1. Kuvunyiwe ukwandiswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2011:
1.1 Ezona ntlawulo zlphezulu zeebhasari zokubhoda ezihlawulwa abafundi abasweleyo abakwiihostele zezikoto zikarhulumente eziqhelekileyo zandisiwe ukusuka kwi-R5978.00 ukuyo kwi-R6264.94 ngomfundi ngonyaka.
1.2 Ezona ntlawulo ziphezulu zeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala neebhasari zezothutno ezihlawutwa abafundi abasweleyo kwezi zithili zemfundo. West Coast. Cape Winelands, Eden & Central Karoo ne-Overberg, zandisiwe ukusuka kwi-R 1394.00 ukuya kwi-R1460.91 ngomfundi ngonyaka.

QAPHELA: Zonke ezi bhasari zingentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani beemfuno (means test) oluvunyiweyo neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 nakwiSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.


2. Kukwavunyiwe kwakhona ukwandiswa kwezi nkxaso-mali zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2011:
2.1 lnkxaso-mali (subsidy) yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi obabhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201 ukwenzela ukuthenga iinkonzo zezolawulo nezokucoca, andisiwe ukusuka kwi-R400.00 ukuya kwi-R419.20 ngomfundi ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zikarhulumente ezinenani labafundi elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuthenga ukutya neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R5546.00 ukuya kwi-R5812.21 ngomfundi ngonyaka.
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa ecaweni okanye kwiihostele zabucala ukwenzela ukuthenga ukutya neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R1397.00 ukuya kwi-R1464.00 ngomfundi ngonyaka.

3. Kucelwa wazise okukule setyhula amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:07