1. INTSHAYELELO
1.1 Le setyhula icacisa inkqubo emayilandelwe xa kusingethwe izibheno zeziphumo zokudlulela phambili nokupasa kwabafundi.
1.2 Abazali nabagcini babafundi banelungelo lokufaka izibheno xa benganelisekanga ziziphumo zokupasa nokudlulela phambili kwabantwana babo, (Makufundwe umhlathi 5 weSetyhula 0225/2003).
1.3 Le nkqubo imiselweyo yokufaka isibheno ibalulekile ekuqinisekiseni iinkqubo zovavanyo ezenzelwa ekuhleni (transparent assessment practices) ezikolweni, ubulungisa kubo bonke abafundi nokusonjululwa kwezibheno ngokufanayo kwiphondo lonke.
1.4 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abazali okanye abagcini babafundi bayaziswa ngenkqubo eza kulandelwa xa befaka isibheno.
1.5 Xa kupasiswa iishedyuli zokuphela konyaka, iinqununu maziqinisekise ukuba ubungqina bokufunda bukhona kwabo bafundi bangekakulungeli ukudlulela phambili okanyebangapasanga.

2. UKUNGENISWA KWEZIBHENO
2.1 Umzali okanye umgcini womfundi makafake isibheno esibhaliweyo kwinqununu ngoLwesihlanu wokuqala emva kokuvulwa kwezikolo ngoJanuwari.
2.2 Isiphumo sesibheno siya kwaziswa umzali okanye umgcini yinqununu kwiintsuku zomsebenzi ezi-5 zokufunyanwa kwesibheno.
2.3 Ukuba umzali okanye umgcini womfundi akanelisekanga sisiphumo sesibheno, unokufaka isibheno kumlawuli wesithili kwiintsuku ezi-3 zokufumana iziphumo zesibheno.

3. ULAWULO LWEZIBHENO ESIKOLWENI

Iinqununu zezikolo:

3.1 mazinike umzali okanye umgcini womfundi ifom (isiHlomelo A) yokubhena xa umzali ezokwenza isibheno esikolweni, ukuze ayizalise;
3.2 maziqokelele ingcaciso efunekayo kwiifayili zootitshala, ubungqina bokufunda babafundi, iiprofayili zabafundi nabo bonke ubungqina bongenelelo ngoncedo (Le ngcaciso mayifayilishwe yaye ifumaneke kuloo magosa enza uphando ngezibheno);
3.3 mazinike umphathi wekomiti yesekethe (CTM) irejista yezibheno (register of appeals), emazisa ngesibheno (ngezibheno) ungadlulanga uMvulo wesibini wekota yokuqala;
3.4 zikunye nekomiti yolawulo lwesikolo, mazithathele ingqalelo kwakhona bonke ubungqina, zenze isigqibo yaye zifumane imvume kumphathi wekomiti yesekethe ukuba iziphumo zokudlulela phambili nokupasa komfundi kufuneka zitshintshiwe;
3.5 mazizalise iCandelo 2 lefom yesibheno (isiHlomelo A). Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe kumzali ize ikopi ifayilishwe.
3.6 isiphumo sesibheno masaziswe umzali okanye umgcini womtwana kwiintsuku zomsebenzi ezi-5;
3.7 mazigcine onke amaxwebhu axhasayo ayesetyenziswe kwinkqubo yezibheno ithuba leenyanga ezi-3 ubuncinane.

4. ULAWULO LWEZIBHENO KWIZITHILI ZEMFUNDO
4.1 Iofisi yomlawuli wesithili semfundo mayithumele ileta yokuvuma ukuba usifumene isibheno kumzali okanye kumgcini womfundi kwiintsuku zomsebenzi ezi-3 zokufumana isibheno.
4.2 Umlawuli makasidlulisele isibheno kumququzeleli wovavanyo aze amyalele ukuba aseke ikomiti yophando (investigation team) kuphandwe isibheno. Ukuba isibheno sichaphazela isifundo okanye izifundo, okanye umfundi oneemfuno ezizodwa zemfundo, kufuneka kutyunjwe igosa (amagosa) elifanelekileyo ukuba lincedise ikomiti kuphando.
4.3 Umququzeleli wovavanyo makanike i-case number kwifom yesibheno ngasinye efakiweyo yaye ayirekhode kuluhlu lwezibhenu (appeals database) (IsiHlomelo B).
4.4 Umququzeleli wovavanyo makabhale ingxelo, anike neengcebiso (IsiHlomelo C) aze azalise iCandelo 3 kwifom nganye.
4.5 Umququzeleli wovavanyo makangenise ingxelo kumlawuli, oya kusayina iCandelo 4 lefom yesibheno.
4.6 Iofisi yomlawuli wesithili mayibhale ileta eya esikolweni nakumzali okanye kumgcini womfundi emazisa ngesiphumo sesibheno. Isigqibo somlawuli wesithili semfundo sesokugqibela.
4.7 Zonke izibheno mazigqitywe ngomhla we-15 kuFebruari kunyaka ngamye.
4.8 Onke amatyala ezibheno amalunga nesiphumo soviwo okanye nesitenxo sovavanyo makandlalwe phambi kwekomiti epheleleyo yovavanyo yesithili semfundo okanye yezitenxo zovavanyo (i-DAIC), enokuwisa isohlwayo esifanelekileyo. Ukuba isibheno singenxa yokuziphatha kakubi, loo mbandela mawugqithiselwe kwiCandelo loBudlelwane eMsebenzini.
4.9 Okuqhotyoshelwe kule setyhula ngumzobo (flow chart) (IsiHlomelo D) obonisa inkqubo yokulawula izibheno zokudlulela phambili nokupasa kwabafundi emayilandelwe ezikolweni nakwizithili zemfundo.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:11:28

IsiHlomelo A: "Appeal Form"  (ubukhulu: 31 KB)
IsiHlomelo B: "WCED Appeals Database Template"  (ubukhulu: 38 KB)
IsiHlomelo C: "Report on the outcome of the progression / promotion appeal"  (ubukhulu: 14 KB)
IsiHlomelo D: "Process for the management of progression and promotion appeals at school and district level"  (ubukhulu: 23 KB)