1. Isikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) esimalunga nokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso sabhengezwa ngeSetyhula 0006/2010 ye-19 Februwari 2010.

2. Kodwa ke, ngenxa yeenguqu zakutshanje ezenziwe kwistraksha seSebe i-WCED, kuye kwayimfuneko ukuba kwaziswe amagosa ngenkqubo ehlaziyiweyo yokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso.

3. Iisetyhula zisayinwa yiNtloko yeSebe leMfundo kuphela okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla sayo. Ingcaciso emfutshane isayinwa liSekela Mlawuli-Jikelele welo Candelo likhulu lichaphazelekayo okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla salo.

4. Naziswa kwakhona oku kulandelayo ukwenzela ukuba nikuthathele ingqalelo:
4.1 Iisetyhula zidla ngokukhutshwa ngenjongo yokwazisa izikolo zeSebe i-WCED nabasebenzi be-WCED ngemicimbi ebaluleke ngokukodwa, o.k.t. imibandela engomgaqo-nkqubo engenakutshintshwa nakanjani na okanye engenakungahoywa. Iingcaciso ezimfutshane zidla ngokukhutshwa ngamacandelo abalawuli abaziintloko, ngamacandelo nazii-ofisi zezithili ngenjongo yokunika ingcaciso, imiyalelo kunye nokucacisa imiba eqhelekileyo eyenziwa qho.
4.2 IRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu, ese-6th floor e-Grand Central Towers, Cape Town, inika iinombolo zeesetyhula zaseburhulumenteni zeSebe iWCED ngokolandelelwano lwamanani kwaye kufuneka kuqhagamshelwane nayo malunga noku.
4.3 Ilelo nelo icandelo nee-ofisi zezithili zinika iinombolo zeengcaciso ezimfutshane zazo ngokolandelelwano lwamanani kwaye kufuneka zigcine iirejista ukulungiselela loo njongo.
4.4 Kuphela yiRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu egunyazisiweyo ukuba ithumele amaxwebhu ngekhompyutha, anjengeesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso zaseburhulumenteni zeSebe i-WCED, kumagosa nakwizikolo zeSebe i-WCED, ngokusebenzisa iinkqubo zokuthunyelwa kweposi ii-e-school and electronic mail list systems. Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zithunyelwa zikwi-PDF yaye ke ngoko makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba kusetyenziswa iiletahedi ezichanekileyo nokuba zikumgangatho ophezulu. Iiletahedi zeSebe i-WCED zisandula kukhutshwa liCandelo lezoNxibelelwano (Directorate Communication) nge 11 Januwari 2012.
4.5 Nasiphi na isaziso esithunyelwa ngekhompyutha ezikolweni zethu nakumagosa masigunyaziswe ngencwadi ebhaliweyo ligosa elichaphazelekayo liSekela Mlawuli-Jikelele okanye yiNtloko yeSebe leMfundo. Loo mvume ibhaliweyo mayihambe kunye nesaziso eso xa sisisiwa kwiRegistri eNkulu ngenjongo yokuba sisasazwe ngekhompyutha.
4.6 Yakuba nje isetyhula, ingcaciso emfutshane okanye isaziso sivunyiwe kwaye sisayinwe ligosa elichaphazelekayo, makungeniswe ngaphandle kokulibazisa ikopi yoxwebhu lokugqibela oluyintsusa (copy of the original final document) ekumgangatho ophezulu, kwakunye nekopi ekwikhompyutha (ngokuyingenisa nge-imeyili okanye nge-memory stick (via e-mail or on a memory stick)), kwiNtloko yeRejistri eNkulu ngenjongo yokuba isasazwe ngekhompyutha.

5. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga nokuqulathwe lolu xwebhu, kucelwa uqhagamshelane negosa eligama lalo livela emva kwegama elithi “Imibuzo” (Enquiries) kwiletahedi elapha ngasentla.

6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:03:06