1. |
UKUNGENISWA KWEEFOM ZAMABANGO (SUBMISSION OF CLAIM FORMS)
Kukhunjuzwa iinqununu zezikolo ezineBakala R neentloko zamaziko ophuhliso lwemfundo yabasaqalayo (early childhood development (ECD)) ukuba kufuneka kungeniswe izicelo zenkxaso-mali kwi-ofisi yesithili semfundo yaloo ndawo sikuyo isikolo ingadlulanga le mihla ilandelayo:
Ikota |
I-Ofisi yeSithili seMfundo |
KwaNdlunkulu |
IKota 1 -2012 |
NgoLwesihlanu, 10 Februwari 2012 |
NgoLwesihlanu, 24 Februwari 2012 |
IKota 2 -2012 |
NgoLwesihlanu, 18 Meyi 2012 |
NgoLwesihlanu, 1 Juni 2012 |
IKota 3-2012 |
NgoLwesihlanu, 17 Agasti 2012 |
NgoLwesihlanu, 31 Agasti 2012 |
IKota 4 -2012 |
NgoLwesihlanu, 16 Novemba 2012 |
NgoLwesihlanu, 30 Novemba 2012 |
Izikolo ezingaphumeleliyo ukulandela ngqo le mihla ingasentla zisengozini yokuphulukana nenkxaso-mali yazo. Izikolo ezifuna uncedo ngokuzaliswa kweefom zamabango enkxaso-mali zingaqhagamshelana nomphathi weze-IMG ECD kwi-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo.
|
2. |
UBHALISO LWEZIKOLO KWI-EMIS NABAFUNDI BEBAKALA R KWI-CEMIS
|
2.1 |
NgokweMimiselo neMigangatho kaZwelonke yesabelo-mali samaBakala R (ISaziso sikaRhulumente 30679 sowe-18 Januwari 2008), zonke izikolo ze-ECD zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ze-ECD ezizimeleyo ezifundisa iBakala R mazibhaliswe kwi-EMIS kwaye mazibe nesatifikethi sobhaliso nesisebenza ngokusemthethweni (valid). Esi satifikethi sobhaliso sisebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emihlanu kuphela. |
2.2 |
Bonke abafundi beBakala R mababhaliswe kwakhona kwiCEMIS. |
2.3 |
Bonke ootitshala (practitioners) beBakala R mababhaliswe kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council of Educators (SACE)). Ingcaciso engaphezulu iyafumaneka kwiziko lewebhu leSACE apha www.sace.org.za |
3. |
IZIKOLO EZINGABIZI FIZI EZIFUNDISA IBAKALA R |
3.1 |
Izikolo ezingabizi fizi nezifumana inkxaso-mali yeBakala R kurhulumente azivumelekanga ukuba zibize iifizi zesikolo kubafundi beBakala R (Funda kwiphepha 4 le-National Financial Management Guidelines in Respect of School Offering Grade R Classes, October 2009). |
3.2 |
Bangacelwa abazali ukuba bafake igalelo ngokuzithandela. Kodwa ke, makugxininiswe ukuba eli galelo alisosinyanzelo kwaye malingaze lisetyenziselwe ukukhethela ecaleni (exclude) abafundi ababazali babo bangenako ukufaka igalelo elilolu hlobo. |
4. |
INGXELO-MALI YONYAKA
NgokweSiqendu 55 soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (uMthetho 29 ka-1999), onke amaziko emfundo afumana isabelo-mali kurhulumente makagcine iirekhodi ezipheleleyo nezifanelekileyo zemicimbi yemali yawo, aze qho ngonyaka angenise ingxelo-mali ephicothiweyo (audited financial statement) kwisigqeba solawulo sawo - kule meko kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Ngokumalunga noku, onke amaziko e-ECD makangenise ingxelo-mali yonyaka ephicothiweyo ephathelene nonyaka wezifundo ongaphambili kwi-ofisi yesithili semfundo saloo ndawo likuyo iziko phambi kokuphela kukaMeyi ngonyaka ngamnye. Ukungaphumeleli ukwenjenjalo kuya kulibazisa intlawulo yenkxaso-mali elandelayo kwiziko elo. |
5. |
INTLAWULO YOMVUZO KATITSHALA WEBAKALA R
|
5.1 |
Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba ootitshala beBakala R kuzo zonke izikolo mabafumane isibonelelo esipheleleyo esiyi-80% yenkxaso-mali, esihlawulwa ngomatshini kabini ngonyaka. |
5.2 |
Ayacelwa amabhunga olawulo ezikolo ze-NQ 4 ne-NQ 5 ukuba ongezelele umvuzo katitshala weBakala R ukwenzela ukuba utitshala lowo afumane isixa-mali esingaphezulu kowona mlinganiselo usezantsi umiselweyo oyi-R5,000.00 ngenyanga. |
5.3 |
Ngaphezulu, iiSGB mazibhalise kwaSARS njengabaqeshi. I-UIF no-PAYE mazitsalwe kumvuzo katitshala weBakala R zize zihlawulwe kuloo masebe karhulumente achaphazelekayo. |
6. |
INANI LABAFUNDI BEBAKALA R ABAVUMELEKILEYO KWIKLASI NGANYE
Ubalo lwakutshanje kumaziko akhethiweyo selungqinile ukuba ubukhulu beklasi yabafundi abangaphezulu kwe-30 ikuchaphazela kakubi ukufundiswa okusemgangathweni kwiklasi yeBakala R. Ukususela ngoJanuwari 2012, iCAPS iya kuphunyezwa kwiiklasi zeBakala R yaye ke ngoko ziyakhunjuzwa izikolo ukuba elona nani likhulu labafundi beBakala R livumelekileyo kwiklasi nganye ngu-30. |
7. |
UKUCHITHWA KWEMALI YE-LTSM
Yonke imali efikileyo yeLTSM (i-20%) yeekota ezimbini mayisetyenziswe lingekapheli elo thuba yaye isetyenziselwe kuphela injongo yokuthenga i-LTSM |
8. |
Okubhalwe kule setyhula makwaziswe bonke abachaphazelekayo kwi-ECD kwizikolo zikarhulumente nakwizikolo ezizimeleyo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:11:30
|
 |