1. Isikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) esimalunga nokukhutshwa kweesetyhula neengcaciso ezimfutshane sakhutshwa okokuqala, phakathi kwezinye, ngeSetyhula 0026/96 ye-14 Matshi 1996 nangeSetyhula 0036/1000 ye-6 Apreli 1999.

2. Kodwa ke, emva kokuhlenga-hlengiswa kweSebe i-WCED kutshanje kunye nokwenziwa kwamacandelo amatsha nokuqeshwa kwabanye abasebenzi, kuye kwayimfuneko ukuba kuhlaziywe isikhokelo sangaphambili esimalunga noku nokuba kukhutshwe le sethi yesi sikhokelo sitsha silandelayo:
2.1 Okokuqala, kubalulekile ukwahlula phakathi kwenjongo yesetyhula naleyo yengcaciso emfutshane. Iisetyhula zikhutshwelwa ukwazisa abasebenzi beSebe i-WCED ngemicimbi ebaluleke ngokukodwa, o.k.t. imibandela engomgaqo-nkqubo engenakutshintshwa nakanjani na okanye engenakungahoywa. Iingcaciso ezimfutshane zisetyenziswa ngamaCandelo aBalawuli abaziiNtloko, zii-Ofisi zeZithili namaCandelo aBalawuli ukunika ingcaciso, imiyalelo okanye ukucacisa ngemiba yemihla ngemihla
2.2 Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane maziprintwe kwiletahedi yaseburhulumenteni yeSebe i-WCED, enelogo ye-WCED nengcaciso yoqhagamshelwano (contact information) ebhalwe kumazantsi ephepha lokuqala. Kuqhotyoshelwe apha umzekelo wephepha elineletahedi yaseburhulumenteni yeSebe i-WCED;
2.3 Kucelwa uqiniseke ngoku kulandelayo xa utayipha isetyhula okanye ingcaciso emfutshane kwikhompyutha:

  • Makukhethwe u-"Full justification" kwiphepha leletahedi.
  • Makuvele i-"footer" kwiphepha lokuqala kuphela.
2.4 Inombolo ngqo yefoni ye-ofisi nenombolo yefeksi yegosa (yamagosa) emakubhekiswe kulo (kuwo) imibuzo, kwakunye ne-official file reference number ne-IMS number, mazivele kwikona ekumphezulu osekhohlo wesetyhula okanye wengcaciso emfutshane;
2.5 2.5 Uluhlu lwabantu ethunyelwa kubo isetyhula okanye ingcaciso emfutshane malutayishwe ukuqalela ekhohlo kuye kutsho ekugqibeleni ekunene kwephepha lube yimigca eliqela. Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yoLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi 0024/2009, iNgcaciso eMfutshane yokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo 0006/2007 ne-oganogram evunyiweyo yeSebe i-WCED malunga namagama ezikhundla achanekileyo.
2.6 Ukungqinelana nomgaqo-nkqubo wephondo, amagosa makaqinisekise ukuba iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zikhutshwa ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni zePhondo leNtshona Koloni, o.k.t. isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa.
2.7 Kubaluleke gqitha ukuba zonke iisetyhula neengcaciso ezimfutshane ezithunyelwa kwizikolo ze-WCED zithunyelwe kwiiNkonzo zeeLwimi (Language Services) ukwenzela ukuba zilungiswe iziphene kwaye ziguqulelwe kolunye ulwimi phambi kokuba zisayinwe. Makufakwe uxwebhu olulungiswe iziphene oluthunyelwe nge-imeyili ziiNkonzo zeeLwimi kwifayili engeniswa ngenjongo yokuba luvunywe uxwebhu luze lusayinwe okokugqibela;
2.8 Ukukhusela igunya nezikhundla zabo, kwixesha elizayo, iisetyhula zinokusayinwa kuphela ngoyiNtloko yeSebe leMfundo. Ingcaciso emfutshane inokusayinwa kuphela ngokwisikhundla seSekela Mlawuli-Jikelele welo candelo likhulu lithile.
2.9 Iikopi ezisayiniweyo zeesetyhula nezeengcaciso ezimfutshane mazithunyelwe kwiRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu, kwakunye nerikhwizishini yokuprintwa kweekopi ezingamaphepha kumzi wokuprinta e-Alexander Precinct nerikhwizishini yokuprinta iilebhile apho kubhalwe amagama needilesi zamaziko ekuza kuthunyelwa kuwo uxwebhu. Kwangaxeshanye, uxwebhu oluthunyelwa ngekhompyutha lwesetyhula okanye lwengcaciso emfutshane maluthunyelwe kwiRejistri eNkulu (General Registry) ukwenzela ukuba lusasazwe ngokuthunyelwa ngekhompyutha. Lungathunyelwa kwakhona nge-imeyili kwiRejistri eNkulu kule dilesi registry1@pgwc.gov.za
2.10 IRejistri eNkulu yabela isetyhula nengcaciso emfutshane nganye inombolo emva kokuba isayiniwe. Le nombolo iya kuvela kumntla wephepha lokuqala nakulo ngalinye lamaphepha alandelayo.
2.11 Abalawuli abaziintloko, abalawuli noomabhalane babo mabagcine irejista yeengcaciso ezimfutshane ezikhutshwayo kunyaka ngamnye (ngokolandelelwano ezazikhutshwe ngalo kwaye zibonise iinombolo zazo zaseburhulumenteni).

3. Nayiphi na imibuzo emalunga nokukule setyhula mayibhekiswe komnye wamagosa amagama abo avela kwikholam yemibuzo (enquiries column).

4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-02-19