1. Le thayimthebhile iqhotyoshelweyo yeemviwo zikaJuni 2011 zeABET iNqanaba 4 ifike ivela kwiSebe leMfundo noQeqesho kuMaziko aPhakamileyo (Department of Higher Education and Training) (DHET). Iimviwo ziya kuqala nge-30 Meyi 2011 zize ziphele nge-23 Juni 2011. Zonke iiseshoni zoviwo ziya kuqala ngo-14:00. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo imihla namaxesha akwithayimthebhile kuya kuba sisitenxo (irregularity).

2. Ukuqinisekisa umgangatho weenkqubo zeemviwo kubaluleke gqitha ekubeni kuqinisekiswe ukuthembakala kweemviwo. Oku kuya kubandakanya utyelelo olungaxelwanga kumaziko okubhalela iimviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iimviwo ziqhutywa ngokwemimiselo echaphazelekayo. Abameli abavela kwiSebe iWCED, ku-Umalusi nakwi-DHET baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo. Qaphela ukuba ababeki-liso (monitors) baya kuvunyelwa ukuba babeke esweni uviwo kuphela xa bevelisa ubungqina bokuzazisa (proof of identity) neleta ebagunyazisayo ukuba babeke esweni uviwo egameni le-ofisi echaphazelekayo.

3. Ukuba iimviwo zeziko zibhalelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangaphambili okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, icandelo lesakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl.

4. Ngumsebenzi osemagxeni omphathi weziko lemfundo ukusingatha yonke imibandela yezolawulo ephathelele kwiimviwo kwaye ke ngoko, kufuneka abe kwiziko leemviwo phambi kokuqalisa nasekupheleni kweseshoni yoviwo nganye.

5. Abagadi babaviwa abathatha inxaxheba kwiimviwo zeABET iNqanaba 4 zangoNovemba 2010 baya kusetyenziswa kwakhona ukugada abaviwa kwiimviwo zikaJuni 2011, njengoko kucacisiwe kwiimvumelwano zabo.

6. Akukho mviwa makavunyelwe angene kwigumbi lokubhalela uviwo ngaphandle kokuba uvelisa ileta yokwamkelwa eluviweni nesazisi.

7. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwigumbi lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
7.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo zabo ezichanekileyo, ukufunda imiyalelo nokubanika amaphepha emibuzo, njl. njl.
7.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
7.3 Akukho kubhala okanye kwenza zinowuthsi kuvumelekileyo nanini na ngethuba lemizuzu engama-35. Nakuphi na ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (irregularity).
7.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

8. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba:
8.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebhile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba bakwazi ukulungiselela iimviwo; nokuba
8.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo phambi kokuqala kweseshoni yoviwo nganye ukwenzela ukuthintela nabuphi na ubuqhophololo bezazisi (identity fraud). Qaphela oku ukuba umviwa uvunyelwe ukuba abhale uviwo ngaphandle koxwebhu lwesazisi olusemthethweni neleta yokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo, makaveze ubungqina besazisi zingadlulanga iiyure eziyi-24. Ukungaphumeleli ukwenjenjalo kuya kuba sisitenxo ekubhalweni koviwo (examination irregularity).

9. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa nootitshala.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:10

"ABET LEVEL 4 Examination timetable: June 2011"  (ubukhulu: 78 KB)