1. |
Le setyhula neMimiselo eqhotyoshelweyo engoLuleko, ukuNqumamisa nokuGxotha abafundi kwiZikolo zikaRhulumente eNtshona Koloni (Regulations on Disciplining, Suspension and Expulsion of Learners at Public Schools in the Western Cape), yabhengezwa nguMphathiswa wePhondo ngokwesiqendu 63(1)(cE) soMthetho weMfundo wePhondo leNtshona Koloni, 1997, (uMthetho 12 ka-1997) (Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)), emayifundwe nesiqendu 9(3) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, (uMthetho 84 ka-1996) (South African School’s Act, 1996 (Act 84 of 1996), iqalisa ukusebenza ngomhla woku-1 ku-July 2012. |
2. |
Le mimiselo itshitshisa ngokupheleleyo oku kulandelayo: |
2.1 |
IMimiselo ePhathelele eKuziphatheni kaKubi Kakhulu kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (kungabandakanywa izikolo zikarhulumente zabafundi abathunyelwe okanye abagqithiselwe kuzo ngokoMthetho wokuNyamekelwa kwaBantwana, 1983 (uMthetho 74 ka-1983), kunye/okanye noMthetho i-Criminal Procedure Act, 1997 (Act 51 of 1997)) kwiPhondo leNtshona Koloni, neenkqubo zoluleko emazilandelwe kwiimeko ezilolu hlobo, ezapapashwa kwiGazethi i-Provincial Gazette Extraordinary No. 5190 yomhla we-31 Oktobha 1997
|
2.2 |
INcwadana yeMigaqo eQhelekileyo yokuNqunyanyiswa nokuGxothwa kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (The General Manual for the Suspension and Expulsion of Learners from Public Schools), eyapapashwa kwiSetyhula No. 0030/99, yomhla we-18 Matshi 1999 |
3. |
Ngumsebenzi weenqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuqinisekisa ukuthotyelwa kweenkqubo nemigaqo namalungelo neemfanelo ezimiselwe kule mimiselo mitsha (procedural and substantive compliance), ngakumbi oku kulandelayo: |
3.1 |
Zonke iingxoxo zetyala loluleko ezaqala phambi kwe-1 ku-July 2012, nekwathi kuzo kwenziwa ingcebiso (recommendation) yokugxothwa komfundi kwiNtloko yeSebe leMfundo, kunye/okanye ekusalindwe kuzo isibheno esenziweyo, ziya kuphethwa (be finalized) njengoko kubonelelwe kwiMimiselo nakwiSetyhula ekhankanywe ku- 2.1 no-2.2 apha ngentla. |
3.2 |
Zonke iingxoxo zetyala loluleko eziqale emva kwe-1 ku-July 2012, ziya kusingathwa njengoko kuchatshazelwe kwiMimiselo emitsha yoLuleko, ukuNqumamisa nokuGxotha abafundi kwiZikolo zikaRhulumente eNtshona Koloni |
4. |
Amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente maziphumeze le mimiselo mitsha ukukhusela izinto ezilungiselela abafundi namalungelo abafundi abachaphazelekayo nelungelo labo ngokomgaqo-siseko lokwenza ngobulungisa xa kulandelwa iinkqubo ezimiselweyo (constitutional right to procedural fairness), nelifuna phakathi kwezinye izinto, ukuba |
4.1 |
umfundi nomzali womfundi baziswe ngendlela efanelekileyo yaye ngesaziso esichatshazelwe kummiselo 5 ngesityholo sokuziphatha kakubi kakhulu komfundi; |
4.2 |
isaziso esiya kumfundi nomzali okanye kumgcini womfundi masinike iinkcukacha ezaneleyo ngokumalunga nomhla nendawo yeengxoxo zetyala loluleko; |
4.3 |
umfundi nomzali okanye nomgcini womfundi mabaxelelwe ngokuzeleyo ngelungelo labo lokufikelela kumaxwebhu aphathelele kwisityholo sokuziphatha kakubi kakhulu; |
4.4 |
umfundi nomzali okanye nomgcini womfundi banelungelo lokuba nommeli kwingxoxo zetyala (hearing), lokubuza imibuzo nokuxina ngemibuzo (cross examine) amangqina; yaye
|
4.5 |
umfundi nomzali okanye nomgcini womfundi banelungelo lokwaziswa ngencwadi ebhaliweyo ngesigqibo sebhunga lolawulo okanye seNtloko yeSebe apho kucetyiswe ngokugxothwa komfundi nangelungelo lomfundi okanye lomzali okanye lomgcini womfundi lokuba afake isibheno esichasa isigqibo seNtloko yeSebe kuMphathiswa wePhondo. |
5. |
Ngawo onke amaxa okunqunyanyiswa okuchatshazelwe kuMmiselo 4, umlawuli wesithili semfundo makaziswe ngobunjani nethuba lokunqunyanyiswa ngokuthi kudluliswe umyalezo kubaphathi beekomiti zeesekethe. |
6. |
Ukungeniswa kwamaxwebhu ngokukhawuleza kubaluleke kakhulu. INtloko yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) mayiwafumane onke amaxwebhu, kubandakanywa neefom eziqhotyoshelwe kule setyhula, navela kwibhunga lolawulo kwiintsuku ezi-3 kuthathwe isigqibo esinika ingcebiso yokugxothwa komfundi. INtloko yeSebe mayithathe isigqibo kwiintsuku eziyi-14, yaye mayazise abazali okanye umgcini womfundi, ngokuthi isidlulise isigqibo sayo ngesikolo. Ngenxa yoku, amaxwebhu akhankanywe kuMmiselo 8(1)(b), kwakunye neekopi zezaziso ezibhaliweyo ezazisa umfundi kunye nomzali okanye nomgcini womfundi ngokuziphatha kakubi kwakhe nengcebiso yebhunga lolawulo, mazithunyelwe ngefeksi okanye zisiwe ngesandla okanye zithunyelwe nge-imeyili zikule fom Recommendation for Expulsion of Learner Form (isiHlomelo D) kule dilesi ilandelayo:
|
Head: Education Attention: Mr GCA Timm Western Cape Education Department Room 926 (9th Floor) Grand Central Towers Lower Parliament Street Cape Town 8001
Ifeksi: 021 461 3694
Ifoni: 021 467 2844
I-imeyili: Gerald.Timm@pgwc.gov.za
|
Kwangaxeshanye, iikopi zala maxwebhu mazinikwe umphathi wekomiti yesekethe okanye umphathi weze-IMG yinqununu. Kufuneka iinqununu ziqaphele ukuba la magosa anokuza kuzo ngenjongo yokufumana ingcaciso engaphezulu. Kungakho kwakhona imfuneko yokuba iNtloko yeSebe iWCED iqhagamshelane ngqo neenqununu okanye namagosa ezithili ngenjongo yokufumana ingcaciso eyongezelelweyo.
|
7. |
Makugcinwe imizuzu epheleleyo yeengxoxo zetyala apho kuphandwa kunye/okanye kuxoxwa ngezityholo zokuziphatha kakubi komfundi. Oku kulandelayo, phakathi kwezinye izinto, makubhalwe kwimizuzu ukwenzela ukuba intloko yeSebe iWCED ibe nako ukuqinisekisa ukuba ngaba umzali okanye umgcini womfundi okanye ummeli wakhe walinikwa na ithuba lokuvakalisa elakhe icala kweli tyala nokuba ngaba ezo zimvo zabo bazivakalisayo zathathelwa ingqalelo kusini na kwisigqibo sokugqibela: |
7.1 |
Izityholo ezipheleleyo ezibekwa umfundi |
7.2 |
Uzithethelela njani na umfundi, yaye lusithini uluvo lomzali okanye lomgcini womfundi okanye lommeli wakhe kwezi zityholo |
7.3 |
Imibuzo eyabuzwa ngumfundi, ngumzali okanye ngummeli wabo, neempendulo kule mibuzo ilolu hlobo |
7.4 |
Impendulo yebhunga lolawulo ngezimvo zomfundi, zomzali okanye zommeli wabo |
7.5 |
Isigqibo sebhunga lolawulo nezizathu zeso sigqibo silolu hlobo. |
8. |
NgokoMmiselo 4(1), libhunga lolawulo kuphela elinokumnqumamisa umfundi. Amabhunga olawulo afanele ukuyiqwalasela into yokuba anokubanqumamisa abafundi ngokwemimiselo 4(1)(a) no-4(1)(c) ukuba ubukho bomfundi esikolweni bubangela uloyiko okanye ingozi kubantu abalapho esikolweni nokuba ukunqunyanyiswa kwakhe makungenziwa ngobungxamo kungaqalanga kuncinwe ubungqina ngokupheleleyo. |
9. |
Ukuba iinqununu zifumana ubunzima malunga nokutolikwa kwale mimiselo ichaphazelekayo, makuthetha-thethwane nabaphathi beekomiti zeesekethe okanye abaphathi be-IMG phambi kokuba kuthathwe amanyathelo ngakubafundi ababhalisiweyo. Bayacelwa abalawuli bezithili nabaphathi beekomiti zeesekethe ukuba baqinisekise ngokuba iinqununu ezikwingingqi abenza iinkonzo kuzo zinolwazi ngokupheleleyo ngemigaqo neenkqubo eziqulethwe kule mimiselo mitsha. |
10. |
Abaphathi beekomiti zeesekethe baya kufumana ikopi yamaxwebhu (ingengawo awentsusa) awayethunyelwe kwiNtloko yeSebe. Bafanele ukuziqhelanisa neemeko zetyala ngalinye ukwenzela ukuba bancedise iNtloko yeSebe iWCED, xa kukho imfuneko yokuba kunikwe inkcazo okanye ingcaciso, okanye ukwenzela ukuba kunikwe uncedo olufanelekileyo kumfundi emva kokuba kuthathwe isigqibo. |
11. |
Ukugxothwa komfundi makube yinto ecingwa ukwenziwa njengento yokugqibela emva kokuba onke amanye amanyathelo oluleko engaphumelelanga. |
12. |
Okuqhotyoshelwe kule mimiselo zezi zihlomelo zilandelayo, ezenzelwe ukunceda amabhunga olawulo neenqununu zezikolo zikarhulumente ukuba ziqinisekise ngokuba kulandelwa inkqubo yobulungisa nefanelekileyo:
IsiHlomelo A: |
ISaziso esiya kumfundi nomzali sengxoxo zetyala loluleko ngokoMmiselo 5 |
IsiHlomelo B: |
ISaziso sesohlwayo esiwiswe libhunga lolawulo ngokoMmiselo 7 |
IsiHlomelo C: |
ISaziso sesigqibo sebhunga lolawulo esicebisa ngokugxothwa komfundi esiya kwiNtloko yeSebe ngokoMmiselo 8 |
IsiHlomelo D: |
Ingcebiso yebhunga lolawulo eya kwiNtloko yeSebe elicebisa kuyo ukugxothwa komfundi esikolweni |
|
13. |
Makuqatshelwe kwakhona ukuba le mimiselo ayisebenzi kwiziko lokunyamekelwa kwabantwana okanye kolutsha (child- or youth care centre) elichazwe kwisiqendu 191 soMthetho waBantwana, 2005 (uMthetho 38 ka-2005) (Children’s Act, 2005 (Act 38 of 2005)). Akucetyiswa zingxoxo zetyala loluleko ezimiselweyo kubantwana beBakala R ukuya ku- 3. |
14. |
Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili zemfundo ukuba bazise okuqulethwe yile setyhula bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:23
|
|