1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lichulumancile ukwazisa ukuba inkonzo yeMpilo Qete yaBasebenzi iya kufumaneka ngoko nangoko kude kuyokuba ngowe-31 Matshi 2012. Ezi nkonzo ziya kusekelwa kwiimfuno ezibalulekileyo zeSebe iWCED neziya kubandakanya okulandelayo:

  • inkonzo yengcebiso yefoni yasimahla yeeyure eziyi-24
  • ingcebiso ngokuthetha nabo ngqo abasebenzi abafunayo; kunye
  • nokubuzisisa amaqela/ukubuzisisa abenzakeleyo
2. Kucelwa wazi ukuba inombolo yefoni yasimahla iyasebenza yaye abasebenzi bamele ukunceda basebenzise le foni yasimahla ukusebenzisa le nkonzo ingasentla: 0800 111 011 ngeli thuba.

3. Abasebenzi bangaqhagamshelana nenombolo yasimahla ukufumana iintlobo ezahlukeneyo zenkxaso nengcebiso ezinxulumene phakathi kwezinye izinto:

  • nokudandatheka
  • nenkonzo yoncedo yezomthetho
  • nezobudlelane
  • nobukhendla botywala neziyobisi
  • noxinzelelo
  • neengxaki zosapho
  • nokungcakaza (gambling)
  • neHIV neAIDS
4. Inkqubo yengcebiso i-EWP ebonelela ngayo, yona

  • yimfihlelo kakhulu
  • seyihlawulelwe liSebe iWCED
  • imfutshane yaye igxila kwizisombululo, isenziwa ngabacebisi abaqeqeshiweyo.
5. Emva kowe-1 Apreli 2012 kuya kumiselwa iNkonzo yeMpilo Qete yaBasebenzi eBandakanya namanye amaSebe enkcukacha zayo ziya kwaziswa ngoko nangoko yakuba ingcaciso engaphezulu ifumanekile.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:08