19/2011","AWUKHO")



1. Provincial Treasury Instruction 16A2.1.7 icacisa ukuba i-Ofisi kaNondyebo wePhondo yenza umsebenzi wokugcina iziko ledatha elithembekileyo (a credible database) labathengisi ukwenzela ukuba basetyenziswe ngawo onke amasebe ephondo. Eli liziko iWestern Cape Suppliers Database yaye kuyimfuneko engummiselo ophambili yeSebe i-WCED ukuba bonke ababoneleli beempahla neenkonzo abanqwenela ukuqhuba ushishino neSebe iWCED babhalise kweli ziko ledatha ukwenzela ukuba kungqinisiswe ukuba bayayithobela na imithetho engokuthengwa kweempahla neenkonzo ngababoneleli abakhethwa kuqala (preferential procurement). Ababoneleli beenkonzo neempahla abangabhalisanga kwiziko ledatha bayaphulukana nelungelo labo lokuba banikwe amanqaku njengabona banokukhethwa kuqala (preferential points) njengoko bengekayilungisi imeko yabo.
2. Ii-ofisi zezithili zemfundo, ezinamagunya okuthenga iimpahla neenkonzo ngeekowuteshini ezibhaliweyo (written quotations) eziye kufikelela kumyinge oyi-R10 000. Njengangoku Ii-ofisi zezithili zemfundo ziqhagamshelwanga kwi-Electronic Procurement System (EPSi), eyaziwa ngokuba yi-Sourcelink. Endaweni yoko, njengangoku kuye kufunwe ukuba xa zicela iikowuteshini ezibhaliweyo, zicele kwabo bakhuphisana ngamaxabiso (bidders) ukuba benze amabango amanqaku okuba ngabona banokukhethwa kuqala (preference points) kwi-Preference Points Claim Form (WCBD 6.1). La malungiselolo aya kuphela ukususela nge-1 Oktobha 2011. Emva kokufumana uqeqesho oluqhutywa yi-Quadrem Tradeworld, zonke ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kunikwa ithuba lokufikelela kwi-EPSi (Sourcelink) yaye ziya kucelwa ukuba zifake iikowuteshini zazo ezifikelela kumyinge oyi-R30 000 ngokuzidlulisa ngale ndlela yekhompyutha (via this electronic medium). Ukuba ukuphunyezwa kwe-Sourcelink kwii-ofisi zezithili zemfundo kube yimpumelelo, kuya kuthathelwa ingqalelo ukwandiswa komyinge. Oku kuya kuvumela indlela enobulungisa neyenzelwa ekuhleni yokufumana iikowuteshini. Ngaphezu koko, ababoneleli beempahla neenkonzo (goods and service providers) ababhalise kwi-Western Cape Supplier Database (efakwe kwi-EPSi) baya kubalelwa ngokuzenzekelayo amanqaku abo okuba ngabona banokukhethwa kuqala yi-EPSi yaye akuyi kufuneka ukuba bangenise iifom zabo zamabango amanqaku. UMmiselo 3(4) wemimiselo eyabhengezwa ngokwe-Preferential Procurement Policy Framework Act of 2000, ucacisa ukuba ixabiso elinokwamkelwa kuphela lelo lithi kukhuphiswano ngamaxabiso lifumane awona manqaku aphezulu. Xa usebenzisa uSourcelink, isistim iya kuthi ngokuzenzekelayo, ibale inani elipheleleyo lamanqaku afunyenwe ngelo xabiso nokufikelela kwiinjongo zokuthengwa kweempahla neenkonzo zeWCED ngokwesistim yamanqaku 80:20 (=/<R500 000). Emva kokwenza isigqibo sokuba leliphi na ixabiso (offer) elinikwa ngumthengisi eliya kwamkelwa, lowo ukhuphisana ngamaxabiso uphumeleleyo makangenise isibhengezo (declaration) kwifom eqhotyoshelweyo, esicacisa ukuba akanguye umqeshwa karhulumente okanye akazalani nomqeshwa karhulumente.
3. UMmiselo 9 wale mimiselo ucacisa ukuba kuphela kuxa kukho izizathu ezivakalayo nezinokuxhaswa ngokuvokothekileyo, ekuya kuthi lowo ukhuphisana ngamaxabiso, aphumelele kukhuphiswano ngamaxabiso engakhange afumane awona manqaku aphezulu apheleleyo okuba ungoyena mboneleli unokukhethwa kuqala. Amagosa enza umsebenzi wokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo kwii-ofisi zezithili zemfundo ne-LTSM Project Team makaqaphele ukuba ukusetyenziswa kwalo mmiselo akudluliselwa gunya kwelinye igosa (not delegated). Ukuba kuthe kwenzeka imeko enjengale, i-ofisi yee-odolo echaphazelekayo mayinike izizathu ezibhaliweyo ezivokothekileyo zokuba itenxe kumgaqo omiselweyo, ukwenzela ukuba ukutenxa kwabo kuqwalaselwe yi-WCED Bid Committee yaye kwenzelwe isigqibo yiNtloko yeSebe leMfundo. Iimpahla neenkonzo ezithengiweyo ezikhankanywe apha ngentla azizibandakanyi izixhobo umz. ifanisthala, iifotokopiya (photocopiers) noomatshini bokufeksa, ezihlala zithengwa nguNdlunkulu, njengoko ezi zinto kufuneka zifakwe ku-LOGIS zize zibe yinxalenye ye-inventri yeSebe iWCED. Ngako oko ke, iirikhwizishini zezi zixhobo ziseza kuhlala zithunyelwa kwaNdlunkulu ukuba kwenziwe ii-odolo zazo. Abo baza kuba ngabathengisi beempahla neenkonzo mabakhuthazwe ukuba bafake isicelo kwi-Quadrem ukuze babe ngabarhumi (subscriber) be-EPSi ukwenzela ukuba bafumane izicelo zekowuteshini kunxibelelwano ngekhompyutha. Oku kuxhomekeke ekuhlawuleni kwabo imirhumo yaqho ngenyanga kwi-Quadrem.
4. Xa kusenziwa isigqibo sokuba kuthengwe iimpahla neenkonzo, imfuno yoko mayithathelwe ingqalelo ngokupheleleyo. Imfuno ayinakwahlulwa ibe ziinxenye ezincinane ukwenzela ukuba ihlale ikumyinge we-R30 000 ukuze ngokwenjenjalo kuthintelwe imfuneko engummiselo yokungenisa iirikhwizishini kwaNdlunkulu. Kuya kwenziwa iingxelo kwisistim ukwenzela ukubeka le meko esweni. Ukuba iindleko zizonke ziqikelelwa ukuba ziza kuba ngaphezu kwe-R30 000, ezo mpahla okanye ezo nkonzo mazithengwe ngerikhwizishini edlula kuqala kwiCandelo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi (Supply Chain) kwaNdlunkulu, eya kuqwalaselwa nguMnu RL Africa. Kwiimeko ezifana nezi, kuphela yifom esemthethweni i-LOG1 requisition form emayisetyenziswe, yaye le fom mayizaliswe ngokupheleleyo. Yonke imigca engasetyenziswanga kule fom mayihlatywe ngokukrwela umgca onqumlezileyo nokekeleyo (horizontal and a diagonal line) kulo ndawo ingasetyenziswanga. Ifom yerikhwizishini mayihambe kunye nenkcazo eneenkcukacha ezibanzi nezichanekileyo zezinto ezifunwayo (detailed specifications). Mayikhankanywe into yokuba ukulandela umgaqo wefuthe lezoqoqosho kumaxabiso (principle of economies of scale), uya kwenza zihle iindleko yaye ke ngoko kubalulekile ukuba ukuthengwa kweempahla neenkonzo makwenziwe maxa onke ngendlela eyonga imali neyenziwa ngempumelelo. I-LOG 1 requisition form mayihanjiswe kunye ne-BAS (PGWC 002) Allocation Attachment form, ebonisa istraktsha esichanekileyo iStandard Chart of Accounts structure (apho iimali zokuthenga iimpahla neenkonzo zikhoyo) yaye isixa esibhajethelweyo masibhalwe kwifom kwisithuba esifanelekileyo. Zakuba iindleko zokuthenga iimpahla neenkonzo zibaliwe emva kokuba kufunyenwe iikowuteshini ezikhuphisana ngamaxabiso (competitive quotations), yaye ukuba iindleko zithi zigqithe kwibhajethi, kuya kuthetha-thethwana nomphathi owenza lo msebenzi ochaphazelekayo, ukuqinisekisa ukuba unayo na imali eyenye (additional funds) ekhoyo ukwenzela ukuba kuqhutyekwe nokuthenga iimpahla neenkonzo. Njengomgaqo oqhelekileyo, izicelo ezifana nezi mazingeniswe kwiCandelo loQhagamshelwano naBathengi naBathengisi (Supply Chain) ubuncinane kwiinyanga ezi-6 phambi kokuba kuthengwe iimpahla neenkonzo. Oku kuya kuvumela ixesha elaneleyo lokulandela zonke iinkqubo ezifunekayo.
5. Ukuze kwenzeke ukuqwalaselwa kwamaxabiso anikwa ngabathengisi (offers) afunyenwe ku-Sourcelink, i-ofisi yesithili semfundo nganye mayingenise, ungadlulanga owe-31 Agasti 2011, amagama abantu abayi-4 abatyunjiweyo abangamagosa akwiYunithi yoLawulo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi nezeMali (SCM and Finance Unit), aya kwenza ikomiti eyi-Offer Acceptance Committee kwi-ofisi yesithili nganye. USekela-Mlawuli kwiCandelo leeNkonzo zeZiko (Corporate Services) uya kuba ngusihlalo waloo komiti. Ikomiti iya kuvunywa ngokusemthethweni liGosa lezeMicimbi yezeMali eliyiNtloko (Chief Financial Officer) namalungu aya kufumana izaziso ezibhaliweyo zokutyunjwa kwawo. Zonke izigqibo ze-Offer Acceptance Committee mazibhalwe kwimizuzu yaye imizuzu elolu hlobo mayifayilishwe ukwenzela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi.
6. Onke amalungu e-Offer Acceptance Committee aya kucelwa ukuba azalise i-Declaration of Interest form ekhankanyiweyo kule setyhula. Le fom mayitshintshwe apha naphaya ukulungiselela ukufakwa kwegama lelungu nosihlalo nekufuneka usihlalo asayine ifom yelungu ngalinye. Izibhengezo ezilolu hlobo mazibandakanywe kwipakheji ye-odolo nganye. Naliphi na ilungu elixela ukuba liyachaphazeleka (declares an interest) kulo naliphi na ixabiso elithile elinikwa ngumthengisi (particular offer) malicele ukurhoxa (recuse him- or herself) ekuqhubekeni nokuthatha inxaxheba xa kuqwalaselwa elo xabiso linikwa ngumthengisi (offer) yaye oku makubhalwe kwimizuzu.
7. Le mimiselo ekule setyhula mayaziswe bonke abasebenzi abachaphazelekayo. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le mimiselo iqulethwe apha kuya kuthathwa njengokungayithobeli imigaqo yabathengi nabathengisi (supply chain principles) yaye kuya kuthathwa amanyathelo oluleko (disciplinary measures) ngakwelo gosa laphula ezi mfuno zingummiselo. Amalungu eSMS makayibeke esweni ngokungqongqo le mimiselo nolawulo lwayo ukuqinisekisa ukuba kuhanjwa ngokwezi mfuno zingummiselo.
8. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:08:02

"Preference Points Claim Form (WCBD 6.1)"  (ubukhulu: 59 KB)
"Preferential Procurement Policy Framework Act of 2000"  (ubukhulu: 22 KB)
"Declaration of interest"  (ubukhulu: 28 KB)
"Declaration of interest (WCBD 4)"  (ubukhulu: 36 KB)