1. |
Le setyhula ithatha indawo yazo zonke iisetyhula zangaphambili ezimalunga noku kulapha ngentla. |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyalivuma ilungelo labaqeshwa balo lokulandela ikhondo lezopolitiko ngokomgaqo-siseko welizwe lethu, kodwa likwazimisele ukuqinisekisa ilungelo labafundi lokuba babe kwindawo ekhuselekileyo, enocwangco nengaphazamisaniyo nezifundo. |
3. |
Umgaqo-sikhokelo womthetho (legal framework), imigqaliselo nemiqathango elawula uthatho-nxaxheba lwabaqeshwa beSebe iWCED (ootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente) kunyulo loomasipala oluzayo nge-18 Meyi kusingethwe kwezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo zilandelayo:
|
IsiHlomelo A1 - Unyulo loomasipala (Abo basisigxina) |
IsiHlomelo A2 - Unyulo loomasipala (Abo bangesosigxina) |
|
4. |
Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli ukuba baqinisekise ngokuba okubhalwe kule setyhula kwaziswa bonke abasebenzi. |
5. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:04:20
|
 |