1. IsiCwangciso soKhubazeko esivunywe ngokusesikweni kutshanje seSebe leNtshona Koloni (iSebe iWCED) siqaphela abantu abakhubazekileyo (persons with disabilities) (PWDs) abakhubazeke ithuba elide ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, okanye ngokuchaphazeleka kwengqondo okanye kweziva-mvo (intellectual or sensory impairments) okuthi, xa kudibene nezinye izithintelo ezahlukeneyo, kube kungathintela uthatho-nxaxheba nokusebenza kwabo ngokupheleleyo eluntwini ngokulinganayo nangokufanayo nabanye abantu.
2. ISebe iWCED liyakuqonda ukuba uninzi lokhubazeko lwabaqeshwa balo alubhaliswanga okanye alwaziwa liSebe. Ngako oko ke, eyona njongo yesiCwangciso soKhubazeko kukubonelela ngokwanelisayo iimfuno zabaqeshwa abakhubazekileyo ukwenzela ukukhuthaza ukugaywa nokugcinwa kwabantu abakhubazekileyo, nokuqaphela nokunika inkxaso abo baqeshwa bangekanikwa thuba lokwazisa ngokhubazeko lwabo, ukuba baye banqwenela ukwenjenjalo. Enye injongo yesi sicwangciso kwakhona kukubonelela iimeko zengqesho ezanelisayo kubantu abakhubazekileyo.
3. Ukwenzela ukuphumeza ezi njongo zingasentla, kuqhotyoshelwe apha esi siCwangciso soKhubazeko sivunywe ngokusesikweni, kunye neeFom zoKwazisa ngoKhubazeko ezifumaneka ngesi-Afrikansi, ngesiNgesi nangesiXhosa. Ingcaciso eqokelelwe kwiFom yoKwazisa ngoKhubazeko ezaliswe zonke iinkcukacha iya kwenza iSebe iWCED libe nako ukuhlangabezana neemfuno zabaqeshwa abakhubazekileyo. Kwakhona injongo yefom yokwazisa ngokhubazeko kukuxhobisa ii-PWD ukuba zifake igalelo ekwenziweni kwezigqibo ngaphakathi kwisebe nokwenza isebe likwazi ukuqaphela iimfuno zoqeqesho zee-PWD ukwenzela ukuba nabo bafumane umsebenzi wekhondo elibafaneleyo kwalapha kwiSebe iWCED.
4. Bayakhuthazwa abaqeshwa beSebe iWCED (ootitshala nabasebenzi bakarhulumente) abakhubazekileyo ukuba bazalise iifom zokwazisa ngokhubazeko ngolwimi abazikhethela lona.
5. Abo bazii-PWD abafikelela kwisigqibo sokuba bazalise ifom yokwazisa ngokhubazeko lwabo mabaqaphela oku kulandelayo:

  1. Mabanike zonke iinkcukacha zabo buqu ezicelwe kwifom.
  2. Kufuneka abaqeshwa, elowo nalowo, ahlolwe yitheraphisti yezemisebenzi ebhalisiweyo (registered occupational therapist) ukungqinisisa ubuzaza bokhubazeko lwakhe.
  3. Ifom yokwazisa ngokhubazeko ezaliswe zonke iinkcukacha ne(e)leta e(zi)ngqinayo mazithunyelwe kwaNdlunkulu, ukuba ziqwalaselwe ngulo Director: Human Resource Management, Room 304, 3rd Floor, Grand Central Towers.
  4. Ingcaciso iya kutshekiswa, ize emva koko irekhodwe kwiziko ledatha langaphakathi nakwinkqubo yePersal. Le ngcaciso ilapha iyimfihlo enkulu yaye iya kugcinwa yodwa ingadityaniswa neerekhodi zabasebenzi.
  5. Iikopi zefom yokwazisa ngokhubazeko ziya kufakwa kwiziko lewebhu leSebe iWCED ukwenzela ukuba zifikeleleke ngokulula.
6. Ukuba kuye kwakho nayiphi na eminye imibuzo emalunga nalo mba, kucelwa uqhagamshelane ngokulula nomnye waba, uNks Nomalungelo Ngema apha nngema@pgwc.gov.za okanye ngefoni kule nombolo 021 467 2577, okanye noNks Mymona Jacobs apha myjacobs@pgwc.gov.za okanye ngefoni kule nombolo 021 467 2437.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:06:07

"Disability Strategy of the Western Cape Education Department (WCED)"  (ubukhulu: 100 KB)

IFOM YOKWAZISA NGOKHUBAZEKO
Xhosa  (ubukhulu: 57 KB)
"English"  (ubukhulu: 49 KB)
"Afrikaans"  (ubukhulu: 53 KB)