1. |
Amaxwebhu aveliswe kutshanje eeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) aza kumana engeniswa kancinane kuwo onke amabakala kwiminyaka emi-3 ezayo, ngo-2012 ukuya ku- 2014. |
2. |
ISetyhula 0049/2010, yomhla we-2010-12-09, yanika izikolo isicwangciso sokuphunyezwa kwee-CAPS kwithuba eliqalela ku-2012 ukuya ku- 2014. |
3. |
Ukunika inkxaso ukuqaliswa kwee-CAPS kuwo onke amabakala, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kubonelela bonke abafundi nootitshala ngeencwadi zezifundo ezihambelana nee-CAPS kwisifundo ngasinye. |
4. |
Ngo-2012, ii-CAPS ziya kuqaliswa kumaBakala 1, 2, 3 no-10. Ngo-2011, iSebe iWCED liya kubonelela umfundi ngamnye okula mabakala kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngoku kulandelayo:
AmaBakala 1, 2 no-3 Iincwadi zezifundo ezi-4 kumfundi ngamnye - incwadi enye kwisifundo ngasinye kwezi zilandelayo:
- ULwimi lokuQala oLongezelelweyo
- ULwimi lweeNkobe
- IMathematika
- ISifundo ngeZakhono zoBomi
IBakala 10 Iincwadi zezifundo ezisi-7 kumfundi ngamnye - incwadi enye kuso ngasinye sezifundo ezisi-7 ezithathwa ngumfundi weBakala 10
Izikhokelo zootitshala (Teachers' guides) zazo zonke izifundo
|
5. |
Ngo-2013, ii-CAPS ziya kuqaliswa kumaBakala 4 - 9 nakwiBakala 11. Ngo-2012, iSebe iWCED liya kubonelela umfundi ngamnye okula mabakala kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngoku kulandelayo:
AmaBakala 4, 5 no-6 Iincwadi zezifundo ezintandathu kumfundi ngamnye -incwadi yezifundo enye kuso ngasinye kwezi zifundo zilandelayo:
- ULwimi lweeNkobe
- ULwimi lokuQala oLongezelelweyo
- IMathematika
- ISifundo ngeZakhono zoBomi
- IiSayensi zeNdalo neThekhinoloji
- IiSayensi zezeNtlalo
AmaBakala 7, 8 no-9 Iincwadi zezifundo ezilithoba kumfundi ngamnye -incwadi yezifundo enye kwisifundo ngasinye kwezi zilandelayo:
- ULwimi lweeNkobe
- ULwimi lokuQala oLongezelelweyo
- IMathematika
- IiSayensi zeNdalo
- IThekhinoloji
- IiSayensi zezeNtlalo
- IiSayensi zoQoqosho nezoLawulo
- UBugcisa bokuVelisa (Creative Arts)
- ISifundo ngoLwazi ngezoBomi
IBakala 11 Iincwadi zezifundo ezisixhenxe kumfundi ngamnye - incwadi yezifundo enye kuso ngasinye sezifundo ezisi-7 ezithathwa ngumfundi weBakala 11
|
6. |
Ii-CAPS ziya kuqaliswa kwiBakala 12 ngo-2014. Ngo-2013, iSebe iWCED liya kubonelela ngoku kulandelayo kumfundi ngamnye weBakala 12 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo:
IBakala 12 Iincwadi zezifundo ezisixhenxe kumfundi ngamnye - incwadi yezifundo enye kuso ngasinye sezifundo ezisi-7 ezithathwa ngumfundi weBakala 12.
|
7. |
Uku-odolwa kweencwadi zezifundo zee-CAPS kuya kulawulwa liSebe iWCED. |
8. |
Kuya kufuneka izikolo zinike amanani obhaliso abafundi kwaye zikungqinisise oku kwangethuba, kwibakala ngalinye, kwisifundo ngasinye nakulwimi ngalunye (kwi-HL ne-FAL) ukuqinisekisa ukuchaneka kwee-odolo. |
9. |
Kuya kufuneka izikolo zisebenzise inkqubo yokulawula iincwadi zezifundo ngendlela eyiyo nenempumelelo ukuqinisekisa ukuba ezi ncwadi zezifundo zigcinwa ubuncinane iminyaka emine. |
10. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala nabasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:25
|
|