomelo G), ezihamba kunye neSetyhula 0024/2009, yomhla we-30 Juni 2009.

4. Luxanduva lweenqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuqinisekisa ukuthotyelwa ngokwenene kweenkqubo nemigaqo emiselwe kule mimiselo mitsha (procedural and substantive compliance), ngakumbi oku kulandelayo:
4.1 Zonke iingxoxo zetyala loluleko ezaqala phambi kwe-2 Apreli 2012, nekwathi kuzo kwenziwa ingcebiso (recommendation) yokugxothwa komfundi kwiNtloko yeSebe leMfundo, kunye/okanye ekusalindwe isibheno esenziweyo, ziya kuphethwa (be finalized) njengoko kubonelelwe kwiMimiselo nakwiiSetyhula ezikhankanywe ku-3.1, 3.2 no-3.3 apha ngentla.
4.2 Zonke iingxoxo zetyala loluleko eziqale emva kwe-2 Apreli 2012, ziya kusingathwa njengoko kuchatshazelwe kwiMimiselo emitsha yoLuleko, ukuNqunyanyiswa nokuGxothwa kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente eNtshona Koloni

5. Amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente maziphumeze le mimiselo mitsha ukukhusela izinto ezilungiselela abafundi namalungelo abafundi abachaphazelekayo kunye nelungelo labo ngokomgaqo-siseko lokwenza ngobulungisa xa kulandelwa iinkqubo ezimiselweyo (constitutional right to procedural fairness), nelifuna phakathi kwezinye izinto, ukuba
5.1 umfundi nomzali womfundi baziswe ngendlela efanelekileyo yaye ngesaziso esichatshazelwe kummiselo 5 ngesityholo sokuziphatha kakubi kakhulu komfundi;
5.2 isaziso esiya kumfundi nakumzali okanye kumgcini womfundi masinike iinkcukacha ezaneleyo ngokumalunga nomhla nendawo yeengxoxo zetyala loluleko;
5.3 umfundi nomzali okanye nomgcini womfundi mabaxelelwe ngokuzeleyo ngelungelo labo lokufikelela kumaxwebhu aphathelele kwisityholo sokuziphatha kakubi kakhulu;
5.4 umfundi unelungelo lokuba nommeli kwingxoxo zetyala (hearing), lokubuza imibuzo nokuxina ngemibuzo (cross examine) amangqina; yaye
5.5 umfundi nomzali okanye nomgcini womfundi banelungelo lokwaziswa ngencwadi ebhaliweyo ngesigqibo sebhunga lolawulo okanye seNtloko yeSebe apho kucetyiswe ngokugxothwa komfundi nangelungelo lomfundi okanye lomzali okanye lomgcini womfundi lokuba afake isibheno esichasa isigqibo seNtloko yeSebe kuMphathiswa wePhondo.

6. Ngawo onke amaxa okunqunyanyiswa okuchatshazelwe kuMmiselo 4, umlawuli wesithili semfundo makaziswe ngobunjani nethuba lokunqunyanyiswa ngokuthi kudluliswe umyalezo kubaphathi beekomiti zeesekethe.

7. Ukungeniswa kwamaxwebhu ngokukhawuleza kubaluleke kakhulu. INtloko yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) mayiwafumane onke amaxwebhu achaphazelekayo, kubandakanywa neefom eziqhotyoshelwe kule setyhula, asuka kwibhunga lolawulo kwiintsuku ezi-3 kuthathwe isigqibo esinika ingcebiso yokugxothwa komfundi. INtloko yeSebe mayithathe isigqibo kwiintsuku eziyi-14, yaye mayazise abazali okanye umgcini womfundi, ngokuthi isidlulise isigqibo sayo ngesikolo. Ngenxa yoku, amaxwebhu akhankanywe kuMmiselo 8(1)(b), kwakunye neekopi zezaziso ezibhaliweyo ezazisa umfundi kunye nomzali okanye nomgcini womfundi ngokuziphatha kakubi kwakhe nengcebiso yebhunga lolawulo, mazithunyelwe nokuba kungefeksi okanye zisiwe ngesandla okanye zithunyelwe nge-imeyili zikule fom Recommendation for Expulsion of Learner Form (isiHlomelo D) kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
Attention: Mr GCA Timm
Western Cape Education Department
Room 926 ( 9th Floor)
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town
8001
  Inombolo yefeksi: 021 461 3694
Inombolo yefoni: 021 467 2844
I-imeyili: Gerald.Timm@pgwc.gov.za

Kwangaxeshanye, iikopi zala maxwebhu mazinikwe umphathi wekomiti yesekethe okanye uMphathi weze-IMG yinqununu. Kufuneka iinqununu ziqaphele ukuba la magosa anokuza kuzo ukuza kufuna ingcaciso engaphezulu. Kungakho kwakhona imfuneko yokuba iNtloko yeSebe iWCED iqhagamshelane ngqo neenqununu okanye namagosa ezithili ngenjongo yokufumana ingcaciso eyongezelelweyo.


8. Makugcinwe imizuzu epheleleyo yeengxoxo zetyala apho kuphandwa kunye/okanye kuxoxwa ngezityholo zokuziphatha kakubi komfundi. Oku kulandelayo, phakathi kwezinye izinto, makubhalwe kwimizuzu ukwenzela ukuba iNtloko yeSebe iWCED ibe nako ukuqinisekisa ukuba ngaba umzali okanye umgcini womfundi okanye ummeli wakhe walinikwa na ithuba lokuvakalisa elakhe icala kwelo tyala nokuba ngaba ezo zimvo zabo bazivakalisayo zathathelwa ingqalelo kusini na kwisigqibo sokugqibela:
8.1 Izityholo ezipheleleyo ezibekwa umfundi
8.2 Uzithethelela njani na umfundi, yaye lusithini uluvo lomzali okanye lomgcini womfundi okanye lommeli wakhe kwezi zityholo
8.3 Imibuzo eyabuzwa ngumfundi, ngumzali okanye ngummeli wabo, kunye neempendulo kuloo mibuzo
8.4 Impendulo yebhunga lolawulo malunga nezimvo zomfundi, zomzali okanye zommeli wabo
8.5 Isigqibo sebhunga lolawulo nezizathu zeso sigqibo silolu hlobo.

9. NgokoMmiselo 4(1), libhunga lolawulo elinokumnqumamisa umfundi. Amabhunga olawulo afanele ukukhumbula into yokuba anokubanqumamisa abafundi ngokwemimiselo 4(1)(a) no-4(1)(c) ukuba ubukho bomfundi esikolweni bubangela uloyiko okanye ingozi kubantu abalapho esikolweni nokuba ukunqunyanyiswa kwakhe makungenziwa ngobungxamo kungaqalanga kuncinwe ubungqina ngokupheleleyo.

10. Ukuba iinqununu zifumana ubunzima malunga nokutolikwa kwale mimiselo ichaphazelekayo, makuthetha-thethwane nabaphathi beekomiti zeesekethe okanye nabaphathi beze-IMG phambi kokuba kuthathwe amanyathelo ngakubafundi ababhalisiweyo. Bayacelwa abalawuli bezithili nabaphathi beekomiti zeesekethe ukuba baqinisekise ngokuba iinqununu ezikwingingqi abenza iinkonzo kuzo zinolwazi ngokupheleleyo ngemigaqo neenkqubo eziqulethwe kule mimiselo mitsha.

11. Abaphathi beekomiti zeesekethe baya kufumana ikopi yamaxwebhu (ingengawo awentsusa) awayethunyelwe kwiNtloko yeSebe iWCED. Bafanele ukuziqhelanisa neemeko zetyala ngalinye ukwenzela ukuba bancedise iNtloko yeSebe xa kuye kwakho imfuneko yokuba kufunwe inkcazo okanye ingcaciso engaphezulu, okanye ukwenzela ukuba kunikwe uncedo olufanelekileyo kumfundi emva kokuba kuthathwe isigqibo.

12. Ukugxothwa komfundi makube yinto ecingwa ukwenziwa njengento yokugqibela emva kokuba onke amanye amanyathelo oluleko engaphumelelanga.

13. Okuqhotyoshelwe kule mimiselo zezi zihlomelo zilandelayo, ezenzelwe ukunceda amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente ukuba ziqinisekise ngokuba kulandelwa inkqubo yobulungisa nefanelekileyo:

IsiHlomelo A: ISaziso esiya kumfundi nomzali sengxoxo zetyala loluleko ngokoMmiselo 5
IsiHlomelo B: ISaziso sesohlwayo esiwiswe libhunga lolawulo ngokoMmiselo 7
IsiHlomelo C: ISaziso sesigqibo sebhunga lolawulo esicebisa ngokugxothwa komfundi esiya kwiNtloko yeSebe ngokoMmiselo 8
IsiHlomelo D: Ingcebiso yebhunga lolawulo eya kwiNtloko yeSebe elicebisa kuyo ukugxothwa komfundi esikolweni

14. Makuqatshelwe kwakhona ukuba le mimiselo ayisebenzi kwiziko lokunyamekelwa kwabantwana okanye kolutsha (child- or youth care centre) elichazwe kwisiqendu 191 soMthetho waBantwana, 2005 (uMthetho 38 ka-2005) (Children's Act, 2005 (Act 38 of 2005)). Akucetyiswa zingxoxo zetyala loluleko ezimiselwe neziqhutywa ngokwemigaqo kubantwana beBakala R ukuya ku- 3.

15. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili zemfundo ukuba bazise okuqulethwe yile setyhula bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:06:06

IMIMISELO EMALUNGA NOKULULEKA, UKUNQUMAMISA, NOKUGXOTHAABAFUNDI KWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE KWIPHONDO LENTSHONA KOLONI  (ubukhulu: 72 KB)
"Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)"  (ubukhulu: 61 KB)
"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 86 KB)

isiHlomelo A: ISAZISO SEENGXOXO ZOLULEKO ESIYA KUMFUNDI NOMZALI  (ubukhulu: 32 KB)
isiHlomelo B: ISAZISO ESAZISA NGESOHLWAYO ESIWISWE LIBHUNGA LOLAWULO NGOKOMMISELO 7  (ubukhulu: 28 KB)
isiHlomelo C: ISAZISO NGESIGQIBO SEBHUNGA LOLAWULO SOKUCEBISA NGOKUGXOTHWA KOMFUNDI ESIYA KWINTLOKO YESEBE  (ubukhulu: 30 KB)
isiHlomelo D: INGCEBISO YEBHUNGA LOLAWULO EYA KWINTLOKO YESEBE ECEBISA NGOKUGXOTHWA KOMFUNDI ESIKOLWENI  (ubukhulu: 38 KB)