1. AMANANI EZITHUBA EZABELWE IZIKOLO NGO-2012

Kucelwa ufunde le Setyhula WCED Circular 0031/2009, yomhla we-28 Agasti 2009, ukufumana inkcazo epheleleyo yemithetho esetyenzisiweyo efanelekileyo nemiqathango esebenzayo malunga nokukhutshwa kwezithuba zootitshala ezabelwa izikolo. Le mithetho isahleli ayitshintshanga yaye isahleli isebenza naku-2011, ngaphandle kwezi zilungiso zilandelayo:

1.1 Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPDM), izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshelwe inani lezithuba zootitshala ezabelwa amaziko qho ngonyaka malunga nowe-30 Septemba wonyaka ongaphambili. Ngoko ke, zonke izithuba zootitshala kunyaka wezifundo ka-2011 (2011 academic year) ezikhutshelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, (kwakunye nazo zonke izithuba ezongezelelwayo ezaye zadalwa nezanikwa isikolo sikarhulumente ngo-2010 nango-2011, nokuba ngaba kungenxa yokwanda kwamanani obhaliso lwabafundi okanye kungenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo), ziyaphelelwa nge-31 Disemba 2011.
1.2 Izithuba zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2012 ziya kupapashwa kwi-HC-LMS nge-16 Septemba 2011. Izikolo zinako ukufikelela kwizithuba zootitshala ezabelwe zona ngokungena kule linki ilandelayo: http://lms.pgwc.gov.za

2. UKWABIWA KWEZITHUBA EZONGEZELELWEYO (ADDITIONAL ALLOCATIONS) (IZITHUBA ZENQANABA 1 (POST LEVEL 1 POSTS)

Lilungelo leSebe i-WCED ukutshitshisa iZithuba zeNqanaba 1 ukujongisisa kwakhona (review) ukwabiwa kwezithuba ukuba ingcaciso ngesikolo, njengoko ikwi-CEMIS Online Survey kaMatshi 2011, kufumaniseke ukuba ayichanekanga.

3. UKUHLAZIYWA KWEZITHUBA EZABELWE AMAZIKO NGO-2012
3.1 ISebe i-WCED labele izikolo eziphantsi kwalo inani lezithuba elinako ukuzihlawulela, ngokungqinelana neRPDM nemiqathango ecaciswe kule setyhula.
3.2 Ziya kuvunyelwa izikolo ukuba zicele ukujongisiswa kwakhona kokubalwa kwezithuba zootitshala ezabelwe bona ngokusebenzisa kuphela amanani obhaliso abafundi bazo ango-2011. Ukwenzela ukuba iSebe i-WCED libe nako ukubala loo manani, kuya kufuneka isikolo singenise ubungqina obubhaliweyo kwiCandelo loLawulo lwaBasebenzi (Directorate: Human Resource Management) bokuba iSebe i-WCED laxelelwa ngencwadi ebhaliweyo, malunga ne-1 Matshi 2011, ukuba isikolo safumana ubunzima ukuhlaziya ingcaciso yaso kwiCEMIS ngaphambi kwe-1 Matshi 2011.

4. UKUBALWA NGOKUTSHA KWEZITHUBA EZABELWE IZIKOLO NGENXA YOKUTSHINTSHA KWENANI LOBHALISO NGETHUBA LOKUQHUBEKA KUKA-2012
4.1 Lilungelo leSebe i-WCED ukutshitshisa iZithuba zeNqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kwamanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lokuqhubeka konyaka u-2012. Kwiimeko ezinjengezi ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina (in a temporary capacity), baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwamanye amaziko. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba, xa kugaywa ootitshala abaqeshwa ngokungesosigxina, mazibaxelele abenzi-sicelo ukuba mabazi ukuthi baqeshwa kukho into yokuba bangatshintshelwa kwamanye amaziko xa kutshitshiswa izithuba ngenxa yokuncipha kwenani lobhaliso lwabafundi.
4.2 Bonke abaqeshwe ngokwemvumelwano mabaqeshwe kuphela de kube yi- 31 Matshi 2012. Izithuba ezivunywe ngokusemthethweni zabaqeshwe phantsi kwemvumelwano (Substantive contract appointments) ezenziwe zaqalela ngowe-1 Apreli 2012, zingaqhubeka de kube yi-31 Disemba 2012, ukuba isikolo sifanelekile ukufumana isithuba sengqesho.
4.3 Silindele ukuba zonke izikolo zibe ziwahlaziyile onke amanani obhaliso azo kwi-CEMIS engadlulanga uLwesibini, we-6 Matshi 2012. Zonke izikolo ezinamanani obhaliso lwabafundi bazo ngoLwesihlanu we-1 Matshi 2012 angaphantsi kunamanani obhaliso lwazo ange-1 Matshi 2011, kuya kufuneka libalwe ngokutsha inani lezithuba zootitshala ezabelwe zona ungadlulanga owe-12 Matshi 2012. Kwiimeko apho isikolo kufuneka siphulukene nesithuba saso okanye nezithuba zaso, ngoko ke inani lezithuba ezivunywe ngokusemthethweni zabaqeshwe phantsi kwemvumelwano (number of substantive contract appointments) ezilingana okanye ezingaphantsi kwenani lezithuba isikolo esiphulukana nazo, asiyi kuzinikwa ukususela nge-1 Apreli 2012.
4.4 Kwimeko yaxa kwande amanani obhaliso lwabafundi ukususela kowe-1 Matshi 2011 ukuya kwi-31 Januwari 2012, isikolo siya kuvunyelwa ukuba sense isicelo ekhompyutheni (apply online), ngethuba elisusela kwi-13 Januwari 2012 ukuya kwi-29 Januwari 2012, sicele isithuba sengqesho sokwanda kwesikolo (growth post). Lilonke inani lobhaliso labafundi (learner enrolment total) elithathelwa ingqalelo liya kuba linani lilonke lobhaliso kwi-CEMIS ngethuba lokufakwa kwesicelo.
4.5 Izicelo ezenziwa zizikolo kwiSebe i-WCED zokudalwa kwezithuba ezongeziweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngenxa yokwanda kwenani lobhaliso lwabafundi okanye ngenxa yezinye iimeko ezingqongileyo (other contextual factors), mazingeniswe ngekhompyutha ngokuzithumela nge-CEMIS. Akukho sicelo siya kuqwalaselwa ukuba asingeniswanga ngokusebenzisa ikhompyutha sithunyelwe nge-CEMIS. Ezi zicelo mazingeniswe ngethuba elisusela kwi-13 Januwari 2012 ukuya ngo-16:00 ngoLwesibini we-31 Januwari 2012.
4.6 Kucelwa iinqununu ziqaphele oku kulandelayo:

  • Izicelo zokongezelelwa izithuba aziyi kuthathelwa ngqalelo emva kokuphela kwekota yokuqala ngo-Matshi 2012.
  • Ukutyunjwa kootitshala kwizithuba ezongezelelweyo zizikolo ebezifake izicelo ngenxa yokwanda kunye/okanye yeemfuno zekharityhulam yesikolo, kungenziwa kuphela emva kokuba kufunyenwe imvume ebhaliweyo evela kwiSebe iWCED.
5. UKUZALISWA KWEZITHUBA EZIPAPASHIWEYO
5.1 Zonke izithuba esele zipapashiwe kuLuhlu lweZithuba lwesebe zinokuzaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni eso sithuba siyavela kwinani lezithuba zootitshala zika-2012 ezabelwe elo ziko.
5.2 Ukuba isithuba esipapashiweyo sithi singaveli kwinani lezithuba zootitshala zika-2012 ezabelwe elo ziko, eso sikolo asinalungelo lakusifumana eso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa njengesithuba esipapashwe ngempazamo.
5.3 Uhlala ungatshintshanga umgqaliselo wokuba isithuba esipapashiweyo (ngokukodwa isithuba sonyuselo-sikhundleni) sinokuzaliswa kuphela xa singadali sithuba sikatitshala ongaphezu kwemfuneko (educator in excess).
5.4 Ukuba ithi inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo babe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazifezekisi iimfuno zekharityhulam yesikolo, bangacela iSebe iWCED lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi ecacisayo.

6. UKUZALISWA KWEZITHUBA EZONGEZELELWEYO
6.1 Izithuba ezongezelelweyo zinokuzaliswa kuphela ngokungesosigxina (in a temporary capacity). Bonke abakwizithuba ezongezelelweyo baya kuqeshwa de kube nge-31 Matshi 2012. Baya kuhlala beqeshiwe sisikolo ngaphaya kwalo mhla kuphela ukuba eso sikolo sisakufanele ukufumana isithuba emva kokubalwa kwakhona okususela kumanani ewonke obhaliso lwabafundi nge-6 Matshi 2012. Ukuqeshwa komntu okwisithuba esongezelelweyo akuyi kugqithela ngaphaya kwe-31 Disemba 2012.

7. OOTITSHALA ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO (EDUCATORS IN EXCESS)
7.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili kunye nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in-excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
7.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ezitsha ngokuthi kumataniswe izithuba ezilingana nezo bakuzo (by way of matching and placing) baze ke baqeshwe apho kuzo.
7.3 Ootitshala abaqeshwe isigxina mabaziwe (must be identified) njengabangaphezu kwemfuneko (as in excess) ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).

8. IMIBUZO

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula (miqathango njl. njl.) kumphathi wekomiti yesekethe (circuit team managers) ochaphazelekayo.


9. IZINTO NGOKUBANZI

Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:09:16