1. Le setyhula mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0009/2010, yomhla we-12 Julayi 2010, eyayisazisa onke amaziko okubhalela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngokuqaliswa kokusetyenziswa kootitshala njengabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo kwiimviwo zeNSC.
2. Imihlathi 4.2 no-6 yale ngcaciso imfutshane ikhankanywe apha ngasentla yayicacisa ukuba ootitshala abaneqhuzu ababini (two senior teachers) ezikolweni mabajonge umsebenzi owenziwa ngumgadi wabaviwa oyintloko (shadow the chief invigilator) ngethuba lokugadwa kwabaviwa kwiimviwo zeNSC zika-2010, ngenjongo yokuba bathathele kubo ulawulo nokugadwa kwabaviwa kwiimviwo zeNSC esikolweni emva ko-2010.
3. Kwiimviwo zeNSC zika-2011, omnye kootitshala abaneqhuzu ababini makatyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko (chief invigilator). Omnye utitshala oneqhuzu makabe ngomnye wabagadi babaviwa apho esikolweni.
4. Izikolo maziqeshe umgadi wabaviwa oyintloko ka-2010 njengomniki-ngcebiso (mentor) nomsebenzi wakhe iya kuba kukuqinisekisa ukuhamba ngaphandle kwamagingxi-gingxi kotshintsho ukusuka kwindlela endala ukutshintshela kwentsha.
5. Umgadi wabaviwa oyintloko uya kusebenza ngokusondeleyo kakhulu nomgadi wabaviwa wangaphandle oqeshwe njengomniki-ngcebiso yaye uya kwenza imisebenzi ekufuneka yenziwe ngumgadi wabaviwa oyintloko. Bobabini, umgadi wabaviwa oyintloko nomniki-ngcebiso kuya kufuneka ke ngoko babekho kwiziko lokubhalela iimviwo ngethuba leseshoni yoviwo nganye.
6. Ootitshala mababe sisiqingatha (50%) senani lilonke labagadi babaviwa beemviwo zeNSC zangoNovemba 2011 kwisikolo ngasinye. Esinye isiqingatha esiseleyo (50%) makube ngamalungu avela eluntwini olungabahlali.
7. Akukho mfuneko yokuba ootitshala abasebenza njengabagadi babaviwa bafakwe kwishedyuli epheleleyo yokugada abaviwa kwiseshoni nganye yoviwo. Bangagada abaviwa okweyure enye ubuncinane, ukwenzela ukuba banciphise ukuphazamiseka kwemisebenzi yabo yokufundisa.
8. Utitshala onomntwana obhala iimviwo zeNSC kwakwisikolo aqeshwe kuso loo titshala, makangatyunjelwa ukuba ngumgadi wabaviwa.
9. Kunyanzelekile ukuba kungabikho titshala ugada abaviwa kwisifundo asifundisayo apho esikolweni, umz. ngethuba lokubhalwa kwe-Physical Sciences, makungabikho titshala ofundisa ii-Physical Sciences omakagade abaviwa kolo viwo.
10. Iinqununu zezikolo mazityumbe ngencwadi ebhaliweyo bonke ootitshala abaya kuba besebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC. Uluhlu lwabo bonke batyunjiweyo malungeniswe kwisithili semfundo ungadlulanga owe-3 Agasti 2011.
11. Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa (kubandakanywa nezo titshala zisebenza njengabagadi babaviwa) baqeqeshiwe ekwenzeni umsebenzi wabo wokugada abaviwa.
12. Uqeqesho lweenqununu, abagadi babaviwa abaziintloko nabaniki-ngcebiso luya kuqhutywa ngoSeptemba 2011.
13. Iinqununu zezikolo mazenze irosta yokugada abaviwa yaye maziyingenise kumphathi weze-IMG ochaphazelekayo ungadlulanga owe-18 Agasti 2011. Irosta yokugada abaviwa kufuneka ibandakanye nootitshala abaphumza abanye ootitshala (relief teachers) nabagadi babaviwa kwiseshoni yoviwo nganye.
14. Abaphathi beze-IMG baya kunika inkxaso ekwenzeni irosta yokugada abaviwa, xa kukho isicelo soko.
15. Iinqununu zezikolo ziya kuthwala uxanduva lokuphendula ngolawulo nangokugadwa ngendlela eyiyo nefanelekileyo kweemviwo zeNSC ezikolweni zazo.
16. ISebe iWCED liya kuvuyiswa kakhulu yintsebenziswano yeenqununu zezikolo nootitshala ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:06:01