1. Uxwebhu olufakelwe izilungiso oluyi-Regulations on the Conduct, Administration and Management of Assessment of the Senior Certificate examinations luvumela ukubhalwa kweemviwo zeMatriki ukususela ngoMeyi - Juni 2009 ukuya kutsho ngoMeyi - Juni 2011.

2. Apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yabaviwa abangesosigxina (part-time candidates) abaya kuba bebhala iimviwo ngo-Meyi - Juni 2010.

3. Ezi mviwo ziqala ngowe-03 Meyi 2011 ziphele ngowe-24 Juni 2011.

4. Kwiintsuku ezininzi zokubhalwa kweemviwo kuya kubakho iseshoni yoviwo ibe nye kuphela ngosuku, o.k.t. yoba yiseshoni yasemva kwemini eqala ngo-14:00.

5. Amaziko eemviwo ekuza kubhalelwa kuwo iimviwo zeMatriki aya kwabiwa ngokweendawo ekuye kwagqitywa ngazo liSebe leMfundo leNtshona Koloni.

6. Ngokumalunga nokuvunyelwa kwabaviwa bangene kwigumbi loviwo, abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba ngamnye umviwa ubonisa ileta yakhe yokuvunyelwa ukungena kwakunye nesazisi sakhe. Abagadi babaviwa mabawunyanzelise ngokungqongqo lo mqathango oyimfuneko wokuvunyelwa kwigumbi loviwo. Nakuba kunjalo, umviwa ongaphumeleliyo ukuveza uxwebhu oluyimfuneko (amaxwebhu ayimfuneko) okungena kwigumbi loviwo makangathintelwa ukuba abhale olo viwo luthile. Umviwa ochaphazelekayo makaveze uxwebhu olufunekayo (amaxwebhu afunekayo) ngosuku olulandelayo. Ukuba loo mviwa akaphumeleli ukuveza uxwebhu olungekhoyo olufunekayo (amaxwebhu angekhoyo afunekayo) ngosuku olulandelayo, oko makwaziswe njengesitenxo ze kulandelwe inkqubo eqhelekileyo ephathelele kwizitenxo.

7. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-35 phambi kwexesha lokuqala ngokusesikweni kweseshoni yoviwo. Le mizuzu ingama-35 mayisetyenziswe ngolu hlobo lulandelayo:
7.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, ukuqokelela iiselula njl. njl.
7.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
7.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowutsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Nakuphi na ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (irregularity).
7.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhileyoviwo.

8. Abameli abavela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), u-UMalusi kunye neSebe leMfundo esiSiseko baya kuzibeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo

9. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iiMviwo zeMatriki ngo-Meyi-Juni 2011.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:30

"Senior Certificate Examination Timetable"  (ubukhulu: 29 KB)