1. Kuxwebhu olwathunyelwa kunye neSetyhula: 0036/2004, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lazisa ngokuqaliswa kokusetyenziswa kwekhweshine yokuphuma enkonzweni emayizaliswe ngootitshala abashiya ingqesho yeSebe iWCED. Le khweshine ayenzi sibonelelo sabaqeshwa benkonzo karhulumente.
2. ISebe iWCED ngoku lihlaziye ikhweshine yokuphuma enkonzweni ukulungiselela ootishala nabasebenzi benkonzo karhulumente abashiya ingqesho yeSebe iWCED. ISebe leMfundo linqwenela ukufumana ingcaciso eninzi kangangoko ngezizathu zokuba kutheni ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente beshiya iSebe iWCED, kwaye kwakhona nokufumana iimbono ngobume bemeko yomoya ogqubayo (culture) nemeko yendawo yomsebenzi (work environment) yeSebe leMfundo. Ngale ndlela, isebe lemfundo lingazama ukusingatha imiba ethile enxulumene nengqesho yaye lithathe inyathelo lokuthintela apho linako. Ingcaciso efikileyo iya kuthathwa njengeyimfihlo kakhulu.
3. Bakubanje abaphathi bamacandelo okanye iinqununu zazisiwe ukuba utitshala okanye umsebenzi wenkonzo karhulumente uya kuba eshiya ingqesho yesebe lemfundo, mabacele ukuba umqeshwa azalise le khweshine yokuphuma enkonzweni eqhotyoshelwe apha (isiHlomelo A).
4. Iifom ezizalisiweyo mazingeniswe kumlawuli ochaphazelekayo kwaNdlunkulu okanye kwi-ofisi yesithili semfundo, oya kuthi emva koko athumele iifom ngeposi apha Director: Human Resource Management, Private Bag X9114, Cape Town, 8000, okanye azithumele ngefeksi apha
021 467 2019.
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:05:16

isiHlomelo A: IKHWESHINE YOKUPHUMA ENKONZWENI  (ubukhulu: 65 KB)
"Assets Control Form"  (ubukhulu: 27 KB)