1. |
Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zika-Oktobha –November 2012. |
2. |
Le thayimthebhile ingqinwe yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee) yaze yavunywa liBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers). |
3. |
Iimviwo ikakhulu ziqala nge-22 Oktobha 2012 zize ziphele nge-28 Novemba 2012. |
4. |
Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa ziya kuqala ngo-09:00 zize ezasemva kwemini ziqale ngo-14:00. |
5. |
Iiklasi eziqhelekileyo maziqhubeke de kube ngowe-12 Oktobha 2012, ukwenzela ukuba kuqhubeke ukufundiswa kangangoko kunokwenzeka. Iintloko zezikolo zingakhetha ukubavumela abafundi beBakala 12 baka-2012 ukuba bafundele ekhaya ukususela nge-15 Oktobha 2012 ukwenzela ukuba balungiselele iimviwo zeNSC. |
6. |
Ngokumalunga nokuvunyelwa kwabaviwa bangene kwigumbi loviwo, abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba ngamnye umviwa ubonisa ileta yakhe yokuvunyelwa ukungena kwakunye nesazisi sakhe. Abagadi babaviwa mabawunyanzelise ngokungqongqo lo mqathango oyimfuneko wokuvunyelwa kwigumbi loviwo. Nakuba kunjalo, umviwa ongaphumeleliyo ukuveza uxwebhu oluyimfuneko (amaxwebhu ayimfuneko) okungena kwigumbi loviwo makangathintelwa ukuba abhale olo viwo luthile. Umviwa ochaphazelekayo makaveze uxwebhu olufunekayo (amaxwebhu afunekayo) ngosuku olulandelayo. Ukuba loo mviwa akaphumeleli ukuveza uxwebhu olungekhoyo olufunekayo (amaxwebhu angekhoyo afunekayo) ngosuku olulandelayo, oko makwaziswe njengesitenxo ze kulandelwe inkqubo ephathelele kwizitenxo. |
7. |
Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha longezelelweyo liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo: |
7.1 |
Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, ukuqokelela iiselula njl. njl. |
7.2 |
Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo. |
7.3 |
Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Nakuphi na ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (irregularity).
|
8. |
Abameli abavela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), u-UMalusi kunye neSebe leMfundo esiSiseko baya kuzibeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo |
9. |
Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko baxele onke amaxesha angqubanayo kwithayimthebhile (clashes) kwiSebe iWCED. Ezo ngxelo mazingeniswe ngeleta ebhaliweyo ungadlulanga uLwesihlanu, we-18 Apreli 2012 kule dilesi ilandelayo:
Head: Education Attention: Mr TJ Magwaca (Room 5-27) Western Cape Education Department Private Bag X9114 CAPE TOWN 8000
Ifeksi: 021 467 9370 / 086 6165 701
Idilesi ye-imeyili: tebo.magwaca@pgwc.gov.za
|
10. |
Kufuneka iinqununu zazise bonke abaviwa ababhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuba mabanxibe iyunifom yesikolo sabo xa bebhala uviwo ngalunye, nokuba mabasoloko befumaneka kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (07 Disemba 2012), ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kulungiselelwe elinye ixesha lokubhalwa kwephepha loviwo elithile. |
ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:18
|
|