1. Injongo yale setyhula kukunika izikolo ithayimthebhile yokubhalwa kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments (ANA)) ezicwangciselwe u-2012.
2. Ii-ANA ziya kubhalwa ukuqala nge-18 - 21 Septemba 2012. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le mihla namaxesha acaciswe kule thayimthebhile iqhotyoshelweyo kuya kuba kukutenxa kwinkqubo yokubhalwa kweemvavanyo (assessment irregularity).
3. Iintsuku zokuqhutywa kwemvavanyo zintsuku zesikolo eziqhelekileyo kwaye ukufunda nokufundisa makuqhubeke emva kokuba kugqitywe iimvavanyo.
4. Abafundi baya kubhala iimvavanyo zamabakala abakuwo ngo-2012.
5. Njengoko olu iluvavanyo lukazwelonke, ukubekwa esweni (monitoring) kuya kwenziwa ngamagosa e-ofisi yesithili semfundo, ngamagosa ephondo nangabameli beSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke.
6. Iinqununu maziqinisekise ukuba zifumana isixa esichanekileyo sezinto zokubhala uvavanyo kwibakala ngalinye, kwinkalo yesifundo nganye nakulwimi lokufunda nokufundisa ngalunye. Kufuneka iinqununu ziqinisekise ukhuseleko nokuhlala kuyimfihlo kwamaphepha emibuzo nezinto eziza kusetyenziswa kuvavanyo ngawo onke amaxesha.
7. Kucelwa iinqununu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala, abafundi kunye nabazali.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:03:06

ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA KA-2012  (ubukhulu: 28 KB)