1. ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) lixhalabile kukungathembeki kwamanqaku avela kwiimvavanyo zesifundo soLwazi ngezoBomi eziqhubekela ezikolweni kwaye lenze isiphakamiso sokuba kubhalwe imisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo kuzwelonke (common assessment task (CAT)) kwisifundo soLwazi ngezoBomi kwiBakala 12 ngo-2012.
2. Umhla ocetywayo wokubhalwa kwe-CAT ngowe-7 Septemba 2012.
3. ISebe iDBE lenze umzekelo kunye nesikhokelo sovavanyo (an exemplar and an assessment guideline) esicacisa umhlaba oza kuthathwa noza kufikelelwa yi-CAT. Okuthunyelelwayo njengesiHlomelo A ngumzekelo nesikhokelo sovavanyo.
4. Injongo yeCAT kukumisela umgangatho omawufane kuzwelonke kwisifundo soLwazi ngezoBomi noya kunceda ekuqinisekiseni ukuthembeka nokunyaniseka kwamanqaku esifundo soLwazi ngezoBomi.
5. ISebe iDBE lilungiselela ukwenza izilungiso kumgaqo-nkqubo wesifundo soLwazi ngezoBomi okhoyo njangangoku ukulungiselela ukubhalwa ngaphandle kweli candelo kwixesha elizayo.
6. Kuya kusiwa ezikolweni i-CAT elingwayo (pilot CAT) ngo-Septemba 2012 yaye kucelwa ukuba izikolo zisebenzise olu vavanyo ekumiseleni umgangatho. Izikolo ezinqwenela ukubhala uvavanyo nge-7 Septemba 2012 zinokuwusebenzisa lo msebenzi (task) njengenxalenye yovavanyo lwazo oluqhubekela esikolweni.
7. Kucelwa ukuba iinqununu zazise le ngcaciso bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:02

isiHlomelo A: "Life Orientation Guidelines for Common Assessment Task"  (ubukhulu: 61 KB)
isiHlomelo A: "Life Orientation Exemplar 2012"  (ubukhulu: 115 KB)
isiHlomelo A: "Life Orientation Exemplar 2012 Memorandum"  (ubukhulu: 65 KB)