1. Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zikaFebruwari/Matshi wama-2011.

2. Iimviwo zokuXabangela ze-NSC zicwangciselwe ukuqala ngowe-10 Februwari 2011 zize zigqitywe ngowe-24 Matshi 2011.

3. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa nezasemva kwemini ziya kuqala ngo-09:00 nango-14:00 ngokulandelelanayo.

4. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela zathunyelwe kubo bonke abaviwa abakulungeleyo ukuhlalela iimviwo nje emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Iifom zokubhalisa ezizalisiweyo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Directorate: Examinations Administration
Attention: Mr JL Molfert
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

Iifomu zokubhalisa ezizalisiweyo zisenokuziswa ubuqu apha:

WCED Call Centre,
Grand Central Towers: 2nd Floor
Lower Parliament Street
CAPE TOWN


5. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo lokuxabangela (supplementary examination entries) nguMvulo, wama-24 Januwari 2011. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaviwa ukuba bawulandele ngqo lo mhla, njengoko ukubhalisela uviwo sewugqithile umhla wokuvala kungayi kuvunyelwa.

6. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo eziziisekondari nakumanye amaziko njengoko kumiselweyo liSebe leMfundo.

7. Abagadi abaziintloko kunye nabagadi babaviwa ababebandakanyekanga ekuqhutyweni kweemviwo ngoNovemba 2010 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke baya kusetyenziswa ukugada olu viwo, njengoko kukhankanyiwe kwiimvumelwano zabo ezisayiniweyo.

8. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
8.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
8.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
8.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowutshi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
8.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

9. Iinqununu zezikolo ziyacelwa okokuba zazise okubhalwe kule setyhula kubo bonke abaviwa ababhale iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2010.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:20

"February / March 2011 Final Supplementary examination timetable"  (ubukhulu: 33 KB)