UKUNGENISWA KWEEFOM ZAMABANGO
Isabelo sokuqala sale nkxaso-mali siya kuhlawulwa ngo-Apreli, size isabelo sesibini sihlawulwe ngo-Oktobha.
Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neentloko zezikolo ezizimeleyo ukuba iifom zebango lenkxaso-mali yeBakala R, iziHlomelo A, B no-C, mazizaliswe ngokuchanekileyo yaye zisayinwe phambi kokuba zingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo. Makungeniswe kwakhona iikopi zerejista yokuhamba isikolo, ingxelo yeCEMIS neerisithi zokuthenga izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support materials (LTSM)).
Iifom ezingazaliswanga ngokupheleleyo (okanye iifom ezingeniswe ngqo kwaNdlunkulu) ziya kuphindiselwa emva, nto leyo ngokuqinisekileyo eya kukhokelela ekulibazisekeni kwenkqubo yokuvunywa nokuhlawulwa kwamabango.
Izicelo zenkxaso-mali zaqho ngekota ngo-2011-2012 mazingeniswe kwii-ofisi zezithili zemfundo ingadlulanga le mihla ilandelayo:
Ikota |
I-ofisi yesithili semfundo |
Ikota yesibini 2011 |
20 MEYI 2011 |
Ikota yesithathu 2011 |
19 AGASTI 2011 |
Ikota yesine 2011 |
18 NOVEMBA 2011 |
Ikota yokuqala 2012 |
10 FEBRUWARI 2012 |
Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ezizimeleyo ezingayilandelanga le mihla ingasentla zisemngciphekweni wokuphulukana nezi nkxaso-mali.
Izikolo ezifuna uncedo malunga nokuzaliswa kweefom zamabango enkxaso-mali maziqhagamshelane nomphathi we-IMG ECD kwi-ofisi yesithili semfundo sazo.
|