1. UMphathiswa kaZwelonke weMfundo esiSiseko wakhupha imimiselo yokuhlawulwa kwembuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo kwizikolo zamaNqanaba entlupheko 4 no-5 kwiGazethi kaRhulumente 33971, yomhla we-28 Januwari 2011.

2. Imbuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo iya kusoloko iyeyonyaka ongaphambili, umz. imbuyiselo ehlawulwa ngo-2011 yeyoxolelo ekuhlawuleni iifizi olwavunywa kunyaka wesikolo ka-2010.

3. Ezi meko zoxolelo kwintlawulo yeefizi zesikolo zilandelayo ziya kufaneleka kumabango asemthethweni:
3.1 Umfundi osele exolelwe njengoko eyinkedama okanye eshiywe tyaa (abandoned) ngabazali bakhe
3.2 Umfundi ohlawulelwa isibonelelo segranti karhulumente yezentlalontle enxulumene nokuthwaxwa yintlupheko (poverty-linked state social grant)
3.3 Umfundi obazali bakhe babenze isicelo sokuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo, nesaye savunywa libhunga lolawulo lesikolo (SGB). (Makuqatshelwe ukuba isicelo nemizuzu yentlanganiso yeSGB echaphazelekayo mazenziwe zifumaneke esikolweni ukwenzela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi zesikolo)

4. Amaxesha abekiweyo

Izikolo mazenze izicelo zembuyiselo ngenxa yokuxolelwa qho ngonyaka ungekadluli owe-30 Juni. Nakuba kunjalo, ngenxa yokulibaziseka kokuphethwa kwale nkqubo, umhla wokungenisa izicelo ngo-2010 kwisithili semfundo iya kuba yi-5 Agasti 2011. Akuyi kwamkelwa zicelo zingeniswe emva kwalo mhla. Isicelo ngasinye siya kungqinisiswa yi-ofisi yesithili size singeniswe kwaNdlunkulu ukuze kwenziwe intlawulo. Iintlawulo ke ngoko ziya kwenziwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba, qho ngonyaka.

Imihla yaqho ngonyaka (ukususela ku-2012 ukubheka phambili)

Umhla Omakwenziwe
1 Februwari I-CEMIS yenziwa ifumaneke ukwenzela ukufaka idatha
30 Juni Izikolo zingenisa ingcaciso ephicothiweyo kwiNtloko yeze-IMG kwi-ofisi yesithili semfundo.
31 Julayi Ii-ofisi zezithili zemfundo zigqibezela inkqubo yokungqinisisa zize zizisayine izicelo kwiCEMIS
30 Septemba ISebe lazisa izikolo ngezixa eziza kuhlawulwa
15 Novemba ISebe lihlawula iimali kwizikolo ezifanelekileyo

5. Inkqubo

Ukwenzela ukuba ibe lula le nkqubo yokwenza isicelo, izicelo mazingeniswe kusetyenziswa iCEMIS.

Eyona ngcaciso incinane enokufakwa sisikolo kwisicelo iya kuba ligama lesikolo, inombolo ye-EMIS, idilesi yestrato yesikolo, igama neenkcukacha zoqhagamshelwano nomntu obe zalisa ifom, inani elipheleleyo labafundi ababhalise esikolweni, ilisti yabafundi abaxolelweyo kwifizi zesikolo kunyaka ongaphambili nenombolo eyodwa eyi-unique CEMIS tracking number yomfundi ngamnye kwaba.

Inkqubo imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Loga kwiCEMIS.
  • Inkcazo yenkqubo iya kuboniswa kwiCEMIS.
  • Yingenise kubantu abachaphazelekayo ukuba isayinwe, o.k.t. usihlalo wekomiti yezemali, inqununu nosihlalo weSGB.
  • Mayingeniswe kumphicothi-zincwadi kwakunye namaxwebhu axhasayo ukwenzela Ukuphicothwa kweencwadi.
  • Emva kokuphicothwa, ngenisa ibango (faka kuphela isatifikethi sokuphicothwa uze wenze ibango labafundi abaxolelweyo) kwi-ofisi yesithili semfundo ukuze lingqinisiswe.
6. Ukuphicothwa

IsiHlomelo B kwiGazethi kaRhulumente sibandakanya isikhokelo somphicothi-zincwadi. La maxwebhu alandelayo makangeniswe kumphicothi-zincwadi:

  • Isabelo-mali sesebe sokugqibela kuloo nyaka uchaphazelekayo
  • Iingxelo-mali eziphicothiweyo ngaloo nyaka uchaphazelekayo
  • Iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi kuloo nyaka uchaphazelekayo
  • Uphando oluquphayo (snap survey) kuloo nyaka uchaphazelekayo
  • Iifom zokuxolelwa kwintlawulo yeefizi namaxwebhu okuxhasa isicelo somfundi ngamnye oxolelweyo (kubandakanywa ubungqina bedatha yabo bathathele abafundi kubo njengabazali (forster care) nesibonelelo segranti sezentlalo)
  • Amaxwebhu avuma ukuxolelwa komfundi ngamnye oxolelweyo

Umphicothi-zincwadi makasebenzise la maxwebhu ukungqinisisa ukuchaneka kwengcaciso ebonelelweyo.

Apho amaxwebhu axhasayo ekho kuphela ngefomathi yekhompyutha (electronic format), umphicothi-zincwadi makenze isicelo sokuba afikelele kuloo ngcaciso.

Umphicothi-zincwadi makazalise aze asayine icandelo elifanelekileyo kwifom yokwenza isicelo.

Yonke ingcaciso engangqinelaniyo nemigaqo, nengachanekanga mayilungiswe phambi kokuba umphicothi-zincwadi asayine isicelo.

ISebe iWCED aliyi kusamkela isicelo esingasayinwanga ngumphicothi-zincwadi okanye umphicothi-zincwadi athe wanombuzo malunga nokungqiniseka kwaso (validity).

Ukususela ngo-2012, izicelo zezikolo maziphicothwe njengenxalenye yokuphicothwa kweencwadi okwenziwa qho nyaka kwisikolo ngasinye.


7. Ifom yesicelo ephicothiweyo mayingeniswe kwiNtloko yeze-IMG kwi-ofisi yesithili semfundo.

8. Yonke ingcaciso efunyenweyo iya kungqinisiswa lisebe. Ukuba nayiphi na ingcaciso ifunyaniswe iyinkohliso, isikolo esifaka isicelo siya kohlwaywa, nto leyo enokubandakanya inyathelo loluleko ngakuloo nqununu ibingqinisisa ingcaciso kunye/okanye ukubuyiswa kwayo nayiphi na intlawulo eyenziweyo. Ukungeniswa emva kwexesha elibekiweyo (o.k.t. emva kwe-5 Agasti 2011 kulo nyaka), ingcaciso engaphelelenga, ingcaciso etshintshiweyo (altered information), ingcaciso engachanekanga nengcaciso engeniswe ngefomathi engachanekanga iya kusenza eso sicelo sibe sesingekho mthethweni (invalid). Makungeniswe ifom eyintsusa (original) ezaliswe ngokupheleyo, kungabi yikopi yayo. Kucelwa uqaphele ukuba isebe liya kwamkela kuphela iifom zezicelo ezizezeCEMIS.

9. Ukubala

Lakuba isebe liwangqinisisile amabango laza labala ixabiso elipheleleyo lamabango, izikolo ziya kwaziswa ukuba ngaba zizifanele na ezo zixa-mali ziyintlawulo ziya kuzifumana.

Isixa-mali isikolo esiya kusifumana ngomfundi ngamnye, siya kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:

Ithuba (inani leentsuku ababhaliswe ngazo enyakeni)
Ipesenti yokuxolelwa
Isabelo-mali se-N&S ngomfundi ngamnye
Umyinge obekiweyo kwizikolo ezingabizi zifizi (No-fee threshold) (R784 for 2010)

Imizekelo yokubalwa kwezixa

Inombolo ye-ID yomfundi (Learner ID) Iintsuku zobhaliso Ipesenti yoxolelo Isabelo-mali se-N&S Ukubalwa ngo-2010 Ifizi zonyaka ngomfundi ngamnye
1 200 100% 250 200/200 x 100% x 784 - 250 = 534 350
2 100 50% 250 100/200 x 50% x 784 - 250 = 0 1250
3 150 50% 250 150/200 x 50% x 784 - 250 = 44 500

Isebe liya kubanako ukubala ukuba ngaba yi-100% yebango lesikolo elinokuhlawulwa kuphela kwakuba kufunyenwe onke amabango kwaza kwabalwa nesixa esipheleleyo sisonke. Esi sixa sipheleleyo siya kuthelekiswa nebhajethi yonyaka epheleleyo kolu ngenelelo ngoncedo. Izixa-mali ziya kuhlawulwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba 2011.


10. Nayiphi na imibuzo malunga nokuzaliswa kwefom yesicelo inokuthunyelwa ngqo kumphathi weze-IMG kwi-ofisi yesithili semfundo sakho.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2011:06:22

"Government Gazette 33971"  (ubukhulu: 220 KB)