1. Ukuphunyezwa kweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2012

  • Isikolo ngasinye silindeleke ukuba sibonelele umfundi ngamnye ngeencwadi zezifundo eziyimfuneko kwisifundo ngasinye.

  • I-CAPS, eyingxam engundoqo we-National Curriculum Statement Grades R to 12, iphunyezwa njengangoku kuzo zonke izikolo kwiSigaba seSiseko (Foundation Phase) (kumaBakala R - 3) nakwiBakala 10.

  • Ukunika inkxaso ukuphunyezwa kwe-National Curriculum Statement Grades R to 12 kula maBakala ngo-2012, kwaye kwenziwa ikhathalogu kazwelonke neyaye yathunyelwa ezikolweni ngoSeptemba 2011. Le khathalogu inezihloko zeencwadi zezifundo ezivunyiweyo nezifanele ncam i-CAPS.
2. Ukuphunyezwa kwe-CAPS ngo-2013

  • I-CAPS iya kuphunyezwa kumaBakala 4, 5, 6 no-11 ngo-2013. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke liya kulandela inkqubo efanayo yeekhathalogu zikazwelonke zeSigaba esiPhakathi (zamaBakala 4 - 6) nezeBakala 11. Iikhathalogu ziya kwenziwa zifumaneke ezikolweni kwikota yesithathu ka-2012.

    • Ukwenzela ukunika inkxaso ukuphunyezwa kwe-CAPS kwiSigaba esiPhakathi nakwiBakala 11 ngo-2013, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), liya kubonelela umfundi ngamnye kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, ngezi ncwadi zezifundo zilandelayo:

      AmaBakala 4, 5, no-6: Iincwadi zezifundo ezintlanu ngomfundi ngamnye – incwadi yesifundo nganye kwezi zifundo zilandelayo (kungabandakanywa incwadi yesifundo seZakhono zoBomi):

      • ULwimi lweeNkobe
      • ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo
      • IMathematika
      • IiSayensi zeNdalo (Natural Science) neThekhinoloji
      • IiSayensi zezeNtlalo (Social Sciences)

      IBakala 11: Iincwadi zezifundo ezintandathu – incwadi yesifundo kwizifundo ezithandathu kwezisixhenxe ezifundwa ngabafundi beBakala 11 (kungabandakanywa incwadi yesifundo soLwazi ngezoBomi)

    • Iindleko zokuthenga ezi ncwadi zezifundo ziya kuhlawulwa liSebe iWCED.
3. Yakuba ifumaneka ikhathalogu kazwelonke yeSigaba esiPhakathi ngoJulayi 2012, izikolo eziziprayimari zilindeleke ukuba zisebenzise ingxowa-mali (funding) yazo yeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali yango-2012 okanye ingxowa-mali yesikolo ukuthenga incwadi yesifundo seZakhono zoBomi yomfundi ngamnye weBakala 4- 6.

4. Kwangokufanayo, yakuba ifumaneka ikhathalogu kazwelonke yeSigaba esiPhakathi ngoJulayi 2012, izikolo eziphakamileyo nazo zilindeleke ukuba zisebenzise ingxowa-mali yazo yeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali yango-2012 okanye ingxowa-mali yesikolo ukuthenga incwadi yesifundo soLwazi ngezoBomi yomfundi ngamnye weBakala 11.

5. Uku-odolwa kweencwadi zazo zonke izifundo kumaBakala 4 - 6 neBakala 11 (ngaphandle kweencwadi zezifundo zeZakhono zoBomi nezoLwazi ngezoBomi) kuya kulawulwa ndawonye (centrally) liSebe iWCED.

6. Kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba inani labafundi kwibakala ngalinye, kwisifundo ngasinye nakulwimi ngalunye (olweeNkobe (HL) noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)), liyahlaziywa qho kwiCEMIS ukuqinisekisa ukuchaneka kwee-odolo.

7. Kufuneka izikolo ziphumeze ngempumelelo isicwangciso solawulo lweencwadi zezifundo (implement an efficient textbook management plan) ukuqinisekisa ukuba iincwadi zezifundo zeLTSM zigcinwa iminyaka emithathu ubuncinane.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:05:02