1. Ngowe-2 Septemba 2011, iSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE) lapapasha i-Gazethi kaRhulumente No. 34600. Le Gazethi yabhengeza i-National Curriculum Statement (NCS) kumaBakala R - 12 enala maxwebhu alandelayo:

  1. Curriculum and Assessment Policy Statements for all approved subjects for Grades R to 12

  2. National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the NCS Grades R to 12

  3. The National Protocol for Assessment

Ngokwale Gazethi ingentla, umgaqo-nkqubo omtsha mawuphunyezwe kwiSigaba seSiseko ukususela ngoJanuwari 2012, kwiSigaba esiPhakathi ukususela ngoJanuwari 2013, nakwiSigaba esiPhezulu ukususela ngoJanuwari 2014.

2. Le setyhula yimbalelwano yokuqala (first communiqué) yokwazisa izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokwaziswa ngokusesikweni liphondo kweprogram yeNCS Grades R -12 (CAPS) kwiSigaba esiPhakathi.

3. Ziyacelwa izikolo nezithili zemfundo ukuba ziyigcine imihla yokuqaliswa ngokusesikweni kwale program elapha ngezantsi ukulungiselela ezi njongo zicacisiweyo:

Iqela elithagethiweyo Imihla (2012) Injongo
Abacebisi ngezekharityhulam kwi-Provincial Training Team (PTT) NgoLwesithathu we-9 ukuya kuLwesihlanu we-11 Meyi Ukuqhelaniswa neenguqu ezikwi-NCS Grades R-12 (CAPS) zeSigaba esiPhakathi
Onke amanye amagosa awenza umsebenzi kwiSigaba esiPhakathi (kubandakanywa amagosa ezithili zemfundo nabacebisi ngezekharityhulam abangekho kwi-PTT), iikomiti zeesekethe nabaphathi neeNtloko zoQuquzelelo neNgcebiso ngeze-IMG. Ngethuba eliphakathi koLwesibini we-15 ukuya kuLwesine we-31 Meyi Uqeqesho kwi-NCS Grades R-12 (CAPS) oluya kuphunyezwa ngo-2013 kwiSigaba esiPhakathi
ISigaba esiPhakathi (Ootitshala abaziinkokeli (Lead teachers) abakhethwe zii-ofisi zezithili zemfundo) ULwesihlanu we-8 ukuya kwiCawa ye-10 Juni UNdlunkulu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo axhobisa ootitshala abaziinkokeli ukuba kuqhelaniswe ootitshala ne-NCS Grades R - 12 (CAPS)
Bonke ootitshala beeklasi zamaBakala 4 ukuya ku-6 UMvulo we-9, ukuya kwi-11 Julayi Uqeqesho oluqhubekela kwiisekethe kwi-NCS Grades R - 12 (CAPS) yeSigaba esiPhakathi
Zonke iinqununu zezikolo ezinamabakala aneSigaba esiPhakathi ULwesine we-12 Julayi Ukuqhelaniswa ne-NCS Grades R - 12 (CAPS) yeSigaba esiPhakathi okwenzelwa kwizithili nakwiisekethe

4. Bonke ootitshala, iikomiti zolawulo lwezikolo namagosa achaphazelekayo
4.1 mababenako ukuqalisa kunye/okanye ukunika inkxaso ukuphunyezwa kweNCS (CAPS) kwiSigaba esiPhakathi ukususela ku-2013; yaye
4.2 bayacelwa ukuba baye kuqhelaniso lwe-2012 NCS (CAPS) yaye baqinisekise ukuba ukucwangcisela u-2013 kuyahambelana ne-NCS (CAPS).

5. Ingcaciso engaphezulu ngamalungiselelo okuqhutywa koqeqesho iya kukhutshwa xa sele isondele le mihla ikhankanywe apha ngentla.

6. Ukuqhelaniswa kootitshala
6.1 Ubhaliso: Ziyacelwa izikolo ukuba zibhalise ootishala beSigaba esiPhakathi abaya kuza kwisiHlomelo A. Amalungiselelo okuqhutywa koqeqesho aya kucwangciswa ngokwale ngcaciso. Kucelwa usizalise ngokupheleleyo, uze usibuyisele kumququzeleli wesithili weGET ungadlulanga owe-16 Apreli 2012. (Funda iinkcukacha kwisiHlomelo A.)
6.2 Iindawo: I-ofisi yesithili semfundo nganye iya kwenza amalungiselelo eendawo zoqeqesho kwisekethe nganye. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwazisa isikolo ngasinye ngendawo yoqeqesho lwaso.
6.3 Amalungiselelo ohambo: Kunokwenziwa ibango lesibonelelo sohambo, ngokuxhomekeka kwezi meko zilandelayo:
6.3.1 Kuqinisekisiwe ukubakho kumasifundisane ngokupheleleyo.
6.3.2 Kuhanjwa uhambo olumalunga ne-20 km ubuncinane lokuya nokuphinda ubuye ngosuku (izithuthi zikawonke-wonke nezabucala).
6.3.3 Ibango malingadluli kwi-180 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku. Ootitshala ekufuneka behambe ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku banokubhalisela indawo yokulala. (Funda isiHlomelo A.)

Amabango aya kuvavanywa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko kunokwenzeka.
Ngumqhubi kuphela okanye umnini wesithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo. Nawuphi na umkhweli makabhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,00 ngekhilomitha nganye. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kwesithuthi sabucala ekukhwelisweneyo kuso Ngumqhubi kuphela okanye umnini wesithuthi onokwenza ibango leekhilomitha ezihanjiweyo. Nawuphi na umkhweli makabalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R2,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kwezithuthi eziyibhasi okanye iminibhasi ebonelelwe sisikolo Isikolo sinokusebenzisa ibhasi yaso size senze ibango leekhilomitha ezihanjiweyo okanye senze amalungiselelo okuqesha isithuthi ngokwekowuteshini eyeyona ibiza kancinane size sihlawule ikontraki. Iikowuteshini mazingeniswe kumququzeleli wesithili weGET yaye zivunywe phambi kokuba kungenwe kwimvumelwano. Kwimeko yokuqesha isithuthi, iSebe iWCED liya kubuyisela isikolo iindleko zaso xa lifumene amaxwebhu asayiniweyo. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.
Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iminibhasi eyiteksi, ibhasi, uloliwe, kodwa ingabi ziiteksi ezihlawulwa ngokweemitha ezihanjiweyo Amabango makacacise indawo ekusukwe kuyo nendawo ekuphelwa kuyo kumjikelo ngamnye wohambo. Intlawulo eyimbuyiselo iya kwenziwa ngokwereyithi emiselweyo. Ubungqina (obungamatikiti) bunokucelwa ligosa lamabangp ukwenzela ukuba kungqinisiswe ibango.
6.4 Indawo yokulala nokutya: Indawo yokulala nokutya (idinala nesidlo sakusasa) ziya kwenziwa zifumaneke ngolu hlobo lulandelayo:
6.4.1 Umgama ukuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezulu nge-140 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku.
6.4.2 Kuqinisekisiwe ukubakho ngokupheleleyo kwikhosi yoqeqesho.
6.4.3 Ukubhalisela ukufika kuqhubeka ngeCawa, ye-8 Julayi 2012, ngaphandle kokuba kucaciswa ngenye indlela ngumququzeleli wesithili weGET.
6.4.4 Isicelo esibhaliweyo sendawo yokulala singenisiwe kumququzeleli wesithili weGET.
6.4.5 Isicelo esele sivunyiwe ngencwadi ebhaliweyo ngumququzeleli wesithili weGET.

Imvume kwisicelo sendawo yokulala mayifunyanwe (ngencwadi ebhaliweyo) ivela kumququzeleli wesithili weGET ungadlulanga owe-15 Juni 2012. Ootitshala abafanelekileyo ukufumana indawo yokulala banoxanduva lokuqinisekisa ukuba bafumana le mvume ibhaliweyo kwangaphambi kokubhukisha. Akukho bango liya kuhlawulwa ngaphandle kwale mvume kuqala esuka kumququzeleli wesithili weGET.

Iindidi zendawo yokulala ezikufaneleyo ukuhlawulwa imbuyiselo:

Indawo yokulala ehostele Indawo yokulala kwihostele yesikolo, kungekho ntlawulo kootitshala. Kucelwa ubuze kumququzeleli wesithili weGET ukuba olu didi luyafumaneka. Ukuba iyafumaneka, ootitshala mabayibhukishe ngokuzalisa isiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) baze basibuyisele ngomhla omiselweyo. Indawo yokulala ehostele iya kuba kumagumbi ekulala ngaphezu komntu omnye yaye ootitshala kufuneka beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, guest house, ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
Ootitshala mabazalise baze babuyise isiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) ngomhla omiselweyo.
Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R250 ngosuku ngedinala indawo yokulala nesidlo sakusasa.
I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
Indawo yokulala kusapho okanye kwindawo yabucalala Kuya kusebenza ezi meko zilandelayo:
Ootitshala mabazalise baze babuyise isiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) ngomhla omiselweyo.
Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R130 ngosuku ngedinala, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
Eli bango malihanjiswe kunye nengxelo efungelweyo (sworn affidavit) evela kwisizalwane okanye kumntu omnike indawo yokulala, lisayiniwe yaye lingqiniwe ngowenza ibango yaye lingeniswe kwindawo enekhosi.

7. Ukuqhelaniswa kweeNqununu namaSekela-nqununu:
7.1 Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezinamaBakala eSigaba esiPhakathi ukuba zibekho kulo masifundisane woqhelaniso wosuku olunye ne-NCS Grades R-12 (CAPS). Ayacelwa nawo onke loo masekela-nqununu athweswe uxanduva lwamaBakala eSigaba esiPhakathi ukuba abekho kunye neenqununu zawo. Lo masifundisane uya kuqhubeka nge-12 Julayi 2012 yaye uya kuqala ngo-8:00 ngqo aze aphele ngo-16:30.
7.2 Kufuneka iinqununu namasekela-nqununu eSigaba esiPhakathi babhalisele ukubakho kwabo kwisiHlomelo B. Amalungiselelo okuqhutywa koqeqesho aya kucwangciswa ngokwale ngcaciso. Kucelwa uyizalise ngokupheleleyo ifom, uze uyibuyisele kumququzeleli wesithili weGET ungadlulanga owe-20 Apreli 2012.
7.3 Amalungiselelo ohambo: Kuya kusebenza imimiselo nemiqathango ecaciswe apha ngentla.
7.4 Indawo yokulala nokutya: Apho kunokwenzeka kuya kufunwa indawo yokulala ehostele. Ukuba oko akunakwenzeka, kuya kusetyenziswa eminye imimiselo nemiqathango ecaciswe apha ngentla.

8. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili ukuba bazise bonke ootitshala nabasebenzi okukule setyhula ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:03:22

"Government Gazette No. 34600"  (ubukhulu: 115 KB)
IsiHlomelo A: UBHALISO KUMASIFUNDISANE WOKUQHELANISWA NE-NCS GRADES R-12 (CAPS) WESIGABA ESIPHAKATHI UKULUNGISELELA OOTITSHALA  (ubukhulu: 16 KB)
IsiHlomelo B: UBHALISO KUMASIFUNDISANE WOKUQHELANISWA NE-CAPS KWISIGABA ESIPHAKATHI UKULUNGISELELA IINQUNUNU NAMASEKELA-NQUNUNU  (ubukhulu: 16 KB)