1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0023/2009 iyonke ngokupheleleyo.

2. ISiqendu 45A soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) sicacisa ukuba, ngaphandle kokuba oko kugunyaziswe yinqununu ngeenjongo zezemfundo ezisemthethweni, akukho mntu makeze naso nasiphi na isixhobo esiyingozi, utywala obunxilisayo okanye iziyobisi ezingekho mthethweni kumasango esikolo okanye kuwo nawuphi umsebenzi wesikolo.

3. Esi Sikhokelo siqhotyoshelweyo sokuSetsha nokuHlutha ngeQubuliso, ukuVavanyelwa uTywala neZiyobisi eziNgekho Mthethweni sicacisa gca iinkqubo neendlela ezimiselweyo zokusetsha nokuhlutha ngequbuliso nokuvavanyelwa utywala obunxilisayo neziyobisi ezingekho mthethweni, okumele ukwenziwa ezikolweni ziinqununu okanye ngabo zidlulisele kubo amagunya.Injongo yesi sikhokelo kukunciphisa nokugcina phantsi kolawulo iziganeko zobundlobongela, nezokusetyenziswa kweziyobisi ezingekho mthethweni ngabafundi, nokudala indawo ekhuselekileyo esikolweni yokufundisa nokufunda elungele wonke umntu.

4. Ukuncedisa izikolo ekuqulunqeni nasekuphumezeni umgaqo-nkqubo wazo wokusetsha nokuhlutha nokuvavanyelwa utywala obunxilisayo neziyobisi ezingekho mthethweni, esi Sikhokelo siqhotyoshelwe apha sihamba kunye noku kulandelayo:

  • Umgaqo-nkqubo osebenza kuzo zonke izikolo wokuSetsha nokuHlutha ngeQubuliso, ukuVavanyelwa uTywala neZiyobisi eziNgekho Mthethweni (isiHlomelo A) (A pro-forma Policy on Random Search and Seizure, Alcohol Liquor and Illegal Drug Testing)
  • IiNkcukacha zoQhagamshelwano zeZiko leeFoni leZikolo eziKhuselekileyo kunye neMisebenzi (isiHlomelo B) (Safe Schools Call Centre Contact Details and Functions)
  • Ingcaciso ngokubanzi, yokusetyenziswa nesoloko ikufuphi kuwe xa uqhagamshelana neZiko leeFoni leZikolo eziKhuselekileyo (iSihlomelo C)

Ukongeza, zakubanje izikolo ziqaphele abafundi ngokusebenzisa iinkqubo zovavanyo, ukuba kungakho imfuneko yokuba banikwe inkxaso ebanzi kakhulu. Kwiimeko ezinjengezi kungaqhagamshelwana neSebe loPhuhliso lwezeNtlalontle, ngokusebenzisa iinkcukacha ezikwisiHlomelo D. Kungancedisa kule nkqubo ukuba ingcaciso edweliswe kwisiHlomelo C isoloko ikufuphi xa izikolo zisebenzisa iinkonzo zeSebe loPhuhliso lwezeNtlalontle.

5. Okukwesi Sikhokelo makwaziswe ootitshala, abasebenzi abangezotitshala, abazali, abafundi nabahlali abachaphazelekayo ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:10:03

"Western Cape Provincial School Education Act (WCPSEA), 12 of 1997"  (ubukhulu: 61 KB)
ISIKHOKELA  (ubukhulu: 91 KB)
isiHlomelo A: ITHEMPLEYITHI YOKUDRAFTA UMGAQO-NKQUBO WESIKOLO WOKUSETSHA NOKUHLUTHA NGEQUBULISO NOKUVAVANYELWA UTYWALA OBUNXILISAYO KUNYE NEZIYOBISI EZINGEKHO MTHETHWENI EZIKOLWENI  (ubukhulu: 113 KB)
isiHlomelo B: UKWENZA INDAWO YESIKOLO IBE YEKHUSELEKILEYO  (ubukhulu: 32 KB)
isiHlomelo C: INGCACISO NGOKUBANZI KUNYE NEMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo D: IINKONZO ZOKUNIKA INKXASO EZONGEZELELWEYO ZESEBE LOPHUHLISO LWEZENTLALO  (ubukhulu: 36 KB)