1. Ukuqaliswa kweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements) kufuna iincwadi zezifundo (textbooks) kwisifundo ngasinye esifundiswayo.

2. Kulindeleke ukuba izikolo ziqinisekise ukuba umfundi ngamnye unazo iincwadi eziyimfuneko kwisifundo ngasinye.

3. ISetyhula 0014/2012 (yomhla we-02.05.2012) yazazisa izikolo ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), liya kunika abafundi beSigaba esiPhakathi nabeBakala 11 abakwizikolo zikarhulumente, incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye kuzo zonke izifundo, ngaphandle kweyesifundo seZakhono zoBomi nesoLwazi ngezoBomi.

4. Izikolo zifumana qho ngonyaka isabelo kwingxowa-mali ekhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho ngokususela kumanani obhaliso nemeko yamanqanaba entlupheko. Ubuncinane yi-50% yesi sixa-mali efanele ukusetyenziselwa ukuthenga izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (funda ezi Setyhula 0003/2012 no-0004/2012).

5. ISebe iWCED likhethe ezi prayorithi zeLTSM zilandelayo nezifanele ukuthengwa kwisabelo-mali sesikolo esikhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho sika-2012:

  • Incwadi yesifundo seZakhono zoBomi (AmaBakala 4 - 6) okanye incwadi yesifundo soLwazi ngezoBomi (iBakala 11) ngomfundi ngamnye.
  • Izikhokelo zootitshala ezongezelelweyo (Additional teacher guides) kumaBakala 4 ukuya ku- 6 no-11
  • I-Foundation Phase Phonics Programme kwiKhathalogu kaZwelonke
  • Iincwadi zezikim zokufunda okanye ii-core readers kumaBakala 4 ukuya ku-6 kwiKhatalogu kaZwelonke
  • Iincwadi zezifundo zokongeza (Top-up textbooks) zamaBakala 1 ukuya ku-3 no-10 kwiKhathalogu kaZwelonke
6. Kucelwa nilandele iinkqubo zokuthengwa kwezibonelelo (procurement processes) zezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 nezezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezicaciswe kwiiSetyhula zeMimiselo neMigangatho 0003 no-0004/2012, zomhla we-23 Januwari 2012.

7. Izikolo maziyilawule ngempumelelo inkqubo yokunikwa kwabafundi iincwadi zezifundo kunye nokubuyiswa kwazo ukwenzela ukuba iincwadi zezifundo zigcinwe ubuncinane iminyaka emithathu.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:24