1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyayivuma kwaye liyikhuthaza indima ethembisayo edlalwa ngamabhunga olawulo ezikolo (ii-SGB) kulawulo lwezemali (financial management) lwezikolo zethu zikarhulumente kwakunye nasekongezeleleni izibonelelo eziyimali ezibonelelwa kwezi zikolo lisebe. Iifizi zesikolo ezinyanzelekileyo ziya kuhlala zingumthombo obalulekileyo wengxowa-mali eyongezelelayo kwizikolo zikarhulumente ekungezizo izikolo ezingabizi zifizi.

2. Nakuba, kunjalo iSebe iWCED, limana lifumana izikhalazo ezivela kubazali ezimalunga namabhunga olawulo ezikolo kwizikolo ezibiza iifizi angayithobeliyo iMimiselo ePhathelele nokuXolelwa kwaBazali kwiNtlawulo yeeFizi zeSikolo (2006) (Regulations Relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees (2006). Izikhalazo ezifunyenweyo zahluka-hlukene yaye zibandakanya imiba enjengokwala kwezikolo ukunika abazali iifom ezisemthethweni zokwenza izicelo, ukwala kwee-SGB ukuqwalasela izicelo apho abazali banganikanga yonke ingcaciso efunekayo, ukungaphumeleli ukwazisa abazali ngeziphumo zezicelo zabo, kunye nokungaphumeleli kwazo ukulandela ngqo inkqubo echanekileyo phambi kokufuna intlawulo yeefizi zesikolo ngokuthatha amanyathelo asemthethweni.

3. ISebe iWCED linqwenela ukugxininisa le migqaliselo ilandelayo ibalulekileyo, evela kule Mimiselo ikhankanywe apha ngentla nekufuneka isetyenziswe zii-SGB neenqununu zezikolo xa kusingethwe izicelo zokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi:
3.1 UMmiselo (Regulation) 3(1)(e) ucacisa uthi, ukuba umzali usemva kwintllawulo yeefizi ngenyanga enye okanye nangaphezu koko, ibhunga lolawulo malenze uphando lokuba ngaba umzali ukufanele na ukuxolelwa kwintllawulo yeefizi, phambi kokuba kuthathwe amanyathelo ngokweSiqendu 41(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1966). Kudla ngokuthi isikolo sithathe amanyathelo asemthethweni (legal process) ngakubazali ukufumana iifizi zesikolo ezingahlawulwanga, ngaphandle kokuqala sisebenzise lo mgqaliselo ulapha ngentla. UMmiselo 3(1)(e) ukwaphantsi kwesiqendu 41(4) seSASA.
3.2 NgokoMmiselo 4 (1), abenzi-sicelo mabenze isicelo ngencwadi ebhaliweyo qho ngonyaka kusihlalo we-SGB, ngokuzalisa ifom ekwisiHlomelo B sale Mimiselo. Inqununu yesikolo esichaphazelekayo mayinike abenzi-sicelo ifom leyo.
3.3 UMmiselo 4(2) ucacisa ukuba umenzi-sicelo makanike ezo nkcukacha zizezinye zifanelekileyo njengoko zinokufunwa libhunga lolawulo. UMmiselo 9 (3) ucacisa ukuba akukho mzali makakhutshelwe ecaleni njengongafanelekanga ngenxa yezizathu zokuba ifom yesicelo sakhe ingazaliswanga ngokupheleleyo okanye izaliswe ngokungachanekanga. Abazali abangatshatanga, ingakumbi, bafumana ubunzima neengxaki ezininzi ekunikeni iinkcukacha zomzali ongenguye ongumgcini womntwana (non-custodian parent).
3.4 Iimeko zemali zabazali zinokutshintsha kunyaka wesikolo othile, yaye kwimeko enjalo abazali banokwenza isicelo sokuxolelwa kwintllawulo yeefizi ezishiyekileyo zonyaka wesikolo okanye kude kube lelo xesha iimeko zemali zabo zithe zabhetele ekuhambeni konyaka wesikolo. NgokweSiqendu 41(3) seSASA, uxolelo kwintllawulo yeefizi zesikolo lubalwa ukuqalela emva ukususela ngomhla abazali abalufanele ngawo uxolelo kwiifizi.
3.5 I-SASA nemimiselo ekhankanyiweyo ayibakhupheli ngaphandle abazali babafundi abahamba isikolo kwezo zikolo zizezona zikufuphi nabo ekubeni benze izicelo zokuxolelwa kwintllawulo yeefizi zesikolo. Bonke abazali abangenako ukuhlawula iifizi zesikolo bafanelekile ukuba bangenza izicelo zokuxolelwa kwintllawulo yeefizi zesikolo kungakhathaliseki ukuba bahlala phi.
3.6 Ii-SGB nezikolo kufanele zikhumbule oku kulandelayo xa zibala ukuba umzali (abazali) ufanelekile na ukuba axolelwe ekuhlawuleni iifizi ngokweMimiselo: Ingeniso edibeneyo yabazali yonyaka kungekaxhuzulwa rhafu nazintlawulo (combined annual gross income), iya kuba yingeniso edibeneyo yonyaka kungekaxhuzulwa rhafu nazintlawulo, yabazali bobabini idityanisiwe, okanye ukuba umfundi unomzali omnye kuphela, iyonke ingeniso yonyaka kungekaxhuzulwa rhafu nazintlawulo yaloo mzali.

4. NgokweMimiselo, iNtloko yeSebe ngusomagunya ekubhekiswa kuye izibheno ngokumalunga nokuxolelwa kwabazali kwintlawulo yeefiizi zesikolo. Nakuba kunjalo, inako iNtloko yeSebe ukugweba kwimeko ethile kuphela xa abazali befuna ukuba isigqibo seSGB sihlalelwe kwakhona xa befake isibheno. Yonke eminye imiba emalunga neefizi zesikolo nokuxolelwa kwabazali kwintlawulo yeefizi zesikolo mayisonjululwe ngabazali nebhunga lolawulo lesikolo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:04:04

"South African Schools Act (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 56 KB)